bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
/
Jeremiah 40
Jeremiah 40
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
← Chapter 39
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 28
Chapter 29
Chapter 30
Chapter 31
Chapter 32
Chapter 33
Chapter 34
Chapter 35
Chapter 36
Chapter 37
Chapter 38
Chapter 39
Chapter 40
Chapter 41
Chapter 42
Chapter 43
Chapter 44
Chapter 45
Chapter 46
Chapter 47
Chapter 48
Chapter 49
Chapter 50
Chapter 51
Chapter 52
Chapter 41 →
1
Lavakala ilizwi *likaNdikhoyo kuJeremiya, akuba ekhululwe nguNebhuzaradan umphathi-balindi bakomkhulu, eRama. UNebhuzaradan wafika uJeremiya ekhonkxiwe ephakathi kwabathinjwa baseJerusalem nakwaJuda, ababesisiwa ekuthinjweni eBhabheli.
2
Akufika kuJeremiya umphathi-balindi wathi: “*NguNdikhoyo uThixo wenu ocwangcise le ntlekele inihleleyo kule ndawo.
3
Uyenzile ke uNdikhoyo loo nto njengokuba wayetshilo. Nifikelwe yile nto ngenxa yokuba nimonile uNdikhoyo anamphulaphula.
4
Uyabona, namhlanje ndiza kukukhulula kula matyathanga ubotshwe izandla ngawo. Ungaya nam eBhabhehli ukuba uyafuna; ndokulungiselela. Phofu ungasala uhlale apha ukuba akufuni, okanye ungaya naphi na apho uthanda khona kweli lizwe.”
5
Kambe ke engekahambi uJeremiya uNebhuzaradan uqokele wenjenje: “Ungabuyela kuGedaliya unyana ka-Ahikam ozalwa nguShafan, omiselwe ukuba alawule iidolophu zakwaJuda ngukumkani waseBhabheli. Ungahlala naye phakathi kwamawenu, okanye uye naphi na apho uthanda khona.” Watsho emnika umphako loo mphathi-balindi kwakunye nesipho, wamndulula uJeremiya.
6
Wesuka apho uJeremiya, waya kuGedaliya unyana ka-Ahikam owayeseMizpa, wafika wahlala naye phakathi kwabantu ababesele kwelo lizwe.
7
Ukumkani waseBhabheli wamisela uGedaliya unyana ka-Ahikam ukuba abe ngumphathiswa welizwe elo, abe phantsi kwakhe loo madoda nabafazi nabantwana kwabo bahlelelekileyo ababengafuduswanga basiwa eBhabheli. Ke abaphathi bamabutho ababesemaphandleni benamadoda awo, bakukuva oku,
8
basuka baya eMizpa apho kuGedaliya. Babekhokelwe ngooIshmayeli unyana kaNetaniya, uYohanan noJonatan oonyana bakaKareya, kunye noSeraya unyana kaTanumeti, bekunye noonyana bakaEfayi wakwaNetofa, kunye noYaziya umfo waseMahaka, nabalandeli babo.
9
Wafunga uGedaliya, unyana ka-Ahikam, umzukulwana kaShafan, wathi kubo nabalandeli babo: “Ze ningoyiki ukuwakhonza amaKaledi. Hlalani apha kweli lizwe, nithobele ukumkani waseBhabheli. Xa nenjenjalo niya kulungelwa.
10
Mna ke ndiza kuhlala eMizpa, ndibe ngummeli wenu kumaKaledi asihambelayo. Yiyani kuqokelela iwayini, neziqhamo zasehlotyeni, neoyile yeminquma, nifake koovimba, nihlale kwezo dolophu nizithathileyo.”
11
Athi amaJuda awayekwaMowabhi, nawayekwa-Amon, nakwaEdom, nakuwo onke amanye amazwe, akuva ukuba ukumkani waseBhabheli washiya igcudwana kwaJuda, waza wamisa uGedaliya unyana ka-Ahikam ozalwa nguShafan ukuba abe ngumphathiswa,
12
asuka onke, abuyela kwelakwaJuda, aya kuGedaliya eMizpa. Ayesuka kumazwe ngamazwe awayethe saa kuwo. Aqokelela intaphane yewayini neziqhamo zasehlotyeni.
13
Kwafika uYohanan unyana kaKareya kuGedaliya eMizpa, ehamba nabanye abaphathi bamabutho awayesemaphandleni,
14
bathi kuye: “Akuvanga na ukuba uBhahalisi ukumkani wama-Amon uthumele uIshmayeli unyana kaNetaniya ukuba akugwinte?” UGedaliya yena unyana ka-Ahikam akazange abakholelwe.
15
Emva koko uYohanan unyana kaKareya waya kuGedaliya ngasese apho eMizpa, wathi: “Ndivumele ndiye kubulala uIshamyeli unyana kaNetaniya; akukho mntu uya kuyazi loo nto. Makangayekwa akubulale, aze la maJuda aqokeleleke apha phantsi kwakho athi saa, atshabalale amasalela akwaJuda.”
16
UGedaliya waphendula uYohanan ngelithi: “Uze ungakhe uyenze into enjalo! Bubuxoki le nto wena uyithethayo ngoIshmayeli.”
← Chapter 39
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 28
Chapter 29
Chapter 30
Chapter 31
Chapter 32
Chapter 33
Chapter 34
Chapter 35
Chapter 36
Chapter 37
Chapter 38
Chapter 39
Chapter 40
Chapter 41
Chapter 42
Chapter 43
Chapter 44
Chapter 45
Chapter 46
Chapter 47
Chapter 48
Chapter 49
Chapter 50
Chapter 51
Chapter 52
Chapter 41 →
All chapters:
1
2
3
4
5
6
7
8
9
10
11
12
13
14
15
16
17
18
19
20
21
22
23
24
25
26
27
28
29
30
31
32
33
34
35
36
37
38
39
40
41
42
43
44
45
46
47
48
49
50
51
52