bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
/
Mark 14
Mark 14
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
← Chapter 13
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 15 →
1
KEKALOKU emveni kwentsuku mbini bekuko ipasika n omtendeleko wezonka ezingenagwele: baza bafuna abaperisite abakulu nababa̔li ukuba bangati nina ukumbamba ngenkohliso bambulale.
2
Bebesiti kodwa: Makungabi semtendelekweni, hleze kubeko isipitipiti ebantwini.
3
Kekaloku ese‐Betaniya, endlwini ka‐Simone ileperi, xa abehleli pantsi, kweza umfazi eneqaka leyalabastere linamafuta mnandi enadusi anqabileyo kunene, waliqekeza iqaka leyalabastere, wawagalela amafuta entloko yake.
4
Kwaye kuko abatile bequmbile kunene pakati kwabo, besiti nokuti: Kwenzelwe nina okukuci̔takala kwamafuta mnandi?
5
ngokuba kunge kutengiwe ngawo la okupezulu kwamakulu amatatu edenari, kwaza kwapiwa amahlwempu. Baṙoṙa ngaye ke.
6
Kodwa u‐Yesu wati: Myekeni; yinina ukuba nimkataze? umsebenzi olungileyo uwenzile kum.
7
Ngokuba ninawo amahlwempu futi ekuni; kanjalo wona ningawenzela okulungileyo, nxa nitanda ukwenje njalo; kanti aninam futi.
8
Oko wabenako lo, wenzile ngako; umzimba wam uwutambisele ukuncw̔atywa kwam ngokupangela.
9
Ngokwenene nditi kuni: Apo kusukuba kushunyayelwa kona ivangeli le kulo lonke ilizwe, kuya kutyelwa nalento ayenzileyo lo, ibe sisikumbuzo sake.
10
Waza u‐Jude Sikariyoti, owabalishumi linababini, wemkela kubaperisite abakulu, ukuze amnikele kubo.
11
Bati ke bona bakuva, bavuya, bambekela ngedinga lokuba baya kumnika imali. Waza wafuna ukuba angati nina ukumngcatsha ngexesha elifanelekileyo.
12
Kekaloku ngowokuqala umhla wezonka ezingenagwele, okuya bekubingwa ipasika, bati kuye abadisipile bake: Utanda ukuba siye silungiselele pina ukuze utye ipasika?
13
Waza wasusa isibini sabadisipile bake, wati kubo: Yiyani esixekweni, naniya kukaulelwa ngumntu etwele umpanda wamanzi; mlandeleni yena;
14
nalapo asukuba engena kona, niti kumninindlu: Uti umfundisi: Ipina inkambili yendwendwe, apo ndingayityela kona ipasika kunye nabadisipile bam?
15
Waeya kunibonisa inkambili yapezulu enkulu eyandlalelweyo elungisiweyo: silungiseleni kona apo.
16
Baza bapuma abadisipile bake, bangena esixekweni, bafumana njengokuba ebetshilo kubo, bayilungisa ipasika.
17
Wati kwakuhlwa weza nabalishumi linababini.
18
Kekaloku nxa babe behleli pantsi besitya nokutya, wati u‐Yesu: Ngokwenene nditi kuni: Omnye wakuni wondingcatsha, lowo utyayo kunye nam.
19
Baqala ukuba lusizi ke, nokuti kuye omnye ngomnye: Ndim na? wati nomnye: Ndim na?
20
Waza wapendula wati kubo: Ngowabalishumi linababini, lowo ufaka isandla esityeni kunye nam.
21
Unyana wesintu uyemka okunene, njengokuba kuba̔liwe ngaye; kodwa kwoba nzima kulowamntu unyana wesintu ungcatshwa nguye? bekumlungele, ukuba ebengazalwanga lowamntu.
22
Kekaloku nxa bebesitya, watabata u‐Yesu isonka, wabulela, waqezula, wabanika, wati: Tabatani, nitye; esi singumzimba wam.
23
Kanjalo watabata indebe, wabulela, wabanika: baza basela kuyo bonke.
24
Wayesiti kubo: Le iligazi lam, elocebano olutsha, elipalazelwa abaninzi.
25
Ngokwenene nditi kuni: Andisayi kuba sasela kwisiqa̔mo somti weveyine, kude kube yimini leyo, okuya ndisiselayo sisitsha ebukumkanini bukatixo.
26
Baza bati, bakuba bevumile iculo, bapuma baya entabeni yeminquma.
27
Wayesiti kubo u‐Yesu: Nina nonke niya kuxakaniswa ngam ngobubusuku; ngokuba kuba̔liwe ngokuti: Ndiya kubeta umalusi, zaziya kuci̔twa igusha.
28
Koko emveni kwokuvuka kwam, ndiya kunandulela ukuya e‐Galili.
29
Waza u‐Petrosi wati kuye: Nokuba bonke baya kuxakaniswa, andiyi kuxakaniswa mna noko.
30
Wayesiti u‐Yesu kuye: Ngokwenene nditi kuwe: Namhla nje, kwa ngobubusuku, ingekalili kabini inkuku, uya kundikanyela katatu.
31
Kodwa waqinisa ngakumbi ukuti: Nakuba kundifanele ukuba ndife ndawonye nawe, andisayi kukukanyela. Batsho nabo bonke kwa ngokunjalo.
32
Baye besiza entsimini egama liyi‐Getesemane; waza wati kubadisipile bake: Hlalani pantsi apa, ndide ndibe nditandazile.
33
Waza watabata u‐Petrosi no‐Yakobi no‐Johane kunye naye, waqala ukubetwa livuso nokudandateka kakulu.
34
Wayesiti kubo: Umpefumlo wam ulusizi kakulu kude kube sekufeni; hlalani apa, nilinde.
35
Waza waya umganyana ngapambili, wawa pantsi emhlabeni, watandaza ukuba makuti, ukuba kungenzeka, kudlule kuye loyure.
36
Wabesiti: Aba, Bawo! zonke izinto ziyenzeka kuwe; susa lendebe kum: kodwa makungabi ngokutanda kwam, makube ngokwako.
37
Wayesiza ke wabafumana belele, wati ku‐Petrosi: Simone! ulele na? ubungelinde iyure ibe nye na?
38
Lindani nitandaze, ukuze ningangeni ekulingweni: umoya okunene uyavuma, kodwa inyama ibutataka.
39
Wemka kanjako, waya watandaza, eteta wona lomazwi.
40
Waza wabuya, wabafumana belele kanjako; ngokuba amehlo abo ebenzima; bebengazi ukuba boti nina ukumpendula kanjalo.
41
Wayesiza ngokwesitatu, wati kubo: Lalani ixesha eliseleyo, nipumle; kukolisekile; iyure ifikile: bona ke, unyana wesintu uyanikelwa ezandleni zaboni:
42
vukani, sihambe; nanku ondingcatshayo esel’ ekufupi.
43
Kekaloku kwa oko, nxa abesateta, kwasondela u‐Jude, engowabalishumi linababini, nesihlwele esikulu kunye naye sineziṙele nenduku, sivela kubo abaperisite abakulu, nababa̔li, nabadala.
44
Wayete obemngcatsha wabanika isiqondiso, esiti: Lowo endiya kumanga, ukwa nguye; mbambeni yena, nimr̔ole ngokuqinisekileyo.
45
Wati akufika, waselesiza kuye, wati: Rabi, Rabi! wamanga ke.
46
Baza babeka izandla zabo pezu kwake, bambamba.
47
Kekaloku omnye wakubo ababemi kufupi war̔ola isiṙele sake, wabeta isicaka somperisite omkulu, wasinqumla indlebe.
48
Waza wapendula u‐Yesu wati kubo: Nipumile neziṙele nenduku ukuza kundibamba na, njengokungati nibe nipuma ngakulo ibada?
49
Ndandikuni imihla ngemihla etempileni ndifundisa, anandibamba ke. Kodwa kwenzekile oku, ukuze zizaliseke iziba̔lo.
50
Baza bamshiya bonke, babaleka.
51
Kekaloku indodana etile yamlandela, ineqiya etwe tyu emzimbeni; aza ati amadodana ayibamba;
52
kodwa yayishiya iqiya, yabaleka zé kuwo.
53
Baza bamr̔olela u‐Yesu kumperisite omkulu: kwaye kubutana kuye bonke abaperisite abakulu, nabadala, nababa̔li.
54
Waza u‐Petrosi wamlandela ekude, kwada kwapakati ekusini lendlu yomperisite omkulu; waye ehleli pantsi ndawonye namadindili, esota ngasemlilweni.
55
Kekaloku abaperisite abakulu, nayo yonke intlanganiso yamapakati, bebefuna ubunqi̔na ngakuye u‐Yesu, ukuze bamfise; kanti abafumana ke.
56
Ngokuba abaninzi bebenqi̔na ngakuye ngobuxoki, kanti ukunqi̔na kwabo bekungalungelelani.
57
Baza besuka abatile banqi̔na ngakuye ngobuxoki, besiti:
58
Samva tina esiti: Mna ndiya kuci̔ta letempile eyenziweyo ngezandla, ndize nditi ngentsuku zibe ntatu ndake enye ingenziwanga ngezandla.
59
Kwaye kungalungelelani nangokunjalo ukunqi̔na kwabo.
60
Waza wesuka umperisite omkulu wema pakati, wambuza u‐Yesu, esiti: Akupenduli nto na? banqi̔na nto nina ngakuwe aba?
61
Kuloko wati tu, engapendulanga nto. Wabuya umperisite omkulu wambuza, wati kuye: Unguye na u‐Kristu, unyana wodumisekileyo?
62
Wayesiti u‐Yesu: Ndinguye: naniya kubona unyana wesintu ehleli ngasekunene kwamandla, esiza nokuza namafu ezulu.
63
Waza umperisite omkulu waṙazula ingubo zake, wati: Sisafunela nina amanqi̔na?
64
nikuvile ukugxeka kwake; niti nina ke? Baza bonke bamgweba ngokuti unetyala lokuba afe.
65
Baza baqala inxenye ukumtshicela, nokugubungela ubuso bake, nokumntliteka, nokuti kuye: Laula. Kanjalo amadindili amtywakaza ngezandla.
66
Kwati kekaloku, nxa u‐Petrosi ebesekusini ngasezantsi, kweza esinye sezicakazana zomperisite omkulu;
67
esati sakumbona u‐Petrosi esota, samkangela sati: Nawe ubuno‐Yesu um‐Nazarete.
68
Koko wakanyelayo, esiti: Andi m azi, andiqondi into oyitetayo kanjalo. Waza wapumela pandle emnyango wekusi; yalila ke inkuku.
69
Saza isicakazana sabuya sambona, saqala ukuti kwabo babemi kufupi: Lo ungowakubo.
70
Kodwa wabuya wakanyela. Kwaza kwati kwakuba mzuzwana, abo babemi kufupi babuya bati ku‐Petrosi: Ngenyaniso ungowakubo; ngokuba nawe ungum‐Galili, nokuteta kwako kuyafana nokwabo.
71
Kuloko waqala ukuqalekisa nokufunga, esiti: Andimazi lomntu eniteta ngaye.
72
Yalila inkuku ngokwesibini ke. Waza u‐Petrosi wakumbula ilizwi u‐Yesu wabelitshilo kuye ukuti: Ingekalili inkuku kabini, uya kundikanyela katatu. Wati akuligqala, walila.
← Chapter 13
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 15 →
All chapters:
1
2
3
4
5
6
7
8
9
10
11
12
13
14
15
16