bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
/
Jeremiah 26
Jeremiah 26
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
← Chapter 25
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 28
Chapter 29
Chapter 30
Chapter 31
Chapter 32
Chapter 33
Chapter 34
Chapter 35
Chapter 36
Chapter 37
Chapter 38
Chapter 39
Chapter 40
Chapter 41
Chapter 42
Chapter 43
Chapter 44
Chapter 45
Chapter 46
Chapter 47
Chapter 48
Chapter 49
Chapter 50
Chapter 51
Chapter 52
Chapter 27 →
1
Ndafikelwa lilizwi livela *kuNdikhoyo, esaqala ukulawula uJoyakim, ukumkani wakwaJuda, unyana kaJosiya, lisithi:
2
“Utsho uNdikhoyo ukuthi: Yiya phaya eyadini yendlu kaNdikhoyo, ufike uthethe nabo bonke abantu beedolophu zakwaJuda abeze kunqulela endlwini kaNdikhoyo, ubaxelele konke endakuyalela kona, ungashiyi nento le.
3
Mhlawumbi bangeva aba bantu, elowo aguquke ayiyeke imikhwa yakhe emibi. Nam ke ndorhoxa ekubahliseleni intlekele njengoko besendigqibe ukwenjenjalo ngenxa yezenzo zabo ezimdaka.
4
“Yithi kubo: Utsho uNdikhoyo ukuthi: ‘Ukuba nineenkani, naza anawuthobela umyalelo endinimisele wona,
5
ningawahoyi namazwi ezicaka zam abashumayeli endiphindelele ukubathumela kuni naxa beningaphulaphuli kakade,
6
le ndlu ndoyenza ifane neShilo, nesi sixeko sitsho sibe yinto ekuqalekiswa ngayo phakathi kwezizwe zehlabathi.’ ”
7
Ababingeleli, nabashumayeli, kwakunye nabantu xa bebonke, bamva uJeremiya ewathetha la mazwi endlwini kaNdikhoyo.
8
Uthe nje akugqiba ukuthetha yonke loo nto kwakuthiwe aze ayithethe nguNdikhoyo, ababingeleli nabashumayeli, bekunye nabantu bonke, bamthi hlasi, bathi: “Uza kufa wena!
9
Kutheni ukuba ushumayele ngegama likaNdikhoyo uthi le ndlu iza kufana neShilo, esi sixeko sitshabalale sibe yinkangala ngamanxuwa, singahlalwa mntu?” Bamvingcela kuloo ndlu kaNdikhoyo uJeremiya bonke abantu.
10
Zithe ezi ndaba zakufika kwiziphathamandla zakwaJuda, zatsho zagxalathelana ukusuka ebhotwe, zisiya endlwini kaNdikhoyo, zafika zaya kutsho ezihlalweni zazo ngakwiSango eLitsha lendlu kaNdikhoyo.
11
Ababingeleli nabashumayeli babhekisa kwiziphathamandla nabo bonke abantu, besithi: “Lo mntu ufanelwe kukugwetyelwa ukufa; niyive ngokwenu into ayishumayele ngesi sixeko!”
12
UJeremiya ubhekise kwiziphathamandla nakubantu bonke, wenjenje: “NguNdikhoyo ondithume ukuba ndishumayele ezi zinto benindiva ndizithetha ngale ndlu nesi sixeko.
13
Ngoko yahlukanani nale mikhwa mibi yenu nezenzo zenu ezimdaka, nimthobele uNdikhoyo uThixo wenu. Uya kwandula ke uNdikhoyo ukusirhoxisa isigqibo sokunihlisela intlekele.
14
Mna okokwam ndisezandleni zenu; yenzani loo nto nibona ifanele ukwenziwa.
15
Kambe ke nize nazi kakuhle ukuba xa nindibulala noba netyala lokuphalaza igazi elimsulwa, nikunye nesi sixeko nabemi baso, kuba mna ngenene ndithunywe nguNdikhoyo ukuba ndize kuwathetha kuni la mazwi niwevileyo.”
16
Iziphathamandla zikunye nabantu bonke, zathi kubabingeleli nabashumayeli: “Lo mntu akasifanelanga isigwebo sokufa! Uthetha nathi egameni likaNdikhoyo uThixo wethu.”
17
Kwavela amadoda amakhulu elo zwe, abhekisa kuloo ntlanganiso, athi:
18
“Ngemihla kakumkani uHezekiya wakwaJuda kwabakho umfo waseMoreshete, owayenguMika igama, owathetha nabantu bonke bakwaJuda esithi: ‘Utsho uNdikhoyo uSomandla-onke ukuthi: “ ‘Iya kuphethulwa ixel' intsim' ilinywa iZiyon, yona iJerusalem ibe yimfumba yamabhodlo, intaba yendlu kaThixo yona ibe ziinduli ezinamahlathi.’
19
“Ingaba uMika wabulawa na ngukumkani uHezekiya kunye nabantu bakwaJuda? Akazange na uHezekiya amoyike uNdikhoyo azicelele isisa kuye? Akazange na yena uNdikhoyo ayirhoxise intlekele abeselegqibe ukubahlisela yona? Thina sisemngciphekweni wokuzihlisela ishwangusha!” (
20
Kukwakho nomnye umfo owayengu-Uriya unyana kaShemaya waseKiriyati-yarim owayeshumayela naye egameni likaNdikhoyo, ethetha kwale nto ithethwe nguJeremiya ngesi sixeko neli lizwe.
21
Ukumkani uJoyakim kunye namagorha akhe neziphathamandla zonke wafuna ukumbulala akuliva udaba lwakhe. Wathi akuyiva loo nto u-Uriya, wasabela eJiputa.
22
Ukumkani uJoyakim wamthumela eJiputa apho uElinatan unyana ka-Akebhore, eneqela lamadoda, ukuba aye kumlanda u-Uriya.
23
Babuye naye eJiputa, bamsa kukumkani Joyakim, owathi u-Uriya makaxatyelwe ngekrele, umzimba wakhe uye kulahlwa apho kungcwatyelwa khona abantu abaphantsi.)
24
Kwavela uAhikam unyana kaShafan, waxhasa uJeremiya, akabi sanikezelwa ke eluntwini ukuba abulawe.
← Chapter 25
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 28
Chapter 29
Chapter 30
Chapter 31
Chapter 32
Chapter 33
Chapter 34
Chapter 35
Chapter 36
Chapter 37
Chapter 38
Chapter 39
Chapter 40
Chapter 41
Chapter 42
Chapter 43
Chapter 44
Chapter 45
Chapter 46
Chapter 47
Chapter 48
Chapter 49
Chapter 50
Chapter 51
Chapter 52
Chapter 27 →
All chapters:
1
2
3
4
5
6
7
8
9
10
11
12
13
14
15
16
17
18
19
20
21
22
23
24
25
26
27
28
29
30
31
32
33
34
35
36
37
38
39
40
41
42
43
44
45
46
47
48
49
50
51
52