bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
/
Mark 16
Mark 16
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
← Chapter 15
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
1
KWATI kwakuba kudlulile isabata, u‐Mariya wase‐Magadala, no‐Mariya unina ka‐Yakobi, no‐Salome, batenga izimnandi, ukuze beze bamtambise.
2
Bati kwa kusasa nje ngolwokuqala usuku lweveki, beza encw̔abeni lakupuma ilanga.
3
Baye besiti omnye kwomnye: Ngubanina oya kusiqengqela ilitye kuwo umnyango wencw̔aba?
4
(kekaloku bakubeka pezulu, babona ukuba ilitye liqengqiwe:) ngokuba libe likulu kakulu.
5
Baza bangena encw̔abeni, babona indodana ihleli pantsi kwelokunene icala, yambete ingubo ende emhlope; babetwa livuso ke.
6
Kodwa yati kubo: Musani ukuba nevuso; niyamfuna u‐Yesu um‐Nazarete obekuruseshiwe; uvukile, akako apa; kangelani indawo apo bambekela kona.
7
Ize nihambe ke, nixelele abadisipile bake, no‐Petrosi, ukuba uyanandulela ukuya e‐Galili; kwa lapo niya kumbona, njengokuba etshilo kuni.
8
Baza bapuma ngokukauleza, babaleka encw̔abeni; bebebanjwa kukungcangcazela nakukumangaliswa ke; abaxelela mntu into kanjalo; ngokuba bebesoyika.
9
Kekaloku xeshekweni u‐Yesu ebevukile kusasa ngolwokuqala usuku lweveki, wabonakala kuqala ku‐Mariya wase‐Magadala, owabeku̔pile kuye idemoni zasixe̔nxe.
10
Waya lowo washumayela kubo abebefuda benaye, belusizi belila nokulila.
11
Bati abo bakuva ukuba uhleli, nokuba wabonwa nguye, abakolwa.
12
Nasemveni kwoko wazibonakalisa ngesimilo simbi kwababini kubo, nxa bebehamba, besiya ezindleni.
13
Baya nabo bashumayela kwabanye; abakolwa nangabo.
14
Wati kamva wazibonakalisa kubo abalishumi linamnye behleli ekutyeni, watetisa ukungakolwa kwabo nobulukuni bentliziyo, ngenxa yokuba bebengakolwanga ngabo babembonile evukile.
15
Waza wati kubo: Hambani niye elizweni lonke, nishumayele ivangeli kulo lwonke uluntu.
16
Okoliweyo wabapitizeshwa, uya kusindiswa; kodwa ongakoliweyo, uya kugwetywa.
17
Kanjalo lemiqondiso iya kulandela abo bakoliweyo: Ngegama lam boziku̔pa idemoni; baya kuteta ngenteto ezintsha;
18
baya kucola inyoka; nokuba bayasela into enokubulala, ayisayi kubenzakalisa; bobeka izandla pezu kwabafayo, babeya kuzuza ukupila.
19
Kwa nje ke inkosi, emveni kwokuba ibitetile kubo, yamkelwa ezulwini, yahlala pantsi ngasekunene kwotixo.
20
Bapuma ke abo bashumayela ezindaweni zonke, inkosi isebenza kunye nabo, iqinisa nelizwi ngemiqondiso elilandelayo. Amene.
← Chapter 15
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
All chapters:
1
2
3
4
5
6
7
8
9
10
11
12
13
14
15
16