bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
/
Jeremiah 43
Jeremiah 43
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
← Chapter 42
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 28
Chapter 29
Chapter 30
Chapter 31
Chapter 32
Chapter 33
Chapter 34
Chapter 35
Chapter 36
Chapter 37
Chapter 38
Chapter 39
Chapter 40
Chapter 41
Chapter 42
Chapter 43
Chapter 44
Chapter 45
Chapter 46
Chapter 47
Chapter 48
Chapter 49
Chapter 50
Chapter 51
Chapter 52
Chapter 44 →
1
Akugqiba uJeremiya ukuwathetha ebantwini bonke amazwi onke *kaNdikhoyo uThixo wabo awamthuma wona uNdikhoyo kubo,
2
uAzariya unyana kaHoshaya ekunye noYohanan kaKareya, kunye nawo onke amanye amadoda anekratshi, bathi kuJeremiya: “Uyaxoka! UNdikhoyo uThixo wethu akazange akuthume kuthi ukuba uthi: ‘Ze ningayi kuya kuhlala eJiputa.’
3
NguBharuki unyana kaNeriya lo ukuhlohle lo moya mbi, efuna ukuba sinikezelwe esandleni samaKaledi, aze asibulale, okanye asenze abathinjwa kwelaseBhabheli.”
4
Ke ngoko uYohanan unyana kaKareya, ekunye nabaphathi-mabutho kunye nabantu bonke bala ukumthobela uNdikhoyo ngokuthi bahlale kwelakwaJuda.
5
Suka yena uYohanan enabaphathi-mabutho waqokelela onke amasalela akwaJuda, bonke abo babebuyele kwaJuda bevela kumazwe ababethe saa kuwo,
6
ingamadoda nabafazi nabantwana kwakunye neentombi zokumkani, bonke abaya bantu babeshiywe nguNebhuzaradan umphathi wabalindi bakomkhulu elugcinweni lukaGedaliya unyana ka-Ahikam umzukulwana kaShafan. Wayelapho nomshumayeli uJeremiya, ekunye noBharuki unyana kaNeriya.
7
Bonke baya kuma eJiputa, besala ukumthobela uNdikhoyo, baya kutsho eTapanesi.
8
Lavakala kuJeremiya ilizwi *likaNdikhoyo eseTapanesi, lisithi:
9
“Thatha amatye amakhulu, uwombele, uwadibanise ngodaka emgangathweni wezitena osesangweni lakomkhulu eTapanesi. Oku kufuneka ukwenze emehlweni amaJuda.
10
Uze ke uthi kuwo: ‘Utsho uNdikhoyo, uThixo onamandla onke kaSirayeli, ukuthi: Ndiza kubiza isicaka sam ukumkani uNebhukadenezare waseBhabheli, aze afike asimise isihlalo sakhe phezu kwalo mgangatho wamatye uwombeleyo, awagqume ngesigqubuthelo sakhe sobukumkani.
11
Uza kuyibetha iJiputa, abulale abo bamelwe kukufa, athimbe abo bafanelwe kukuthinjwa, abatyakatye ngekrele abo bamelwe kukufa ngekrele.
12
Izindlu zoothixo bamaJiputa uza kuzintumeka ngomlilo, atshise izindlu zoothixo balapho, amaJiputa awase ekuthinjweni. Wowuphendla umhlaba waseJiputa, aphume apho exolile, njengomalusi ephendla iintwala engubeni yakhe.
13
Uya kuzintlekeza iintsika zaseBhete-shemeshe eJiputa, azitshise ngomlilo izindlu zoothixo baseJiputa.’ ”
← Chapter 42
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 28
Chapter 29
Chapter 30
Chapter 31
Chapter 32
Chapter 33
Chapter 34
Chapter 35
Chapter 36
Chapter 37
Chapter 38
Chapter 39
Chapter 40
Chapter 41
Chapter 42
Chapter 43
Chapter 44
Chapter 45
Chapter 46
Chapter 47
Chapter 48
Chapter 49
Chapter 50
Chapter 51
Chapter 52
Chapter 44 →
All chapters:
1
2
3
4
5
6
7
8
9
10
11
12
13
14
15
16
17
18
19
20
21
22
23
24
25
26
27
28
29
30
31
32
33
34
35
36
37
38
39
40
41
42
43
44
45
46
47
48
49
50
51
52