bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
/
Mark 2
Mark 2
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
← Chapter 1
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 3 →
1
WATI kekaloku, nxa sekuntsuku, wabuya wangena e‐Kapenayume; kwaye kuvakala ke ukuba usendlwini.
2
Kwaza kwasekuhlanganisana abaninzi, zada azabi senaku b amkela nendawo zangaselucangweni: wayeliteta kubo ilizwi ke.
3
Kekaloku beza kuye bezisa umntu onesifo sokushwabanisa, etwelwe sisine samadoda.
4
Baza bati, bekohliwe kusondela kuye ngenxa yesihlwele, banqika isifulelo apo ebekona, bati bakuba bebegqobozile, bahlisa uku̔ko wabelele kulo onesifo sokushwabanisa.
5
Wabona ke u‐Yesu ukolo lwabo, wati konesifo sokushwabanisa: Nyanandini! uxolelwe izono zako.
6
Kwaye kuko ababa̔li abatile behleli kona, becamanga ezintliziyweni zabo, ngokuti:
7
Yinina ukuba lo enje njalo ukuziteta ingxeko? ngubanina ongazixolelayo izono, kupela mnye e ngutixo?
8
Waselenakana u‐Yesu emoyeni wake, ukuba bacamanga njalo pakati kwabo, wati kubo: Nizicamangela nina ezizinto ezintliziyweni zenu?
9
okona kulula kukupina; ukuti konesifo sokushwabanisa: Uxolelwe izono zako; ukuti: Suka, upate uku̔ko lwako, uhambe; kusinina?
10
kodwa ukuze nazi ukuba unyana wesintu onegunya emhlabeni ukuxolela izono, (wati konesifo sokushwabanisa:)
11
nditi kuwe: Suka, upate uku̔ko lwako, uye endlwini yako.
12
Waselesuka ke, walupata uku̔ko, wapuma ebusweni babo bonke; bada bamangaliswa bonke, bamdumisa utixo, besiti: Asizanga sibone okunje.
13
WAZA wapuma wabuya waya ngaselwandle; sati sonke isihlwele seza kuye, wabafundisa ke.
14
Waza edlula nje wabona u‐Levi, unyana ka‐Alefeyu, ehleli endaweni yokwamkela iminikelo, wati kuye: Ndilandele. Wesuka ke, wamlandela.
15
Kwaza kwati, akuhlala pantsi endlwini yake, kwahlala nento eninzi yababuti beminikelo naboni ekutyeni ndawonye no‐Yesu nabadisipile bake: ngokuba bebebaninzi, bamlandela ke.
16
Baza ababa̔li nabafarisi, bakumbona esitya kunye nababuti beminikelo naboni, bati kubadisipile bake: Yinina ukuba atye asele kunye nababuti beminikelo naboni?
17
Waza u‐Yesu evile nje wati kubo: Abomeleleyo abasweli gqir̔a; ngabafayo abalisweleyo. Andeza ukubiza abalungileyo, koko ndize ukubiza aboni baguquke.
18
Kekaloku abadisipile baka‐Johane nababafarisi bebezila ukutya: baza beza bati kuye: Kunganina ukuba abadisipile baka‐Johane nabafarisi bazila ukutya, kanti abako abadisipile abakuzili?
19
Waza wati u‐Yesu kubo: Usapo lwenkambili yomtshakazi lungazila ukutya na, oko umyeni analo? lonke ixesha lusenaye umyeni enalo, alungezile kutya.
20
Kodwa iya kuza imihla okuya umyeni aya kususwa kulo, lwaluya kwandula luzile ukutya kuleyomihla ke.
21
Akuko mntu utungela isiziba sencawa engatutyulwanga engutyeni endala; okanye, into entsha efakiweyo iyaṙazula kwendala, siti isiṙoba senzwe sibi ngakumbi.
22
Kanjalo akuko mntu uta̔ iveyine entsha ezintsubeni ezindala; okanye, iveyine entsha iyazigqoboza intsuba, ize ipalale iveyine, zitshabalale nentsuba; koko iveyine entsha ifanel’ ukuti̔wa ezintsubeni ezikwa zintsha.
23
KWAYE kute ukuba ebecanda emasimini ngemini yesabata: baza abadisipile bake baqala ukuhamba bezika izikwebu.
24
Baye abafarisi besiti kuye: Kangela, yinina ukuba bakwenze ngemini yesabata okungafanelekileyo?
25
Waza yena wati kubo: Anizanga nileseshe na into wayenzayo u‐Davide, okuya wayenokuswela, walamba yena nabo babenaye;
26
okokuba wangena endlwini katixo, emihleni ka‐Abiyatare umperisite omkulu, watya izonka zokubonakala, ekufanelekile ukuba zityiwe ngabaperisite kupela, wanika nabo abebendawonye naye?
27
Wabesiti kubo kanjalo: Isabata yenziwa ngenxa yabantu, akw enziwa abantu ngenxa yesabata.
28
Ngako oko unyana wesintu uyinkosi yesabata nayo.
← Chapter 1
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 3 →
All chapters:
1
2
3
4
5
6
7
8
9
10
11
12
13
14
15
16