bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
/
Mark 8
Mark 8
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
← Chapter 7
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 9 →
1
NGALEYOMIHLA, isihlwele sisikulu kakulu nje, bengenanto yokutya kanjako, wababiza u‐Yesu abadisipile bake, wati kubo:
2
Ndibetwa lusizi pezu kwesihlwele, ukuba kuse kuntsuku ntatu behlala nam, bengenanto yokutya:
3
kanjalo xeshekweni ndibandulula bengatyanga ukuya ezindlwini zabo, baya kucubuka endleleni; ngokuba bevele kude inxenye yabo.
4
Baza bapendula kuye abadisipile bake, besiti: Umntu apa angahlutisa aba ngezonka ezivela pina besentlango?
5
Wayebuza kubo, esiti: Izonka eninazo zingapina? Bati ke: Zisixe̔nxe.
6
Waza wayalela isihlwele ukuba sihlale pantsi emhlabeni. Waza watabata izonka zozixe̔nxe, wabulela, waqezula, wanikela kubadisipile bake, ukuze babeke pambi kwabo: baza babeka pambi kwesihlwele.
7
Babenayo nento encinane yentlanzana: waza wabulela, waxela ukuba bazibeke pambi kwabo nazo.
8
Batya ke, bahluta: kanjalo kwasuswa amaqezu aseleyo, ingobozi zazisixe̔nxe.
9
Kekaloku abo babetyile, ngati bebengamawaka mane: waza wabandulula.
10
Wati kekaloku kwa oko wangena enqanaweni kunye nabadisipile bake, weza ezahlulweni zase‐Dalamanuta.
11
Baza bapuma abafarisi, baqala ukubuzisana naye, befuna kuye umqondiso uvela ezulwini, bemlinga.
12
Waza wagula kakulu emoyeni wake, wati: Yinina ukuba esisizukulwana sifune umqondiso? ngokwenene nditi kuni: Akuyi kunikwa kwesisizukulwana umqondiso.
13
Wasuka wabashiya, wabuya wangena enqanaweni, wemkela ecaleni elingapesheya.
14
Kekaloku bebelibele ukutabata nabo izonka, benesonka sasinye sinabo enqanaweni kwapela.
15
Waza wabayala, esiti: Lumkani, lumkelani igwele labafarisi negwele lika‐Herodi.
16
Baza babuzana omnye nomnye, besiti: Utsho, ngokuba singenazo izonka.
17
Wayekwazi oku u‐Yesu wati kubo: Yinina ukuba nibuzane, ngokuba ningenazo izonka? Anikaqondi na? aniqiqi na kanjalo? ninentliziyo yenu iselukuni na?
18
ninawo amehlo nje, aniboni na? ninazo nendlebe nje, aniva na? aninako nokukumbula na?
19
Okuya ndandiqezula izonka zozihlanu pakati kwamawaka amahlanu, nasusa zazingapina izitya zizele ngamaqezu? Bati kuye: Zalishumi linesibini.
20
Nokuya ndandiqezula zozixe̔nxe pakati kwamawaka amane, nasusa zazingapina ingobozi zizele ngamaqezu? Baye besiti: Zasixe̔nxe.
21
Waza wati kubo: Yinina lento ningaqiqi?
22
Weza kekaloku e‐Betesayida: baza bazisa kuye imfama, bambongoza ukuba makayicu̔kumise.
23
Waza wabamba isandla semfama, wayitundezela ngapandle kwomzi: wati kanjalo watshicela emehlweni ayo, wabeka izandla pezu kwayo, wayibuza ukuba kuko na into iyibonayo.
24
Yakangela pezulu ke yati: Ndiyabona abantu, endibabonayo njengemiti behamba.
25
Wandula wabuya wabeka izandla pezu kwamehlo ayo, wayikangelisa pezulu; yaza yabuya yenziwa njengapambili, yababona kwa bonke ngokumhlope.
26
Waza wayituma iye endlwini yayo, esiti: Ungangeni emzini ke, ungaxeleli mntu emzini kanjako.
27
Kekaloku wapuma u‐Yesu nabadisipile bake baya emizini yase‐Kesareya‐filipi: waza wati endleleni wabuza kubadisipile bake, esiti kubo: Ngubanina abati abantu ndinguye?
28
Bapendula ke, besiti: Kutwa ngu‐Johane umbapitizeshi; bati nabanye ngu‐Elija; bati kodwa abanye ngowabaprofite.
29
Waza yena wati kubo: Kodwa ngubanina eniti nina ndinguye? Wapendula u‐Petrosi wati kuye: Wena unguye u‐Kristu.
30
Waza wabayala kakulu ukuba mabangaxeleli mntu ngaye.
31
Wandula waqala ukubafundisa okokuba unyana wesintu ufanele ukuva intlungu ezininzi, nokulahlwa ngabo abadala nabaperisite abakulu nababa̔li, nokubulawa, nokuti emveni kwemihla mitatu abuye avuke.
32
Kekaloku ebeteta esositeto ekuhleni. Waza u‐Petrosi wamtabatela kuye waqala ukumtetisa.
33
Koko ejikile ke, wakangela abadisipile bake, wamtetisa u‐Petrosi, esiti: Yiya emva kwam, Satane! ngokuba unganyamekeli izinto zikatixo, unyamekela izinto zabantu nje.
34
Waza wabiza isihlwele kwa nabadisipile bake, wati kubo: Osukuba efuna ukuza emva kwam, makazikanyeze, apate ikuruse yake, andilandele.
35
Ngokuba lowo usukuba efuna ukulondoloza ubomi bake, buya kumlahleka; nosukuba elahlekana nobomi bake ngenxa yam na ngenxa yevangeli, oyena wobulondoloza.
36
Ngokuba kuya kunceda nto nina umntu, ukuba walizuza ilizwe lonke, waza walahlekelwa ngumpefumlo wake?
37
kanjalo uya kunika nto nina umntu ibe lixabiso elilingana nawo umpefumlo wake?
38
Ngokuba lowo usukuba enentloni ngam nangamazwi am kwesisizukulwana esibuṙexeza nesonayo, woti nonyana wesintu abe nentloni ngaye, akuza ebungcwaliseni boyise kunye nengelosi ezingcwele.
← Chapter 7
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 9 →
All chapters:
1
2
3
4
5
6
7
8
9
10
11
12
13
14
15
16