bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
/
Jeremiah 10
Jeremiah 10
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
← Chapter 9
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 28
Chapter 29
Chapter 30
Chapter 31
Chapter 32
Chapter 33
Chapter 34
Chapter 35
Chapter 36
Chapter 37
Chapter 38
Chapter 39
Chapter 40
Chapter 41
Chapter 42
Chapter 43
Chapter 44
Chapter 45
Chapter 46
Chapter 47
Chapter 48
Chapter 49
Chapter 50
Chapter 51
Chapter 52
Chapter 11 →
1
Libekeleni iindlebe ilizwi *likaNdikhoyo, nina bantu bakwaSirayeli.
2
Utsho uNdikhoyo ukuthi: “Musani ukulinganisa inkqubo yezinye iintlanga; musani ukothuswa yimiqondiso esesibhakabhakeni, naxa zona zisothuka iintlanga.
3
Amasiko eentlanga angamampunge nje. Bagawula umthi ehlathini, ziwuqingqe ngesixholo iingcibi,
4
uhonjiswe ngesiliva nangegolide, ubethelelwe ngezikhonkwane ukuze ungagungqi.
5
*Oothixo abanjalo bafana nonomgogwana oxhonywe entsimini yentyabontyi: abakwazi kuthetha, bayathwalwa kuba abakwazi kuhamba. Musani ukuboyika: akukho nto imbi banganenza yona, kungekho nanto banokunceda ngayo.”
6
Ngubani onjengawe, Ndikhoyo? Umkhulu wena; igama lakho lithe ndii, lidume ngobungangamsha.
7
Ngubani ongakuhloneliyo, wena Kumkani weentlanga? Ewe, ufanelwe yimbeko; akakho onjengawe, nditsho phakathi kwezilumko naphakathi kwezizwe nookumkani bazo.
8
Ziziyatha nezityhifili xa bebonke; bangafundiswa ntoni ngoothixo abaqingqwe ngomthi?
9
Baqingqwe ngesiliva yaseTashishe, nangegolide evela eUfazi. Okuxhonkxwe ziingcibi nabakhandi kwambeswa ngeengubo ezibomvu nezimfusa ezalukwe ngamagcisa.
10
Kodwa nguNdikhoyo onguThixo ngenene; yena unguThixo ophilayo, uKumkani oya kuhlala ehleli. Akuqumba yena umhlaba uyankwantya; izizwe azinakumelana nengqumbo yakhe. (
11
“Baxelele uthi: ‘Abo thixo bangalidalanga izulu nomhlaba, baza kubhanga emhlabeni naphantsi kwezulu.’ ”)
12
Ke yena *uNdikhoyo ulidale ngamandla akhe ihlabathi, walizinzisa ngobulumko ilizwe, wasitwabulula ngengqondo isibhakabhaka.
13
Uthi akuduma kuyaluzele amanzi asesibhakabhakeni, kufunquke amafu emaphethelweni omhlaba. Uthumela umbane kunye nemvula, athulule umoya koovimba bakhe.
14
Bonke ziziyatha ezingenalwazi. Ababumbi *boothixo bayahlazeka ngezithixo zabo, kuba oothixo abababumbayo bayinkohliso, kuba abanawo umphefumlo.
15
Zizinto ezingento, izinto zokuphoxisa, izinto eziya kubhanga ngemini yomgwebo.
16
Akanjengabo yena uNxaxheba kaYakobi: nguye owabumba iinto zonke. AmaSirayeli ngabantu bakhe ncakasana. USomandla-onke nguNdikhoyo igama lakhe.
17
Qokelela umthwalo wakho, ulungele ukufuduka, wena uhleli ekungqingweni.
18
Uthi *uNdikhoyo: “Ndiza kubalahlela phandle, ndibazisele inkxwaleko, basiwe ekuthinjweni.”
19
Athi ke mna, ukwenzakala kwam! Amanxeba am akanakuphila. Ke mna bendisithi: “Sisifo sam esi; mandisinyamezele.”
20
Intente yam ibhukuqiwe; sele kuqhawuke nezo ntambo zayo. Bemkile oonyana bam; akusekho namnye useleyo. Akukho nokuba abe mnye onokuvusa intente yam; akukho namnye wokuxhoma umkhusane.
21
Abelusi baba bantu ziziyatha, ababuzi nto kuNdikhoyo. Yiyo loo nto bengenampumelelo nje, nemihlambi yabo ithe qhu saa.
22
Phulaphulani, kufika udaba. Kuvakala intshukumo ivela ngasentla. Luza kutsho kube senkangala kwiidolophu zakwaJuda, zitsho zibe zizikhundla zoodyakalashe.
23
Ndikhoyo, ndiyazi ukuba akukho bani ulawula ikamva lakhe, nokuba akukho mntu uphethe ubomi bakhe.
24
Ndiluleke, Ndikhoyo, kodwa kube ngobulungisa, kungabi ngomsindo wakho, hleze ndingabi nto.
25
Ingqumbo yakho yikhuphele kwiintlanga ezingakuvumiyo, naphezu kwezizwe ezingalinquliyo igama lakho, kuba zimdlile uYakobi zamgqiba, aza amadlelo akhe aba yinkangala.
← Chapter 9
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 28
Chapter 29
Chapter 30
Chapter 31
Chapter 32
Chapter 33
Chapter 34
Chapter 35
Chapter 36
Chapter 37
Chapter 38
Chapter 39
Chapter 40
Chapter 41
Chapter 42
Chapter 43
Chapter 44
Chapter 45
Chapter 46
Chapter 47
Chapter 48
Chapter 49
Chapter 50
Chapter 51
Chapter 52
Chapter 11 →
All chapters:
1
2
3
4
5
6
7
8
9
10
11
12
13
14
15
16
17
18
19
20
21
22
23
24
25
26
27
28
29
30
31
32
33
34
35
36
37
38
39
40
41
42
43
44
45
46
47
48
49
50
51
52