bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
/
Jeremiah 30
Jeremiah 30
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
← Chapter 29
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 28
Chapter 29
Chapter 30
Chapter 31
Chapter 32
Chapter 33
Chapter 34
Chapter 35
Chapter 36
Chapter 37
Chapter 38
Chapter 39
Chapter 40
Chapter 41
Chapter 42
Chapter 43
Chapter 44
Chapter 45
Chapter 46
Chapter 47
Chapter 48
Chapter 49
Chapter 50
Chapter 51
Chapter 52
Chapter 31 →
1
Lavakala kuJeremiya ilizwi *likaNdikhoyo, lisithi:
2
“Utsho uNdikhoyo, uThixo kaSirayeli, ukuthi: ‘Wabhale encwadini onke amazwi endiwathethileyo kuwe.
3
Kuba kaloku lifikile ixesha lokupheliswa kokuthinjwa kwabantu bam amaSirayeli namaJuda. Ndiza kubabuyisela kumhlaba endawunika ooyise-mkhulu, babuye bawume kwakhona,’ utsho uNdikhoyo.”
4
Wenjenje ukuthetha uNdikhoyo, ebhekisa kumaSirayeli nakumaJuda:
5
“Utshilo uNdikhoyo ukuthi: ‘Kuvakala isikhalo esibangwa lixhala.
6
Khawuthi xha, ukhe ucinge: yakha yazala kanene indoda? Kutheni ke le nto ndibona amadoda ebambe izinqe ngathi ngumfazi osikwa yinimba? Kutheni ematshekile nje?
7
Mawoo! Hayi ukuba nkulu kwaloo mini! Ayikho eyakha yafana nayo. Lixesha lembandezelo kwindlu kaYakobi, kodwa noko yosinda kuyo.’
8
“Nguwo lo umlomo kaNdikhoyo uSomandla-onke: ‘Ngaloo mini ndoyaphula idyokhwe abaphantsi kwayo, ndiziqhawule izitrophu ababotshwe ngazo, bangabi saba ngamakhoboka abantu basemzini.
9
Ndaweni yaloo nto baza kuba zizicaka zikaNdikhoyo uThixo wabo, nezicaka zokumkani wabo uDavide endiya kubavelisela yena.’
10
“ ‘Musa ukoyika ke, sicaka sam Yakobi; nawe Sirayeli, mus' ukunkwantya.’ Lowo ngumlomo kaNdikhoyo. ‘Ndiza kukuhlangula kwelo lizwe likude, ndiyikhulule inzala yakho kumazwe engabathinjwa kuwo. Ewe, uYakobi woxhamla inzolo nolonwabo, kungabe kubekho bani umothusayo.
11
Ndinawe ukuze ndikusindise.’ Lowo ngumlomo kaNdikhoyo. ‘Zona iintlanga endikuchitha-chithe phakathi kwazo ndozitshabalalisa mpela, kodwa wena andiyi kukucima tu igama. Nawe phofu uza kohlwaywa; ndiza kukuqeqesha, phofu ndingabi ngqongqo kuwe.’
12
“Utsho uNdikhoyo ukuthi: ‘Inxeba lakho alinako nokubotshwa oku; wenzakele kangangokuba ungabi nakunyangwa.
13
Awunamthetheleli; awunayeza lokuzinyanga izilonda, ungenalo nethemba lokuphiliswa.
14
Izithandwa zakho zikulibele zonke; azisacingi nokucinga oku ngawe. Ndikubethe oku kotshaba, ndakuqeqesha ngqongqo ngenxa yezikreqo zakho ezikhulu, nezono zakho ezininzi.
15
Yini ukuba ukhale ngenxa yenxeba lakho, nangenxa yeentlungu zakho ezingenakunyangeka? Ndikwenzele konke oku ngenxa yobukhulu bezikreqo zakho nobuninzi bezono zakho.
16
“ ‘Kodwa ke bonke abaqwenga wena boqwengwa nabo; bonke abakuchasayo baya kusiwa ekuthinjweni. Bonke abakuphangayo nabo bophangwa; nabo bakwenza amaxhoba bokwenziwa amaxhoba nabo.
17
Ke wena ndiza kukubuyisela empilweni, ndikupholise amanxeba, nakuba kusithiwa ungumlahlwa, iZiyon engafunwa bani.’ Lowo ngumlomo kaNdikhoyo.
18
“Utsho uNdikhoyo ukuthi: ‘Izindlu zakwaYakobi ndiza kuzibuyisela kundalashe, zidle ngendebe endala, ndibe nemfesane kumzi ngamnye. Amanxuwa aseJerusalem aza kuvuswa, nebhotwe lime kwasendaweni yalo.
19
Kovakala intsholo yemibongo apho, nentswahla yemigcobo. Ndobatsho bande, banganciphi; babaluleke, bangadeleki.
20
Inzala yabo yoba njengeyamandulo, ibandla labo ndilizinzise, ndibohlwaye bonke ababacinezelayo.
21
Inkokheli yabo yovela kwakubo, umlawuli aphume phakathi kwabo. Uya kuvela ngokubizwa ndim, asondele kufuphi nam, kungekho bani nje ungade asondele kum ndingambizanga.’ Lowo ngumlomo kaNdikhoyo.
22
‘Ewe, niya kuba ngabantu bam, mna ndibe nguThixo wenu.’ ”
23
Niyabona, kuphuma kuNdikhoyo ulophu, nditsho isaqhwithi esoyikekayo esivuthuza phezu kweentloko zabangendawo.
24
Lo msindo kaNdikhoyo awuyi kujika ade abe ukufezekisile oko akucebileyo entliziyweni yakhe. Kwimihla ezayo niya kuyiqonda kakuhle le ndawo.
← Chapter 29
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 28
Chapter 29
Chapter 30
Chapter 31
Chapter 32
Chapter 33
Chapter 34
Chapter 35
Chapter 36
Chapter 37
Chapter 38
Chapter 39
Chapter 40
Chapter 41
Chapter 42
Chapter 43
Chapter 44
Chapter 45
Chapter 46
Chapter 47
Chapter 48
Chapter 49
Chapter 50
Chapter 51
Chapter 52
Chapter 31 →
All chapters:
1
2
3
4
5
6
7
8
9
10
11
12
13
14
15
16
17
18
19
20
21
22
23
24
25
26
27
28
29
30
31
32
33
34
35
36
37
38
39
40
41
42
43
44
45
46
47
48
49
50
51
52