bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
/
Mark 13
Mark 13
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
← Chapter 12
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 14 →
1
KEKALOKU akupuma etempileni, omnye wakubadisipile bake wati kuye: Mfundisi! kangela, amatye anjanina, nezakiwo ezinjanina!
2
Waza u‐Yesu wapendula wati kuye: Uyazibona na ezizakiwo zikulu? akuyi kushiywa elinye ilitye pezu kwelinye, elingayi kuwiswa pantsi.
3
Kekaloku nxa abehleli entabeni yeminquma, malungana netempile, bambuza ngasese u‐Petrosi, no‐Yakobi, no‐Johane, no‐Andreya, besiti:
4
Sixelele, zobako ninina ezizinto? kanjalo woba yinto nina umqondiso, xeshekweni zonke ezizinto ziza kufezwa?
5
Waye u‐Yesu ebapendula waqala ukuti: Lumkani, ize ningalahlekiswa mntu.
6
Ngokuba abaninzi beya kuza egameni lam, besiti: Mna ndinguye; baze balahlekise abaninzi.
7
Kodwa xeshekweni nizivayo imfazwe, namaṙe emfazwe, ningabi navuso; ngokuba ezizinto zifanele ukuhla; kodwa ukupela akukabiko.
8
Ngokuba uhlanga luya kuvukela uhlanga, nobukumkani buya kuvuk ela ubukumkani; zaziya kubako izingcangcazelo zomhlaba ngendawo ngendawo; zobako kanjalo indlala nezipitipiti: ziziqalo zenimba ezizinto.
9
Kodwa zilumkeleni nina: ngokuba beya kuninikela ematyaleni, naniya kutyatyulwa ezindlwini zentlanganiso; ewe, niya kumiswa pambi kwenkosi nokumkani ngenxa yam, kube sisinqi̔no kubo.
10
Kanjalo ivangeli ifanele ukuti tanci ishunyayelwe pakati kwentlanga zonke.
11
Kodwa okuya banir̔olayo ukuninikela, ningabi nasitukutezi ngapambili sokuba noteta nto nina, ningabi nakucinga kanjalo; koko into esukuba ninikwa yona ngeloxeshana, le yiteteni: ngokuba kungenini abatetayo, kungumoya oyingcwele.
12
Woti umzalwana anikele umzalwana ekufeni, noyise wonikela umntwana; kanjalo abantwana baya kusukela abazali, babafise:
13
naniya kutiywa nga bantu bonke ngenxa yegama lam; kodwa onyamezelayo kude kube sekupeleni, oyena uya kusindiswa.
14
Kekaloku xeshekweni niyibonayo into ezondekileyo yokuci̔takalisa, ekwatetwa ngayo ngu‐Danyeli umprofite, imi apo ingafaneli ukuma kona; (oleseshayo makaqonde;) mabati oko abo base‐Judeya basabele ezintabeni:
15
nalowo upezu kwentungo yendlu makangehli ukuya pakati endlwini; kanjako makangangeni ukuya kususa into endlwini yake;
16
nalowo osentsimini makangabuyeli emva ukuya kususa ingubo yake.
17
Hai kodwa ubunzima babo abamitiyo nabanyisayo kuleyomihla!
18
Tandazani ke ukuba mayingabiko intsabo yenu ebusika:
19
ngokuba imihla leyo iya kuba yimbandezelo, ekungabangako enjalo kwa sekuqaleni kwokudalwa akudalileyo utixo kwada kwakaloku, nekungayi kuza kubeko enjalo.
20
Kanjako ukuba inkosi ibingayincipisanga lomihla, bekungayi kusindiswa namnye umntu; kodwa ngenxa yabaqashwa ibaqashileyo, iyincipisile lomihla.
21
Zeniti ke oko, ukuba umntu utsho kuni ukuti: Nanku apa u‐Kristu; umhlaumbi ukuti: Nanku paya; ningakolwa ke.
22
Ngokuba kuya kuvuka okristu ababuxoki, nabaprofite ababuxoki, babeya kubonakalisa imiqondiso nemimangaliso, ukunga bangati, ukuba kungenzeka, balahlekise kwa nabaqashwa.
23
Kodwa lumkani nina: bona ke, ndinixelele ngapambili konke.
24
Koko kuleyo imihla, emveni kwembandezelo leyo, ilanga liya kwenziwa mnyama, nenyanga ayiyi kunika ukukanya kwayo,
25
nenkwenkwezi zezulu ziya kuwa ku lo, namandla asezulwini aya kuzanyazanyiswa:
26
kwandul’ ukubonwa unyana wesintu esiza emafini, enamandla amakulu nobungcwalisa.
27
Waeya kwandula atume ingelosi zake, abutele ndawonye abaqashwa bake bevela emimoyeni yomine, kwa sencameni yomhlaba kude kube sencameni yezulu.
28
Kanifunde umzekeliso ngomkiwane: Xeshekweni isebe lawo lise litambile, lipuma amagqabi, niyazi ukuba likufupi ihlobo:
29
kwa njalo nani, xeshekweni nibona ezizinto zisihla, yazini ukuba kukufupi oko ngasemnyango.
30
Ngokwenene nditi kuni: Asiyi kuza sidlule isizukulwana esi, zide zonke ezizinto zibe zenzekile.
31
Kwodlula izulu nomhlaba; kodwa amazwi am akayi kuza adlule.
32
Kodwa akuko mntu owaziyo ngayo leyomini neyure; azazi ingelosi ezisezulwini, kwa nonyana; ngubawo owaziyo kupela.
33
Lumkani, papamani nitandaze; ngokuba ningalazi ixesha ukuba liba ninina.
34
Ngokuba unyana wesintu e njengomntu ohambele kwelinye ilizwe, owashiya indlu yake, wazinika izicaka zake igunya, nezinye ngezinye umsebenzi wazo, wayalela umgcinimnyango ukuba alinde.
35
Lindani ke ngoko; ngokuba ningazi ukuba umninindlu uyeza ninina, nokuba kungokuhlwa na, nokuba kupakati kwobusuku na, nokuba kusekulileni kwenkuku na, nokuba kungokusa na;
36
hleze ati, esiza ngokwalama, anifumane nilele.
37
Kanjalo oko ndikutshoyo kuni, ndikutsho kubo bonke: Lindani.
← Chapter 12
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 14 →
All chapters:
1
2
3
4
5
6
7
8
9
10
11
12
13
14
15
16
Recommended Reading
Commentary
Mark Commentaries
→
Devotional
Mark Devotional Guide
→
Get This Bible
Xhosa (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, (Xhosa Appleyard)) Study Bible
→