bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
/
Mark 3
Mark 3
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
← Chapter 2
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 4 →
1
Waza wabuya wangena endlwini yentlanganiso. Kekaloku bekuko kona umntu enesandla esishwabeneyo:
2
baza bamgqala, ukuba uya kumpilisa na ngemini yesabata, ukuze bamnike ityala.
3
Waza wati emntwini obenesandla esishwabeneyo: Suka uze pakati.
4
Waza wati kubo: Kufanelekile ngemini yesabata ukwenza okulungileyo, ukwenza okukohlakeleyo, kusinina? ukulondoloza uboni, ukubulala, kusinina? Koko bebesiti tu.
5
Waza ebasingasingele ngengqumbo, ebuhlungu nokuba buhlungu ngenxa yobulukuni bentliziyo zabo, wati emntwini: Yolula isandla sako. Wayesolula ke; saza isandla sake sabuya senziwa sipilile njengesinye.
6
Bapuma ke abafarisi, basebecebisana nabaherodi ngakuye, ukuze bambubise.
7
Waza u‐Yesu wemka nabadisipile bake waya ngaselwandle: sati ke isihlwele esikulu samlandela sivela e‐Galili, nase‐Judeya,
8
nase‐Yerusaleme, nase‐Edomeya, napesheya kwe‐Yoredane; bati nabo bangase‐Tire ne‐Tsidone, isihlwele esikulu, bakuva izinto ezingakanana wazenzayo, beza kuye.
9
Waza waxelela abadisipile bake, ukuba mawuti umkombe umhlalele kufupi ngenxa yesihlwele, ukuze bangamxinezeli.
10
Ngokuba ebepilise abaninzi, bada bamxinanela ukuze bamcu̔kumise, kwa bonke abebenezibulawa.
11
Nomoya abanco̔lileyo, bati bakumbona, bawa pantsi pambi kwake, badanduluka, besiti: Ungunyana katixo wena.
12
Waza wabayala kakulu, ukuba mabangamtyili.
13
Waza wenyukela entabeni, wabiza abo wabetanda ukubiza bona: basuka baya kuye.
14
Kanjalo wamisa abalishumi linababini, ukuze babe naye, nokuze abatume ukuba bashumayele,
15
nokuba babe negunya lokupilisa izifo, nokuba baku̔pe idemoni:
16
Wati u‐Simone wamtiya igama elingu‐Petrosi;
17
no‐Yakobi unyana ka‐Zebedi, no‐Johane umninawe ka‐Yakobi; (wati bona wabatiya ngamagama ango‐Bowaneregesi, okukuti, Onyana bodudumo;)
18
no‐Andreya, no‐Filipi, no‐Batolomeyu, no‐Mateyu, no‐Tomasi, no‐Yakobi unyana ka‐Alefeyu, no‐Tadeyu, no‐Simone umkanani,
19
no‐Jude Sikariyoti, okwa nguye owamngcatshayo. BAZA bangena endlwini.
20
Sati isihlwele sabuya sabutana, bada bakohlwa nokutya isonka.
21
Zaza zati izihlobo zake zakuva, zapuma ukuya kumbamba; ngokuba zibe zisiti: Ulihilihili.
22
Kanjalo abafarisi abebehlile e‐Yerusaleme bebesitsho ukuti: Uno‐Belezebule; nokuti: Uyaziku̔pa idemoni ngayo inkosi yedemoni.
23
Waza wababiza, watsho kubo ngemizekeliso ukuti: Angati nina u‐Satane ukuku̔pa u‐Satane?
24
Nobukumkani ukuba bupambene ngokwabo, abungeme ubukumkani obo:
25
nendlu ukuba ipambene ngokwayo, ayingeme indlu leyo.
26
No‐Satane ukuba uyazisukela, apambane ngokwake, akangeme, uza kugqityelwa ke.
27
Akuko mntu ongati impahla zonamandla, akuba engene endlwini yake, azipange, nxa angatanga kuqala wamnxiba onamandla; waeya kupanga indlu yake oko.
28
Ngokwenene nditi kuni: Zonke izono baya kuxolelwa zona onyana babantu, nezigxeko abasukuba begxeka ngazo;
29
kodwa osukuba egxeka umoya oyingcwele, akanalo uxolelwa kude kube ngunapakade, koko emelwa kukugwetywa okungunapakade.
30
Watsho, ukuba bebesiti: Unomoya onco̔lileyo.
31
Bandula beza abazalwana bake nonina, abati bemi ngapandle batuma kuye, bembiza.
32
Kekaloku isihlwele sasihleli simpahla; bati ke kuye: Nanku unyoko nabazalwana bako ngapandle bekufuna.
33
Waza wapendula kubo, esiti: Ngubanina uma̔ umhlaumbi abazalwana bam?
34
Waza esingasinga pezu kwabo babehleli bempahla, wati: Nanku uma̔ nabazalwana bam!
35
ngokuba osukuba esenza intando katixo, enguye lowo umzalwana wam, nodade wam, noma̔.
← Chapter 2
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 4 →
All chapters:
1
2
3
4
5
6
7
8
9
10
11
12
13
14
15
16