bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
/
Mark 6
Mark 6
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
← Chapter 5
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 7 →
1
Kekaloku wapuma apo, weza emzini wakowabo; bamlandela ke abadisipile bake.
2
Kwati kwakufika isabata, waqala ukufundisa endlwini yentlanganiso: baza abaninzi bakuva bamangaliswa, besiti: Uzuze pina lo ezizinto? kanjalo bubulumko obunina anikwe bona, ukuba nezizenzo zamandla ezingaka zenziwa ngezandla zake?
3
lo asi nguye na oyincibi yemiti, unyana ka‐Mariya, umzalwana ka‐Yakobi, no‐Jose, no‐Jude, no‐Simone? abako na nodade bake apa kuti? Baza baxakaniswa ngaye.
4
Kuloko wabesiti kubo u‐Yesu: Umprofite akangongenakubekwa, kupela ungonjalo emzini wakowabo, nasezalamaneni zake, nasendlwini yake.
5
Waza wakohlwa ukwenza izenzo zamandla kona apo; kwapela wabeka izandla pezu kwento encinane yabafayo, wabapilisa.
6
Wakutela nqa ke ukungakolwa kwabo. WATI kekaloku wajikajikela imizi epahlayo, efundisa.
7
Waza wababiza abalishumi linababini, waqala ukubatuma ngababini ngababini, wabanika igunya pezu kwomoya abanco̔lileyo,
8
wabayalela, ukuba bangapati nto ibe yeyendlela, kupela ibe yintonga yodwa; banga pati inxowa, nesonka, nemali embinqweni;
9
koko mabafakwe izihlangu; ize bangambati ingubo ezimbini.
10
Wayesiti kubo: Apo nisukuba ningena kona endlwini, hlalani apo nide nimke kona.
11
Nabasukuba benganamkeli nina, bengaweva namazwi enu, niti nakupuma kona, nivutulule utuli olupantsi kwenyawo zenu, kube sisinqi̔no kubo. Ngokwenene nditi kuni: Kwonyamezelekela i‐Sodome ne‐Gomora ngomhla womgwebo, ngapezu kwesosixeko.
12
Baza bemka, bashumayela ukuba mabaguquke abantu.
13
Bati kanjalo baku̔pa idemoni ezininzi, babatambisa ngeoli abaninzi ababesifa, babapilisa.
14
Waza ukumkani u‐Herodi weva ngaye, (ngokuba igama lake libe lazekile,) wati: u‐Johane umbapitizeshi uvukile ekufeni; kungako oku ezizenzo zamandla zisebenzeka kuye.
15
Bati abanye: Ngu‐Elija; bati nabanye: Ngumprofite, umhlaumbi ngonjengomnye wabaprofite.
16
Kodwa akuva u‐Herodi, wati: Lo unguye u‐Johane, endandimnqumla intloko; uvukile yena ekufeni.
17
Ngokuba ebete u‐Herodi ngokwake watuma wambamba u‐Johane, wamnxiba entolongweni, ngenxa ka‐Herodiya, umfazi ka‐Filipi umninawe wake, ukuba ebemzekile.
18
Ngokuba u‐Johane ebesiti ku‐Herodi: Akufanelekile kuwe ukuba ube nomfazi womninawe wako.
19
Waza u‐Herodiya wanenzondo ngakuye, wafuna ukumbulala; kanti ebekohliwe:
20
ngokuba u‐Herodi ebemoyika u‐Johane, emazi ukuba uyindoda elungileyo nengcwele, wamgcina ke; wati akumva, wenza izinto ezininzi, wamva ngokuvuya.
21
Kwaza kwati kwakufika imini efanelekileyo, xeshekweni u‐Herodi ngomhla wokuzalwa kwake wabenzela isidlo imiduna yake, nenkosiwaka, nabakulu base‐Galili;
22
yakuti kanjalo yangena intombi ka‐Herodiya lowo, yaduda, yamkolisa u‐Herodi nabo babehleli ekutyeni ndawonye naye, wati ukumkani kuyo intombazana leyo: Cela kum into usukuba utanda ukuyicela, ndandiya kuyinika kuwe.
23
Waza wayifungela ngokuti: Into usukuba uyicela kum, ndokunika yona, kude kube sisiqingata sobukumkani bam.
24
Yapuma ke yati kunina: Ndocela nto nina? Wayesiti: Intloko ka‐Johane umbapitizeshi.
25
Yaza yaselingena ngobunxamo kukumkani, yacela, isiti: Nditanda ukuba undinike kwa ngoku pezu kwesikotile intloko ka‐Johane umbaptizeshi.
26
Waba lusizi kakulu ke ukumkani lowo; kodwa, ngenxa yesifungo sake nabo babehleli ekutyeni ndawonye naye, akatanda ukuyibandeza.
27
Waza ukumkani waseletuma umvaṙashi, wayalela ukuba kuziswe intloko yake. Wapuma ke waya wamnqumla intloko entolongweni apo,
28
wayizisa intloko yake pezu kwesikotile, wayinika kwintombazana leyo; yaza intombazana yayinika kunina.
29
Bati bakuva abadisipile bake, beza basusa isidumbu sake, basibeka encw̔abeni.
30
Baza bahlanganisana abapostile ku‐Yesu, bamshumayeza zonke izinto, nezo babezenzile, nezo babezifundisile.
31
Waza wati kubo: Yizani nina nedwa ngasese endaweni elubala, nize nipumle kube ngumzuzwana: ngokuba bebebaninzi ababesiza nababehamba, bada ababi nalo ixesha elifaneleyo nokuba batye.
32
Basuka bemkela endaweni elubala ngenqanawa ngasese.
33
Zati izihlwele zababona behamba, bamazi ke abaninzi, babalekela kona ngenyawo bevela kuzo zonke izixeko, babapangela, beza kunye kuye.
34
Waza u‐Yesu epumile nje wabona abantu abaninzi, wabetwa lusizi pezu kwabo, ukuba bebenjengegusha ezingenamalusi, waqala ukubafundisa into ezininzi.
35
Kekaloku sekudlule ixesha elikulu nje, beza kuye abadisipile bake, bati: Lendawo ilubala; ixesha seliza kumka kanjalo:
36
bandulule, baze bemke baye emapandleni apahlayo nasemizini, bazitengele izonka; ngokuba bengenanto yokutya.
37
Kodwa wapendula wati kubo: Bapeni nina ukuba batye. Baza bati kuye: Simke siye kutenga izonka ngedenari zibe makulu mabini na, sibape ukuba batye?
38
Wayesiti kubo: Zingapina izonka eninazo? hambani, nikangele. Bati ke bakuzazi: Zihlanu, nentlanzi ezimbini.
39
Waza wabayalela ukuba babahlalise pantsi bonke ngamaqela ngamaqela etyanini obuluhlaza.
40
Bahlala pantsi ke ngezintlu ngezintlu, ngezekulu nangezamashumi mahlanu.
41
Waza watabata izonka zozihlanu nentlanzi zombini, wakangela ngasezulwini, wabulela; waza waziqezula izonka, wanikela kubadisipile bake, ukuze bazibeke pambi kwabo; nentlanzi zombini wazabela kubo bonke.
42
Batya ke bonke, bahluta:
43
kanjalo kwasuswa izitya zamaqezu zazilishumi linazibini zizele, kwa nawentlanzi.
44
Kekaloku abo babezityile izonka ezo bebengamadoda anga amawaka mahlanu.
45
Waza kwa oko wabanyanzela abadisipile bake bangene enqanaweni, bandulele ukuya ecaleni elingapesheya ngase‐Betesayida, nxa abandulula abantu yena.
46
Wati akuba ebandulule, wemkela entabeni ukuya kutandaza.
47
Kwati ke kwakuba kuhlwile, inqanawa ibipakati kwolwandle, esemhlabeni yena eyedwa.
48
Waza wababona bezibulala ngokuqu̔ba ngemipini; ngokuba umoya ububavelela pambili. Kekaloku ngelesine ivaṙasho lobusuku weza kubo, ehamba pezu kwolwandle, wanga wafuna ukubadlula.
49
Bati bakumbona ehamba pezu kwolwandle, baba ngumshologu, bakala ke:
50
ngokuba bonke bebembona, baxaliswa. Waselesuka wateta nabo, wati kubo: Yomelelani; ndim, musani ukwoyika.
51
Waza wenyukela kubo wangena enqanaweni, wadamba ke umoya: baye bemangaliswa kakulu ke pakati kwabo pezu kwembaliso, bati nqa.
52
Ngokuba bebengacingelanga okwezonka; intliziyo yabo ibilukuni nje.
53
Kekaloku nxa sebewelile, bafika ezweni le‐Genesarete, basondela elunxwemeni apo.
54
Bati bakupuma enqanaweni, basebemazi ke,
55
bapalapala kulo lonke elozwe langakona, baqala ukubatwalatwala pezu kwenku̔ko abo banezifo, ukuya apo bebesiva ukuba ukona.
56
Nalapo asukuba ebengena kona, emizini, umhlaumbi ezixekweni, umhlaumbi emapandleni, babebeka abafayo ezindaweni zentengo, bambongoza ukuba makebacu̔kumise umqukumbelo wengubo yake wodwa; baza bonke ababemcu̔kumisa bapiliswa.
← Chapter 5
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 7 →
All chapters:
1
2
3
4
5
6
7
8
9
10
11
12
13
14
15
16