bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
/
Mark 5
Mark 5
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
← Chapter 4
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 6 →
1
Baza bafika ecaleni elingapesheya kwolwandle, ezweni lama‐Gadara.
2
Wati akupuma enqanaweni, kwandula ukumkaulela evela emancw̔abeni umntu enomoya onco̔lileyo,
3
obenentlalo yake emancw̔abeni; kwaye kungeko mntu obenako ukumkonxa nangemixokelelwane;
4
ngokuba ebekonxiwe futi ngamakamandela nangemixokelelwane, yasuka yaqaulwa nguye imixokelelwane, aqekezwa namakamandela, kwaza akwabiko mntu obenamandla okumoyisa.
5
Waye ngamaxesha onke, ebusuku nasemini, esezintabeni nasemancw̔abeni, edanduluka, ezityoba ngamatye.
6
Wati kekaloku akubona u‐Yesu ekude, wagidima waya wambedesha,
7
wadanduluka ngelizwi elikulu, wati: Ndiyinto nina kuwe, Yesu, Nyana katixo opezu konke? ndikufungisa utixo, zungandimbeli!
8
Ngokuba ebesiti kuye: Puma emntwini, wena moya onco̔lileyo!
9
Wabembuza kanjalo, esiti: Ngubanina igama lako? Wapendula ke esiti: Ngu‐Bandlalikulu igama lam; ngokuba sibaninzi.
10
Waza wambongoza kakulu, aze angabandululi kwelozwe.
11
Kwabekuko apo ngasezintabeni umhlambi omkulu wehangu usidla.
12
Zaza zambongoza zonke idemoni, zisiti: Situme siye ezihangwini, ukuze singene kuzo.
13
Waselezivumela ke u‐Yesu. Baza bapuma omoya abanco̔lileyo bangena ezihangwini; kekaloku umhlambi wehangu wagalelekela ngeliwa apo elwandle, (ngati ke bezingamawaka mabini,) zamiwa elwandle.
14
Baza abo ababesalusa ihangu babaleka, bashumayela indawo esixekweni nasemapandleni. Bati ke abantu bapuma ukuya kubona ukuba yinto nina eyenzekileyo.
15
Baye besiza ku‐Yesu, babona lowo obengenelwa zidemoni, ehleli pantsi, evatile, enokuqonda kwake, lowo obenalo ibandla elikulu; basuka boyika.
16
Baza abo babebonile bababalisela ukuba kwatiwa nina kobengenelwa zidemoni, nokwehangu.
17
Baza baqala ukumbongoza ukuba emke emideni yabo.
18
Wati kekaloku akungena enqanaweni, lowo ubengenelwe zidemoni wambongoza ukuba makabe naye.
19
Kodwa u‐Yesu akamvumela, koko wati kuye: Hamba uye endlwini yako, kwabakowenu, ubashumayeze izinto ezingakanana inkosi ikwenzele zona; nokuba ibinetaṙu kuwe.
20
Waza wemka waqala ukushumayela e‐Dekapolisi izinto ezingakanana abemenzele zona u‐Yesu: bati nqa ke bonke.
21
KEKALOKU akuti u‐Yesu wabuya wawela ngenqanawa waya ecaleni elingapesheya, sabutela kuye isihlwele esikulu: wayengaselwandle ke.
22
Kwaza, bona ke, kwafika omnye wabapati bendlu yentlanganiso, ogama lalingu‐Yahire, owati akumbona, wawa ngasezinyaweni zake,
23
wambongoza kakulu, esiti: Intombazana yam ipants’ ukufa; Nditandaza ukuba uze ubeke izandla zako pezu kwayo, ukuze ipiliswe, yaiya kupila.
24
Wasuka waya naye; saza samlandela isihlwele esikulu, samxinezela.
25
Kekaloku umfazi otile obenegqita legazi iminyaka yalishumi linamibini,
26
obevile nezinto ezininzi ngamagqir̔a, waci̔ta konke abenako, engancedwanga luto noko, kodwa waba mandundu ngakumbi;
27
wati akuva ngaye u‐Yesu, weza pakati kwesihlwele ngasemva, wayicu̔kumisa ingubo yake:
28
ngokuba ebesiti: Ukuba ndika ndicu̔kumise ingubo zake zodwa, ndiya kupiliswa.
29
Wasuka watsha kwa oko umtombo wegazi lake, wazazela ngomzimba wake ukuba upilisiwe kwesosibulawa.
30
Waselesiti u‐Yesu, enakene pakati kwake ukuba amandla apumile kuye, wajikela ngasesihlweleni, wati: Ngubanina owacu̔kumisa ingubo zam?
31
Baza abadisipile bake bati kuye: Ubona isihlwele sikuxinezela nje, uti ke na: Ngubanina owandicu̔kumisayo?
32
Waza wasingasinga ukuba abone lowo uyenzileyo lento.
33
Wati kekaloku umfazi lowo enokwoyika nokungcangcazela, ekwazi nje oko kwenzekileyo kuye, weza wawa pantsi pambi kwake, wamxelela yonke inyaniso.
34
Wayesiti kuye: Ntombi! ukolo lwako lukupilisile; hamba ngoxolo, ube upilile kwesosibulawa sako.
35
Nxa abesateta, kwafika a bakokwabo umpati wendlu yentlanganiso, besiti: Intombi yako ifile; yinina ukuba usamkataza umfundisi?
36
Kuloko u‐Yesu, elivile nje elozwi libe litetwa, waselesiti kumpati wendlu yentlanganiso: Ungoyiki; kolwa kodwa.
37
Akavumela mntu ukuba ampeleke, kupela u‐Petrosi, no‐Yakobi, no‐Johane umninawe ka‐Yakobi.
38
Waza wafika endlwini yompati wentlanganiso, wabona isipitipiti, nabo ababelila nababesenza isijwili esikulu.
39
Wayengena wati kubo: Yinina lento ningxola nilila nokulila? umntwana akafile, ulele butongo.
40
Basuka bamhleka. Kuloko wati, akuba ebaku̔pile bonke, watabata naye uyise womntwana, nonina, nabo abebenaye, wangena apo alele kona umntwana.
41
Waza wabamba isandla somntwana, wati kuye: Talita, kumi! okukuti ngokukunyushwa: Ntombazana, nditi kuwe, vuka!
42
Yaselisuka ke intombazana leyo, yahamba; ngokuba ibilishumi elinesibini iminyaka yayo. Bamangaliswa ke ngokumangaliswa okukulu.
43
Waza wabayala kakulu, ukuba makungaziwa mntu oku; wati kanjalo waxela ukaba inikwe ukudla.
← Chapter 4
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 6 →
All chapters:
1
2
3
4
5
6
7
8
9
10
11
12
13
14
15
16