bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
/
Mark 12
Mark 12
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
← Chapter 11
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 13 →
1
Waza waqala ukuteta kubo ngemizekeliso, esiti: Umntu otile watyala isitiya, wa si biyela ngotango, wembela ifatye yeveyine, waka inqaba, wasiqeshisela kubalimi, waza wahambela kwelinye ilizwe.
2
Wati ngexesha elifanelekileyo watuma kubalimi isicaka, ukuze samkele kubalimi kwiziqa̔mo zesitiya.
3
Kodwa basitabata basityabula, basindulula singenanto.
4
Waza wabuya watuma kubo esinye isicaka; neso basigibisela ngamatye basenzela inxeba entloko, basindulula sipetwe ngento ehlazekileyo.
5
Wabuya watuma nesinye; neso basibulala: kwa nezinye ezininzi, inxenye bezityabula, inxenye bezibulala.
6
Ngako esenonyana emnye, umtandwa wake, wamtuma naye kubo ngokugqibela, esiti: Baya kumhlonela unyana wam.
7
Kodwa abalimi abo batsho pakati kwabo ukuti: Lo uyindlalifa; yizani, masimbulale, lize ilifa libe leletu.
8
Baza bamtabata bambulala, bamku̔pela ngapandle kwesitiya.
9
Uya kwenza nto nina ngoko umninisitiya? uya kuza atshabalalise abobalimi, anike isitiya kwabanye.
10
Anileseshanga na esisiba̔lo sokuti: Ilitye babelilahlile abaki, elona laba yintloko yegumbi;
11
bekukukwenza kukayehova oku, kungummangaliso ke emehlweni etu?
12
Baye befuna ukumbamba, kanti basoyika isihlwele; ngokuba bebenakene ukuba lomzekeliso wawuteta ngakubo; baza bamshiya bemka.
13
BAZA batuma kuye abatile bakubafarisi nakubaherodi, ukuze bambambise ngokuteta.
14
Beza ke bona bati kuye: Mfundisi! siyazi ukuba uyinene, ungakatali ngumntu; ngokuba ungabuki ubuso babantu, koko ufundisa indlela katixo ngokwenyaniso: kufanelekile ukunika umnikelo ku‐Kesare, aku fanelekile, kusinina?
15
sinike, singaniki, kusinina? Kodwa yena ebazi ubuhanahaniso babo, wati kubo: Yinina ukuba nindilinge? ndiziseleni idenari, ukuze ndi yi bone.
16
Ba yi zisa ke. Waza wati kubo: Ngokabanina lomfanekiso nesiba̔lwa? Bati ke kuye: Ngoka‐Kesare.
17
Waza wapendula u‐Yesu wati kubo: Nikelani izinto zika‐Kesare kuye u‐Kesare, nezinto zikatixo kuye utixo. Bati nqa ke pezu kwake.
18
Kwaza kweza abasadusi kuye, abati akuko luvuko, bambuza, besiti:
19
Mfundisi! u‐Mosesi wasiba̔lela ukuti: Xeshekweni kufayo umkuluwe womntu, aze ashiye umfazi emva kwake, angashiyi abantwana, makati umninawe wake azeke umfazi wake, amvusele umkuluwe wake inzalo.
20
Bekuko abazalwana abasixe̔nxe: waza owokuqala wazeka umfazi, wati ebuba nje akashiya nzalo.
21
Waza owesibini wamzeka, wafa, wati naye akashiya nzalo. Wenje njalo nowesitatu.
22
Bamzeka ke abasixe̔nxe, bengashiyanga nzalo. Emveni kwabo bonke wafa nomfazi.
23
Ngako eluvukweni, xeshekweni babuya bavuke, woba ngumfazi wawupina kubo? ngokuba abasixe̔nxe bebenaye engumfazi.
24
Waza wapendula u‐Yesu wati kubo: Aniposisi ngako oku na, ningazi nje iziba̔lo, kwa namandla katixo?
25
ngokuba, xeshekweni babuya bavuke, bengazeki, bengendiswa kanjako, koko benjengengelosi ezisezulwini.
26
Kodwa ngabo abafileyo, ukuba bayavuka, anileseshanga na encwadini ka‐Mosesi, endaweni yetyolo, okokuba utixo wateta kuye, esiti: Mna ndi ngutixo ka‐Abrahame, notixo ka‐Yisake, notixo ka‐Yakobi?
27
aka ngutixo wabafileyo, u ngutixo wabahleliyo: nina ngoko niyaposisa kakulu.
28
Waza omnye wakubaba̔li, obebavile bebuzisana, esazi ukuba ulungisile ukubapendula, weza wambuza, esiti: Nguwupina owokuqala umyalelo kuyo yonke?
29
Wati u‐Yesu ukumpendula: Owokuqala kuyo yonke imiyalelo ungowokuti: Pulapula, Sirayeli! uyehova, utixo wetu, u nguyehova emnye:
30
wauya kumtanda uyehova, utixo wako, ngayo yonke intliziyo yako, nangawo wonke umpefumlo wako, nangayo yonke ingqondo yako, nangawo onke amandla ako. Nguwo lo owokuqala umyalelo.
31
Nowesibini ufana na wo, lo wokuti: Uya kutanda ummelwane wako njengokuzi tanda kwako. Akuko myalelo wumbi umkulu kulé.
32
Waza umba̔li lowo wati kuye: Ulungisile, Mfundisi! ukutsho ngokwenyaniso; ngokuba utixo emnye, kungeko wumbi ngapandle kwake;
33
nokutanda yena ngayo yonke intliziyo, nangayo yonke ingqondo, nangawo wonke umpefumlo, nangawo onke amandla, nokutanda ummelwane njengoko umntu a zi tanda ngako, kuyinto enkulu kuwo onke amadini okutshiswa nemibingo.
34
Waza u‐Yesu, akubona ukuba upendule ngobutelekelelo, wati kuye: Akukude kubo ubukumkani bukatixo. Kwaza akwabi sabiko mntu onokukalipa kwokumbuza nto.
35
Waza wapendula u‐Yesu efundisa etempileni, wati: Bati nina ababa̔li ukuti u‐Kristu ungunyana ka‐Davide?
36
Ngokuba u‐Davide ngokwake ebesitsho ngomoya oyingcwele ukuti: Wati uyehova kwinkosi yam: Hlala ngasekunene kum, ndide ndenze intshaba zako zibe sisitulo senyawo zako.
37
U‐Davide ngoko ngokwake uti u yinkosi: aze ati nina ke ukuba ngunyana wake? Sati isininzi esikulu sesihlwele samva ngokuvuya.
38
Waza wati kubo ekufundiseni kwake: Lumkani ababa̔li, abatanda ukuhamba ngengubo ezinde, nezibuliso ezindaweni zentengo,
39
nezihlalo zapambili ezindlwini zentlanganiso, nendawo zobukulu ezidlweni;
40
abadlayo izindlu zabahlolokazi, besenza nemitandazo emide ngokuzenzisa: aba baya kwamkela ukugwetywa okukulu ngakumbi.
41
Kekaloku u‐Yesu ehleli pantsi malungana nendawo yendyebo, wabekangela ukuba bati nina abantu ukufaka imali endaweni yendyebo: baye abaninzi abazityebi bebefaka into enkulu.
42
Wada weza umhlolokazi otile olihlwempu, wafaka imalanyana zambini, ezisesesine isahlulo sedobulitye.
43
Waza wabiza abadisipile bake wati kubo: Ngokwenene nditi kuni: Lomhlolokazi olihlwempu ubagqitisile ngokufaka bonke abafakileyo endaweni yendyebo:
44
ngokuba bona bonke bebefaka kubo ubuninzi babo; kodwa lo kuko ukuswela kwake ebefaka konke oko abenako, kwa konke apila ngako.
← Chapter 11
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 13 →
All chapters:
1
2
3
4
5
6
7
8
9
10
11
12
13
14
15
16