bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
/
Jeremiah 19
Jeremiah 19
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
← Chapter 18
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 28
Chapter 29
Chapter 30
Chapter 31
Chapter 32
Chapter 33
Chapter 34
Chapter 35
Chapter 36
Chapter 37
Chapter 38
Chapter 39
Chapter 40
Chapter 41
Chapter 42
Chapter 43
Chapter 44
Chapter 45
Chapter 46
Chapter 47
Chapter 48
Chapter 49
Chapter 50
Chapter 51
Chapter 52
Chapter 20 →
1
Wathi *uNdikhoyo: “Yiya kuthenga ingqayi yodongwe kumbumbi. Hamba kunye neqela lamadoda amakhulu abantu, kunye neqela lamadoda amakhulu angababingeleli,
2
uye kuphuma ngesango ekuthiwa nguNgceba zeeNgqayi, eli lijonge kwintili kaBhen-hinom. Apho uzufike uvakalise udaba endikunika lona,
3
uthi: ‘Nina kumkani bakwaJuda, nani bantu baseJerusalem, lubekeleni iindlebe udaba lukaNdikhoyo. UNdikhoyo uSomandla-onke onguThixo kaSirayeli utsho ukuthi: Niyabona, le ndawo ndiza kuyihlisela intlekele eya kutsho zithi nzwii iindlebe zabantu bonke abaya kuyiva.
4
Loo nto ndiza kuyenza ngenxa yokuba abantu basuke bandifulathela, bayenza eyasemzini le ndawo ngokwenzela oothixo basemzini iziqhumiso – ndithetha oothixo abangabaziyo, bengevanga ngabo nangamanyange nkqu nangookumkani bakwaJuda. Le ndawo bayitsho yaba lijaja ligazi labantu abamsulwa,
5
yaye bakhele uBhali izibingelelo, khon' ukuze apho benze amadini ngabantwana babo. Andizange ndibayalele njalo, kwaye andiyithethanga loo nto; andizange ndiyicinge nokuyicinga oku.
6
Ngoko ke liyeza ixesha xa le ndawo ingayi kuba sabizwa ngokuba yiTofeti okanye intili kaBhen-hinom, koko iya kubizwa ngokuba yiNtili yeNtshabalalo.
7
“ ‘Ndiza kuliqhekezela kule ndawo icebo labantu bakwaJuda nabaseJerusalem, ndibawise ngekrele phambi kweentshaba zabo ezizungula ubomi babo. Izidumbu zabo ziza kuba kukudla kweentaka kunye namarhamncwa.
8
Esi sixeko ndiya kusitsho sibe yinto ekhwankqisayo, into engumbono ongajongekiyo. Wonke ubani odlula kuso uya kothuka kakhulu, athi khumnqa ngenxa yezivubeko zaso.
9
Ndiza kubenza badle inyama yoonyana babo kunye neyeentombi zabo, elowo atye inyama yomnye ngexesha lentlupheko yabo nokuxinwa kwabo ziintshaba ezizungula ubomi babo.’
10
“Uze loo ngqayi uyiqhekeze apho ngaphambi kwaloo madoda ahamba kunye nawe,
11
uthi kuwo: ‘UNdikhoyo onamandla onke utsho ukuthi: Abantu balapha ndiza kubantlekeza kunye neso sixeko sabo, baxele le ngqayi intleke-ntleke, iingceba zingasoze zidibane kwakhona. Baya kungcwabela eTofeti kude kungabikho ndawo iseleyo.’
12
Ewe, nguwo lo umlomo kaNdikhoyo: ‘Nantsi into endiza kuyenza kule ndawo nabemi bayo: Esi sixeko ndiza kusitsho sifane neTofeti.
13
Izindlu zaseJerusalem kunye nezookumkani bakwaJuda ziza kuxajelwa zifane neTofeti. Nditsho zonke izindlu ekwakutshiswa phezu kwazo isiqhumiso soothixo abaziinkwenkwezi, kunikelwa nangeminikelo ethululwayo koothixo basemzini.’ ”
14
Wabuya ke uJeremiya evela eTofeti apho wayethunywe ukushumayela khona nguNdikhoyo. Waya kuma ngaphakathi kweyadi yendlu kaNdikhoyo, wathi ebantwini xa bebonke:
15
“UNdikhoyo uSomandla-onke onguThixo kaSirayeli utsho ukuthi: ‘Niyabona, esi sixeko kunye neelali zaso ndiza kusihlisela yonke intlekele endakha ndathetha ngayo, kuba kaloku abantu balapha baneenkani, abafuni kuliphulaphula ilizwi lam.’ ”
← Chapter 18
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 28
Chapter 29
Chapter 30
Chapter 31
Chapter 32
Chapter 33
Chapter 34
Chapter 35
Chapter 36
Chapter 37
Chapter 38
Chapter 39
Chapter 40
Chapter 41
Chapter 42
Chapter 43
Chapter 44
Chapter 45
Chapter 46
Chapter 47
Chapter 48
Chapter 49
Chapter 50
Chapter 51
Chapter 52
Chapter 20 →
All chapters:
1
2
3
4
5
6
7
8
9
10
11
12
13
14
15
16
17
18
19
20
21
22
23
24
25
26
27
28
29
30
31
32
33
34
35
36
37
38
39
40
41
42
43
44
45
46
47
48
49
50
51
52