bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
/
Jeremiah 46
Jeremiah 46
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
← Chapter 45
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 28
Chapter 29
Chapter 30
Chapter 31
Chapter 32
Chapter 33
Chapter 34
Chapter 35
Chapter 36
Chapter 37
Chapter 38
Chapter 39
Chapter 40
Chapter 41
Chapter 42
Chapter 43
Chapter 44
Chapter 45
Chapter 46
Chapter 47
Chapter 48
Chapter 49
Chapter 50
Chapter 51
Chapter 52
Chapter 47 →
1
Nanga amazwi *kaNdikhoyo awawabhekisa kwiintlanga ngomshumayeli uJeremiya.
2
Udaba oluya eJiputa luphathelele kumkhosi kakumkani uNeko waseJiputa owemisa eKarkemishe ngakumlambo iEfrati, wona waswantsuliswa ngukumkani uNebhukadenezare waseBhabheli ngonyaka wesine ukumkani uJoyakim unyana kaYosiya elawula kwaJuda:
3
“Bophani amakhaka amancini namakhulu, nisinge edabini.
4
Bophani amahashe, nitsho phezulu. Yimani xhonkxosholo, nithwele izigcina-ntloko. Zikhazimliseni iintshuntshe, nifake isinxibo sentsimbi.
5
Nibona ntoni ngoku? Bayankwantya; nâbo behlehla. Ayaswantsuliswa amagorha abo; acela kwabasicatyana; akabheki nangasemva. Lunxunguphalo macala onke, utsho uNdikhoyo.
6
Nonamendu akanakuphuncula; negorha alinakusinda. Bafadalele phaya emantla; bawile ngakumlambokazi iEfrati.
7
Ngubani lo uvumbuluka ngathi yiNayile, ngathi ngamanzi emilambo adlokovayo?
8
Tyhini, yiJiputa le ivumbulukayo ngathi yiNayile! Yiyo engathi ngamanzi emilambo adlokovayo. Ithi: ‘Ndiya kuvumbuluka, ndiwuthi gqume umhlaba, ndikhukhulise izixeko nabemi bazo.’
9
Iwuu, maqela amahashe! Phuthumani, madod' akhwel' iinqwelo; phambili, magorhandini! Nditsho nina, maKushe namaPuti, nina baphethe amakhaka; nani, maLudi, nina bafohlele iintolo!
10
Lo ngumhla kaNdikhoyo, uThixo onamandla onke. Ngumhla wokuziphindezela kwiintshaba zakhe lo. Liza kudla lihluthe ikrele, lisele lide lidikwe ligazi. Ewe kaloku, iNkosi uNdikhoyo onamandla onke wenzelwa idini kwelasentla ngakumlambo iEfrati.
11
“Ntombindini iyiJiputa, yiya eGiliyadi, uye kufuna khona amayeza okubopha. Kudala uwafuna amachiza; alikho eliya kuwanyanga loo manxeba unawo.
12
Ihlazo lakho livakele ezizweni; ukukhala kwakho kuligqibile ihlabathi. Igorha likhubeka kwelinye; omabini awa ndawonye.”
13
Nali ilizwi likaNdikhoyo awalithetha kumshumayeli uJeremiya malunga nokuhlaselwa kweJiputa nguNebhukadenezare ukumkani waseBhabheli:
14
“Bikelani iJiputa, nivakalise eMigidoli, nixele eNofu naseTapanesi. Yithini: ‘Lungela imfazwe uxhobe, kuba ikrele liza kudla kuwe macala onke.’
15
Yini na ukuba amakhalipha akho akhahlelwe phantsi? Akanakuma, kuba uNdikhoyo uwathe ntlithi, aya kuwa.
16
Kukhubeka abaninzi; ewe, omnye uwa phezu komnye, baze bathi: ‘Masiphakame, siye kowethu kwelokuzalwa, simke kwikrele eligwazayo.’
17
Apho baya kuvakala besithi: ‘Ukumkani waseJiputa uyarharhama nje; uliphosile ithuba lakhe.’
18
“Ndikho nje ndiyafunga,” nguwo lowo umlomo kaKumkani ogama linguNdikhoyo onamandla onke. Uthi: “Ukho ozayo, enjengeTabhore phakathi kweentaba, enjengeKarmele engaselwandle.
19
Yilungiseleleni ukuya ekuthinjweni imithwalo yenu, nina bemi baseJiputa, kuba kaloku iNofu iza kudilizwa, ibe ngamabhodlo angahlalwa bani.
20
“IJiputa lithokazi elihle kakhulu; kodwa isibawu esivela ngasentla inene siyeza!
21
Amajoni angabaqeshwa aseJiputa afana neenkunzana ezityebileyo, suka nawo ajika abaleka, akwema nalinye. Afikelwe yimini yentlekele, ixesha lokohlwaywa kwawo.
22
IJiputa ifutha oku kwenyoka erhubuluzayo, kuba utshaba olunamandla alufikanga lugalelekile! Luya kunifikela ngamazembe okwamadoda agawula imithi.
23
Luya kuligeca liphele elo hlathi lakho lishinyeneyo.” Lowo ngumlomo kaNdikhoyo. “Akamaninzi – yinyambalala engenakubalwa oku kweenkumbi.
24
Intombi enguJiputa ihlazekile; inikelwe esandleni sesizwe esivela ngasentla.”
25
UNdikhoyo onamandla onke, uThixo kaSirayeli, uthethile wathi: “Ndiza kumohlwaya *uthixo waseNo uAmoni, kunye namaJiputa noothixo bawo, namatshawe, nokumkani waseJiputa, nabo bonke abathembele kuye.
26
Ndiza kubanikezela esandleni salowo uzungula ubomi babo, uNebhukadenezare ukumkani waseBhabheli namaphakathi akhe. Phofu eli lizwe laseJiputa lobuya limiwe njengakwimihla yamandulo.” Lowo ngumlomo kaNdikhoyo.
27
“Uze ungoyiki, wena sicaka sam Yakobi; ungaxhalabi, wena Sirayeli. Uyabona, ndiya kukuhlangula, ndikuphuthume kuloo ndawo ikude apho ungumthinjwa khona, wena nenzala yakho, abuye uYakobi azole, onwabe, angoyikiswa mntu.
28
Uze ungoyiki, wena sicaka sam Yakobi.” Lowo ngumlomo *kaNdikhoyo. “Kaloku mna ndinawe. Ndiza kuziphanzisa zonke iintlanga endikuchitha-chithele kuzo, kodwa andiyi kukuphanzisa wena. Nawe phofu uya kohlwaywa; ndiza kukuqeqesha, phofu ndingabi ngqongqo kuwe.”
← Chapter 45
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 28
Chapter 29
Chapter 30
Chapter 31
Chapter 32
Chapter 33
Chapter 34
Chapter 35
Chapter 36
Chapter 37
Chapter 38
Chapter 39
Chapter 40
Chapter 41
Chapter 42
Chapter 43
Chapter 44
Chapter 45
Chapter 46
Chapter 47
Chapter 48
Chapter 49
Chapter 50
Chapter 51
Chapter 52
Chapter 47 →
All chapters:
1
2
3
4
5
6
7
8
9
10
11
12
13
14
15
16
17
18
19
20
21
22
23
24
25
26
27
28
29
30
31
32
33
34
35
36
37
38
39
40
41
42
43
44
45
46
47
48
49
50
51
52