bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
/
Mark 9
Mark 9
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
← Chapter 8
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 10 →
1
Wayesiti kubo: Ngokwenene nditi kuni: Bako inxenye yabemiyo apa, abangasayi kuva ukufa, bade babone ubukumkani bukatixo buzile ngamandla.
2
WAZA u‐Yesu emveni kwentsuku ntandatu watabata naye u‐Petrosi, no‐Yakobi, no‐Johane, wabanyusela entabeni ende ngasese bebodwa. Waza wenziwa ngakumbi isimilo sake pambi kwabo,
3
zati izivato zake zaba zibengezela, zimhlope kakulu njengengqweqwe, ngendawo ekungeko msuki emhlabeni ongazenzayo zibe mhlope kangaka.
4
Kwati kekaloku kwabonakala kubo u‐Elija ndawonye no‐Mosesi, ababeteta no‐Yesu.
5
Waza wapendula u‐Petrosi wati ku‐Yesu: Rabi! kulungile ukuba sibe lapa; masenze ke amapempe abe matatu, elinye libe lelako, elinye libe lelika‐Mosesi, elinye libe lelika‐Elija.
6
Ngokuba ebengazi ukuba woteta nto nina; ngokuba bebesoyika kakulu.
7
Kwaye kuko nelifu libasibekelela; kanjalo kwavela ilizwi elifini, lisiti: Lo ungunyana wam otandiweyo; mveni yena.
8
Baza bati bakusingasinga ngokwalama, ababi sabona mntu, kupela u‐Yesu yedwa enabo.
9
Kekaloku bakuhla entabeni, wabayala ukuba mabangabaliseli mntu izinto ababezibonile, xeshekweni angekatanga unyana wesintu wavuka ekufeni.
10
Nelozwi balibamba pakati kwabo, bebuzisana ukuba kukuti nina ukuvuka ekufeni.
11
Baza bambuza, besiti: Yinina lento ababa̔li bati: u‐Elija ufanele ukuza tanci?
12
Wapendula wati kubo: u‐Elija okunene esiza tanci, uyabuya amise into zonke; nokuba kutiwe nina ukuba̔lwa ngaye unyana wesintu, ukuba eve intlungu ezininzi, adelwe nokudelwa.
13
Koko nditi kuni: u‐Elija selezile, benza ngakuye kanjako konke bakwenzayo, njengokuba kuba̔liwe ngaye.
14
Kekaloku akufika kubadisipile, wabona isihlwele esikulu sibapahla, nababa̔li bebuzisana nabo.
15
Sasesisiti ke sonke isihlwele sakumbona, samangaliswa kakulu, beza ngokubaleka bambulisa.
16
Waza wabuza kubaba̔li, esiti: Nibuzisana nabo ngandawo nina?
17
Waza wapendula owasesihlweleni, wati: Mfundisi! ndizisile unyana wam kuwe, enomoya ongatetiyo;
18
oti kekaloku apo asukuba emqubula kona, amti kahla; aze axape amagwebu, atshixize amazinyo ake, ashwabane ke: ndaza ndateta kubadisipile bako ukuba mabamku̔pe; bakohlwa ke.
19
Wampendula wati: Sizukulwana esingakolwayo! ndobako kuni kude kube ninina? ndoninyamezela kude kube ninina? mziseni kum.
20
Bamzisa ke kuye: wati akumbona, waselesiti umoya wamṙuzula; wawa pantsi emhlabeni ke, waqikileka exapa amagwebu.
21
Waza wabuza kuyise, esiti; Lixesha elingakananina lento isel’ imhlile? Wayesiti: Kuseloko ebengumntwana:
22
waye kwa futi emposile nasemlilweni nasemanzini, ukuze ambubise: kodwa ukuba ungenza into, yiba nosizi pezu kwetu, usisize.
23
Wayesiti u‐Yesu kuye: Ukuba ungakolwa, zonke izinto ziyenzekela okolwayo.
24
Waza waseledanduluka uyise womfana, wati enenyembezi: Ndiyakolwa, Nkosi! siza ukungakolwa kwam.
25
Kekaloku akubona u‐Yesu ukuba abantu bebebalekela endaweni nye, watetisa umoya onco̔lileyo, wati kuye: Wena moya ongatetiyo ongevayo! ndiyakuyalela mna, puma kuye, uze ungabi sangena kuye.
26
Waza wadanduluka, wamṙuzula kakulu, wapuma ke; wati umfana waba njengokungati ufile, bada bati abaninzi: Ufile.
27
Kodwa u‐Yesu wambamba ngesandla, wamvusa; wesuka wema ke.
28
Wati kekaloku akungena endlwini, abadisipile bake bambuza ngasese, besiti: Yinina lento sibe sikohliwe kukumku̔pa tina?
29
Waza wati kubo: Oluhlobo alungepume nganto kupela ngokutandaza nangokuzila ukutya.
30
Baza bapuma kona, bacanda e‐Galili; waye engavumi ke ukuba kube ngowaziyo.
31
Ngokuba ebefundisa abadisipile bake, wati kubo: Unyana wesintu uyanikelwa ezandleni zabantu, abaya kumbulala; waeya kuti akuba ebulewe, abuye avuke ngomhla wesitatu.
32
Kodwa bebengaqondi esositeto; bebesoyika ukumbuza kanjalo.
33
Baza bafika e‐Kapenayume: wati akuba sendlwini, wababuza, esiti: Nibe nipikisana pakati kwenu nganto nina endleleni?
34
Baye besiti tu ke; ngokuba bebepike omnye nomnye endleleni, ngubanina omkulu kwabanye.
35
Waza wahlala pantsi, wabiza abalishumi linababini, wati kubo: Ukuba kuko ofuna ukuba ngowokuqala, uya kuba ngowokugqibela kubo bonke, nomkonzi wabo bonke.
36
Waza watabata umntwana, wammisa pakati kwabo; wandula wamsingata ngengalo, wati kubo:
37
Osukuba esamkela omnye wabantwana abanjalo egameni lam, uyamkela mna; nosukuba esamkela mna, akamkeli mna, koko esamkela lowo wanditumayo.
38
Waza wapendula kuye u‐Johane, esiti: Mfundisi! sabona umntu eziku̔pa idemoni ngegama lako, ongasilandeliyo; saza samalela, ukuba engasilandeli.
39
Kodwa u‐Yesu wati: Ningamaleli; ngokuba kungeko mntu oya kwenza isenzo samandla egameni lam, aze ahle ange angateta kakubi ngam.
40
Ngokuba ongalani nati engecala letu.
41
Ngokuba osukuba eniseza indebe yamanzi egameni lam, ngenxa yokuba ningabaka‐Kristu, ngokwenene nditi kuni, akayi kulahlekana nomvuzo wake nakanye.
42
Nosukuba exakanisa omnye wabo bancinane bakolwayo kum, kulungele yena ngakumbi, ukuba ilitye lokusila belibotshwa ngasentanyeni yake, waza waposelwa elwandle.
43
Kanjalo xeshekweni isandla sako sikuxakanisa, sinqumle; kulungele wena ukuba ungene ebomini usisilima, ngapezu kwokuba uti, unezandla zibini, umkele esihogweni, emlilweni ongacimekiyo,
44
apo impetu yabo ingafiyo, nomlilo ungacinywayo.
45
Naxeshekweni unyawo lwako lukuxakanisa, lunqumle; kulungele wena ukuba ungene ebomini usisiqwala, ngapezu kwokuba uti, unenyawo mbini, uposwe esihogweni, emlilweni ongacimekiyo,
46
apo impetu yabo ingafiyo, nomlilo ungacinywayo.
47
Naxeshekweni iliso lako likuxakanisa, liku̔pe; kulungele wena ukuba ungene ebukumkanini bukatixo uneliso linye, ngapezu kwokuba uti, unamehlo mabini, uposwe esihogweni somlilo,
48
apo impetu yabo ingafiyo, nomlilo ungacinywayo.
49
Ngokuba bonke beya kumvumvuzelwa ngomlilo, nawo onke amadini aya kumvumvuzelwa ngetyuwa.
50
Ityuwa yinto elungileyo; kodwa xeshekweni ityuwa yenziwe ingenabutyuwa, niya kuyivakalisa nganto nina? Yibani netyuwa pakati kwenu, nixolane omnye nomnye.
← Chapter 8
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 10 →
All chapters:
1
2
3
4
5
6
7
8
9
10
11
12
13
14
15
16