bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
/
Mark 4
Mark 4
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
← Chapter 3
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 5 →
1
KEKALOKU wabuya waqala ukufundisa ngaselwandle: saza sabutela kuye isihlwele esikulu, wada wangena enqanaweni, wahlala pantsi elulwandleni; saye sonke isihlwele sibe sisemhlabeni ngaselwandle.
2
Waza wabafundisa into ezininzi ngemizekeliso, wati kubo ekufundiseni kwake:
3
Pulapulani! Bona ke, umhlwayeli wapuma ukuya kuhlwayela;
4
kwaza kwati ekuhlwayeleni kwake, inxenye yembewu yawa ngasendleleni, zati intaka zezulu zeza zayidla.
5
Yawa nenye endaweni ebulwalwa, apo ibingenawo umhlaba omninzi; yaza yaselipuma kamsinya, ngokuba ingenabo ubunzulu bomhlaba:
6
yati nxa ilanga belipumile, yatshiswa; nangokuba ingenangcambo, yabuna.
7
Yawa nenye endaweni yemitolo; yaza imitolo yahluma, yayitshwencisa, ayanika siqa̔mo ke.
8
Yawa nenye emhlabeni olungileyo; yaza yanika isiqa̔mo esasihluma samila nokumila, yavelisa inxenye ngokungamashumi matatu, nenxenye ngokungamashumi matandatu, nenxenye ngokulikulu.
9
Wayesiti kubo: Onendlebe zokuva, makeve.
10
Kekaloku xeshekweni ebeyedwa, bambuza abo babempahla ndawonye nabalishumi linababini umzekeliso lowo.
11
Wayesiti kubo: Kunikiwe nina ukwazi imfihlakalo yobukumkani bukatixo: kodwa abo bangapandle, benzelwa zonke ezizinto ngemizekeliso;
12
ukuze bati bebona nje babone, bangaqiqi; bati kanjalo besiva nje beve, bangaqondi; hleze baguquke, baze baxolelwe izono zabo.
13
Waza wati kubo: Aniwazi na umzekeliso lo? seniya kuti nina ke ukuyiqonda yonke imizekeliso?
14
Umhlwayeli uyahlwayela ilizwi.
15
Aba ke bangabo bangasendleleni, apo ilizwi lihlwayelwa kona; kanti xeshekweni bavileyo, kwandul’ ukuza u‐Satane asuse ilizwi elihlwayelweyo ezintliziyweni zabo.
16
Naba kwa njalo bangabo bahlwayelwayo endaweni ebulwalwa; abati xeshekweni balivileyo ilizwi, basuke balamkele ngovuyo;
17
kanti abanangcambo pakati kwabo, koko besenza umzuzu kodwa; kwandule kuti, kwakuhla imbandezelo umhlaumbi intshutshiso ngenxa yelizwi, basuke baxakaniswe.
18
Naba bangabo bahlwayelwayo endaweni yemitolo; aba bangabo abati ilizwi balive;
19
kanti izitukutezi zelilizwe likoyo, nenkohliso yobutyebi, nenkanuko ngezinye izinto, zingena nje, ziyaṙwisha ilizwi, lize liputiswe.
20
Naba bangabo bahlwayelweyo emhlabeni olungileyo; abati ilizwi balive, balamkele, baxakate izixakato, inxenye ngokungamashumi matatu, nenxenye ngokungamashumi matandatu, nenxenye ngokulikulu.
21
Wayesiti kubo: Sika siziswe isibane na, ukuze sibekwe pantsi kwento yokulinganisa umhlaumbi pantsi kwoku̔ko? asi ziswa na ukuze sibekwe pezu kwekandelare?
22
Ngokuba kungeko nto efihlakeleyo, engayi kubonakaliswa; kanjako bekungafihlwa nto, kupela ukuba ize ekuhleni.
23
Ukuba kuko onendlebe zokuva, makeve.
24
Wayesiti kubo: Kulumkeni oko nikuvayo. Ukulinganisa enilinganisa ngako, kwolinganiselwa nina; kwakuya kuti kuni nivayo kwalekelwe ngakumbi.
25
Ngokuba osukuba enako, kuya kupiwa yena; kanti ongenako, uya kuhlutwa kwa oko anako.
26
Wayesiti: Bunjalo ubukumkani bukatixo, njengokungati umntu waposa imbewu emhlabeni,
27
waza walala wavuka ubusuku nemini, yati imbewu yantsula yakula ngendawo angayaziyo.
28
Ngokuba umhlaba uvelisa isiqa̔mo ngokwawo; sibe sisitombo ukuqala, kwandul’ ukuba sisikwebu, iti kamva ibe yinqolowa ezalisekileyo esikwebini.
29
Kodwa uti, xeshekweni sibonxile isiqa̔mo, asuke afake iṙenqa, ngokuba selifikile ixesha lokuvuna.
30
Wayesiti: Sobufanisa nanto nina ubukumkani bukatixo? umhlaumbi sobuzekelisa ngomzekeliso omnina?
31
Bunjengokozo lwembewu yemositade, oluti, xeshekweni luhlwayelweyo emhlabeni lube luncinane kuzo zonke imbewu ezisemhlabeni:
32
kanti xeshekweni luhlwayelweyo luyahluma, luze lube lukulu kuyo yonke imifuno, lwenze namasebe amakulu, zide ziti intaka zezulu zibe nako ukuba zingahlala ngapantsi kwomtunzi walo.
33
Wabeteta ilizwi kubo nangemizekeliso enjalo emininzi, njengokuba bebenako ukuliva.
34
Wabengateti ke kubo kungeko umzekeliso: kodwa wabetyila zonke izinto kubadisipile bake ngasese.
35
KEKALOKU kwa ngalomini, kwakuba kuhlwile, wati kubo: Masiwele siye ecaleni elingapesheya.
36
Baza bati bakuba besindulule isihlwele, bamtabata nabo njengokuba ebenjalo enqanaweni. Kwaye kuko naye nezinye inqanawa ezincinane.
37
Lwaza lwesuka uqwitela lwomoya olukulu, ati amaza abeta angena enqanaweni, yada yona yafun’ ukuzaliswa ngamanzi.
38
Waye yena ebesendaweni yasemva, elele pezu kwomqamelo: basuka bamvusa, bati kuye: Mfundisi! akukatali na kukuba sibuba?
39
Waza wavuka wakalimela umoya, wati kulwandle: Tutu, yiti cwaka! Wadamba ke umoya, kwaza kwabako ukuzola okukulu.
40
Wayesiti kubo: Yinina ukuba ninobugwala obungakanana? kunganina lento ningenalo ukolo?
41
Boyika ke ngokwoyika okululu, bati omnye kwomnye: Ngubanina kanti lo, eviwa nje nangumoya nalulwandle?
← Chapter 3
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 5 →
All chapters:
1
2
3
4
5
6
7
8
9
10
11
12
13
14
15
16