bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
/
Jeremiah 17
Jeremiah 17
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
← Chapter 16
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 28
Chapter 29
Chapter 30
Chapter 31
Chapter 32
Chapter 33
Chapter 34
Chapter 35
Chapter 36
Chapter 37
Chapter 38
Chapter 39
Chapter 40
Chapter 41
Chapter 42
Chapter 43
Chapter 44
Chapter 45
Chapter 46
Chapter 47
Chapter 48
Chapter 49
Chapter 50
Chapter 51
Chapter 52
Chapter 18 →
1
*UNdikhoyo uthi: “Isono sakho, Juda, sikrolwe ngepensile yentsimbi, saqoqwa ngencam yelitye lenyengane ecwecweni lentliziyo yakho, nasezikoneni zamaqonga akho.
2
Esi sono sisakhunjulwa ngoonyana bakho. Bayawakhumbula amaqonga esithixokazi uAshera nemifanekiso yakhe emiswe ngakwimithi enamagqabi ezindulini.
3
Intaba yam phaya endle, kunye nobutyebi bakho nendyebo yakho, ndizinikele zibe lixhoba ngenxa yesono sakho osenze kulo lonke elakowenu, unqula kwizibingelelo ezingezizo.
4
Uza kulahlekelwa lilifa lakho olinikwe ndim, ndikwenze ukhonze iintshaba zakho ezweni obukade ungalazi, kuba umsindo wam uvutha njengomlilo, waye awusobe ucinywe.”
5
Utsho *uNdikhoyo ukuthi: “Hayi ilishwa lomntu obek' ithemba emntwini, akholose ngamandla ento eyinyama negazi, abe entliziyweni enxaxhile kuNdikhoyo.
6
Loo mntu unjengetyholo lasentlango; akanakuze abe nempumelelo. Uya kuma ezinkqantosini, kumhlaba ongumqwebedu, umhlaba onetyuwa, apho kungahlali mntu.
7
Hayi ithamsanqa lomntu othembela ngoNdikhoyo, lowo ukholosa ngaye!
8
Unjengomthi otyalwe ngasemfuleni, ongcambu zinabela emanzini. Awoyiki naxa ilanga lishushu; amagqabi awo ahlala eluhlaza. Ngexesha lembalela awunaxhala; uhlala uvelisa iziqhamo.
9
“Intliziyo yomntu inenkohliso ngaphezu kweento zonke. Akukho nto inokuyinyanga, kungekho bani uyiqondayo.
10
Ndim, mna Ndikhoyo, umgocagoci weentliziyo zabantu, nomvavanyi weengcinga zabo. Ulowo ndimvuza ngokuziphatha kwakhe, ndimdlise iziqhamo zezenzo zakhe.”
11
Lowo uzuza ubutyebi ngobuqhetseba ufana nesakhwatsha esiqandusela amaqanda angengawo awaso. Uya kulahlekwa bobo butyebi eselula ngeminyaka, ekugqibeleni abe sisityhamtyham, esingento.
12
Indawo yethu yokunqula libhotwe eliqaqambileyo, elathi zinzi phezulu kwantlandlolo.
13
Nguwe, Ndikhoyo, ithemba lamaSirayeli. Bonke abo bakushiyayo bohlazeka. Bothi shwaka oku kwamagama abhalwe eluthulwini, xa beshiya wena, Ndikhoyo. Kaloku wena ungumthombo wamanzi obomi.
14
Ndiphilise, *Ndikhoyo, ndiphile qete. Ndisindise, khon' ukuze ndisinde. Kaloku nguwe udumo lwam.
15
Abantu basoloko besithi: “Liphi na ke ilizwi likaNdikhoyo? Masilibone kaloku lizaliseka.”
16
Kanti ke, Ndikhoyo, andizange ndale ukuba ngumalusi phantsi kwakho, ndingazange abantu ndabanqwenelela umhla weshwangusha. Kaloku, Ndikhoyo, uyayazi into endayithethayo, kuba ndayithetha ebusweni bakho.
17
Musa ukuba sisoyikiso kum. Kaloku nguwe umkhuseli wam ndakuhlelwa yintlekele.
18
Mabadane abo bandisukelayo, mna ndingadani. Mabankwantye luloyiko bona, mna ndingoyiki. Bazisele imini yentlekele, ubohlwaye ngesohlwayo esiphindiweyo.
19
*UNdikhoyo wathi kum: “Hamba uye kuma ngakwiSango laBantu apho ookumkani bakwaJuda baphuma bengena khona esixekweni. Uze udlulele nakuwo onke amanye amasango aseJerusalem.
20
Uze uthi kubo: ‘Liveni ilizwi likaNdikhoyo, nina kumkani bakwaJuda, nani bantu bakwaJuda xa ninonke, nabani na ongummi waseJerusalem ongenayo ngala masango.
21
Utsho uNdikhoyo ukuthi: “Ze ningathwali mthwalo *ngoMhla wokuPhumla, ningangeni ngasango eJerusalem nithwele nto ngoMhla wokuPhumla. Ngokwenjenjalo noba nibeka ubomi benu esichengeni.
22
Ewe, ze ningaphumi nokuphuma ezindlwini zenu nithwele umthwalo, ningasebenzi konke ngoMhla wokuPhumla, koko ze niwugcine ube ngumhla owodwa, njengoko ndanditshilo kooyihlo-mkhulu.
23
Abazange bandive ooyihlo-mkhulu; abazange bafune kundihoya. Basuka baba neenkani, abafuna kufunda nto kum, abafuna nokundiphulaphula.”
24
“ ‘Kambe ke nguwo lo umlomo kaNdikhoyo: “Ndiphulaphuleni ningangenisi mthwalo ngamasango esi sixeko ngoMhla wokuPhumla, koko niwuhlonele, ningenzi msebenzi ngawo konke.
25
Xa kunjalo ke ookumkani benu abasesikhundleni sikakumkani uDavide, namaphakathi abo, bekunye nabantu bakwaJuda nabaseJerusalem, bongena eJerusalem bekhwele iinqwelo namahashe, basime eso sixeko ngokungenasiphelo.
26
Abantu baya kuza bevela kwizixeko zakwaJuda, nakwiilali ezijikeleze iJerusalem, nakummandla wakwaBhenjamin, nakwelangaselwandle, nakweleentaba, nakumazantsi akwaJuda. Baya kuza endlwini kaNdikhoyo bephethe izinto zokwenza amadini atshiswayo, namanye amadini, neminikelo yeenkozo, nesiqhumiso, kunye namadini ombulelo.
27
“ ‘ “Kodwa kufuneka nindithobele, niwuhlonele uMhla wokuPhumla, ube yimini eyodwa. Ngaloo mini ze ningangeni ngamasango aseJerusalem nithwele imithwalo. Ukuba aniwuthobeli lo myalelo, loo masango ndowantumeka umlilo – iinqaba zaseJerusalem ziya kuvutha ngumlilo, ungabi nakucinywa bani.” ’ ”
← Chapter 16
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 28
Chapter 29
Chapter 30
Chapter 31
Chapter 32
Chapter 33
Chapter 34
Chapter 35
Chapter 36
Chapter 37
Chapter 38
Chapter 39
Chapter 40
Chapter 41
Chapter 42
Chapter 43
Chapter 44
Chapter 45
Chapter 46
Chapter 47
Chapter 48
Chapter 49
Chapter 50
Chapter 51
Chapter 52
Chapter 18 →
All chapters:
1
2
3
4
5
6
7
8
9
10
11
12
13
14
15
16
17
18
19
20
21
22
23
24
25
26
27
28
29
30
31
32
33
34
35
36
37
38
39
40
41
42
43
44
45
46
47
48
49
50
51
52