bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
/
Mark 11
Mark 11
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
← Chapter 10
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 12 →
1
KEKALOKU xeshekweni basondelayo e‐Yerusaleme, e‐Betefage nase‐Betaniya ngasentabeni yeminquma, watuma ababini bakubadisipile bake,
2
wati kubo: Hambani niye emzini omalungana nani; nose niti ke nakungena kuwo, nifumane iqwaṙashana libotshelelwe, ekungahlalanga namnye umntu pezu kwalo: likululeni nilizise.
3
Nokuba umntu uti kuni: Yinina ukuba nenze oku? yitini: Inkosi iyalifuna; wosel’ elituma apa ke.
4
Basuka bemka, baya balifumana iqwaṙashana libotshelelwe ngaselucangweni ngapandle ekuhlanganeni kwendlela, balikulula.
5
Baza inxenye yababemi kona bati kubo: Nenza nto nina nikulula nje iqwaṙashana?
6
Koko batsho kubo kwa njengokuba ebeyalele u‐Yesu: baza babayeka.
7
Bandula balizisa iqwaṙashana ku‐Yesu, baposa pezu kwalo ingubo zabo; waza wahlala pezu kwalo.
8
Bati abaninzi bandlala ingubo zabo endleleni; bebesiti abanye bagaula amagatya emitini, bawandlala endleleni.
9
Baza abo babe behamba pambili, nabo babe belandela, badanduluka, besiti: Hosana! Makatanyusanqeliswe ozayo egameni likayehova!
10
Mabutanyusanqeliswe ubukumkani bobawo wetu u‐Davide, obuzayo egameni likayehova! Hosana enyangweni yapezulu!
11
Waza u‐Yesu wangena e‐Yerusaleme, nasetempileni; wati akusingasingela zonke izinto, kuse kuhlwile nje, wapuma waya e‐Betaniya kunye nabalishumi linababini.
12
Kekaloku ngomhla olandelayo, nxa bebepumile e‐Betaniya, walamba.
13
Wati akubona umkiwane ekude, unamagqabi, weza ukuba umhlaumbi wofumana into kuwo; (wati akufika kuwo, wafumana amagqabi kwapela;) ngokuba bekungelixesha lamakiwane.
14
Waza wapendula u‐Yesu, wati kuwo: Makungabi satyiwa ngumntu isiqa̔mo kuwe kude kube ngunapakade. Babesiva ke abadisipile bake.
15
Baza bafika e‐Yerusaleme: waza u‐Yesu engene etempileni waqala ukugxota bonke ababetengela nababetenga etempileni, wazipenula itafile zabananeli bemali, nezihlalo zababetengisa ngamahobe,
16
engavumeli nokuba umntu acande etempileni etwele impahla.
17
Wati kanjalo wafundisa, esiti kubo: Akuba̔liwe na ukuti: Indlu yam iya kubizwa ngokuti yindlu yokutandaza kuzo zonke intlanga? kanti nina niyenzile umqolomba wamabada.
18
Baza beva ababa̔li nabaperisite abakulu, bafuna ukuba boti nina ukumbubisa; ngokuba bebemoyika, kuba isihlwele sonke sibe simangaliswa pezu kwesifundiso sake.
19
Waza wati, nxa kuse kuhlwile, wapuma pandle kwesixeko.
20
Kekaloku kwakusa, bakudlula, babona umkiwane ukuba ubunile kwada kwasezingcanjeni.
21
Waza u‐Petrosi ekumbule nje wati kuye: Rabi! kangela, umkiwane owabuqalekisa wona ubunile.
22
Waza wapendula u‐Yesu wati kubo: Yibani nokolo kutixo.
23
Ngokuba ngokwenene ndisiti kuni: Osukuba esiti kulentaba: Yiba ususwa, uposelwe elwandle; aze angatandabuzi entliziyweni yake, koko akolwe ukuba izinto azitetayo ziyenzeka; uya kuba nako oko asukuba esitsho kona.
24
Ngenxa yoku nditi kuni: Zonke izinto enisukuba nizicela nitandaza, kolwani ukuba niyazamkela, naniya kuba nazo.
25
Naxeshekweni nimi nitandaza, xolelani, ukuba ninendawo ngasemntwini; ukuze ati noyihlo osezulwini anixolele nina iziposo zenu.
26
Kodwa ukuba nina anixoleli, kanjalo uyihlo osezulwini akayi ku ni xolela iziposo zenu.
27
Baza babuya bafika e‐Yerusaleme: kekaloku akuhamba etempileni, kweza kuye abaperisite abakulu, nababa̔li, nabadala,
28
bati kuye: Uzenza ezizinto ngegunya lanina? kanjalo ngubanina owanika eligunya kuwe, lokuba ezizinto uzenze?
29
Koko u‐Yesu wapendula wati kubo: Nam ndobuza kuni indawo ibe nye, nize nindipendule, ndandiya kunixelela kungelanina igunya endizenza ezizinto:
30
Ubapitizesho luka‐Johane beluvela ezulwini, beluvela ebantwini, kusinina? ndipenduleni.
31
Baza batelekelela ngokwabo, besiti: Ukuba siti: Ezulwini; woti: Kunganina pofu ukuba anikolwanga nguye?
32
Koko ukuba siti: Ebantwini; bebesoyika abantu; ngokuba kwa bonke bebembala u‐Johane ukuba ebengumprofite ngokwenyaniso.
33
Baza bapendula bati ku‐Yesu: Asazi. Wapendula no‐Yesu wati kubo: Nam andixeleli nina kungelanina igunya endizenza ezizinto.
← Chapter 10
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 12 →
All chapters:
1
2
3
4
5
6
7
8
9
10
11
12
13
14
15
16