bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
/
Jeremiah 27
Jeremiah 27
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
← Chapter 26
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 28
Chapter 29
Chapter 30
Chapter 31
Chapter 32
Chapter 33
Chapter 34
Chapter 35
Chapter 36
Chapter 37
Chapter 38
Chapter 39
Chapter 40
Chapter 41
Chapter 42
Chapter 43
Chapter 44
Chapter 45
Chapter 46
Chapter 47
Chapter 48
Chapter 49
Chapter 50
Chapter 51
Chapter 52
Chapter 28 →
1
Esaqala ukulawula uZedekiya, unyana kaJosiya ukumkani wakwaJuda, lavakala ilizwi kuJeremiya, livela *kuNdikhoyo, lisithi:
2
“Utshilo uNdikhoyo kum ukuthi: Zenzele iidyokhwe ezinezitrophu, enye uyithwale entanyeni,
3
ezinye uzithumele kookumkani base-Edom, eMowabhi, eAmon, eTire, naseSidon, uzithumela ngezi zigidimi zize apha eJerusalem kuZedekiya ukumkani wakwaJuda.
4
Ziyalele ukuba zixelele iinkosi zazo zithi: Utsho uNdikhoyo uSomandla-onke, uThixo kaSirayeli, ukuthi:
5
‘Lenziwe ndim ngamandla am amakhulu nengalo yam eyomeleleyo ihlabathi, nabantu abakulo, nezilwanyana ezikulo; ndaye ndilinika nabani na endifuna ukumnika lona.
6
Ke ngoko onke amazwe enikuwo ndiza kuwanikezela esandleni sikaNebhukadenezare, isicaka sam, ongukumkani waseBhabheli. Nditsho nezilwanyana ezi zasendle ziza kuba zezakhe.
7
Zonke izizwe ziza kuba phantsi kwakhe, nonyana wakhe, nomzukulwana wakhe, lide lifike ixesha lokuwa kwelo lizwe lakhe. Emva koko ke kuya kufika izizwe ngezizwe, zinookumkani bazo abanamagama, zimoyise.
8
“ ‘Xa kuthe kwabakho isizwe okanye ulawulo esingafuni ukuzithoba phantsi kukaNebhukadenezare ukumkani waseBhabheli, nditsho esingavumiyo ukuyithwala entanyeni idyokhwe yakhe, eso sizwe ndosohlwaya ngekrele, nendlala, nangobhubhani, side sinikezelwe ngokupheleleyo esandleni sikaNebhukadenezare.’ Lowo ngumlomo kaNdikhoyo.
9
‘Ngoko ke musani ukubaphulaphula abashumayeli benu, noosiyazi benu, nabalawuli-maphupha benu, namatola enu, nezanuse zenu, abathi kuni: “Anisoze naba zizicaka zikakumkani waseBhabheli.”
10
Banishumayeza ubuxoki abo; bona baya kunibangela ukuba nikhutshelwe kude kumhlaba wenu. Ndonichitha-chitha nitshabalale.
11
Kanti sona isizwe esimthobelayo ukumkani waseBhabheli, sifake intamo edyokhweni yakhe, simthobele, sona ndosiyeka emhlabeni waso: sohlala kuwo, siwulime.’ ” Lowo ngumlomo kaNdikhoyo.
12
NakuZedekiya ukumkani wakwaJuda, ndithethe kwaloo nto inye. Ndithe: “Mthobeleni ukumkani waseBhabheli, niyithwale idyokhwe yakhe, nimkhonze yena nabantu bakhe, khon' ukuze niphile.
13
Ngani ukuba nizibulalise ngekrele, nendlala, nobhubhani, zinto ezo eziya kuthunyelwa nguNdikhoyo kwisizwe esingafuni ukuthobela ukumkani waseBhabheli?
14
Ze ningawaphulaphuli amazwi abashumayeli abathi: ‘Anisokuze nibe phantsi kolawulo lukakumkani waseBhabheli,’ kuba bashumayela ubuxoki bodwa xa batshoyo.
15
Abathunywanga ndim abo.” Lowo ngumlomo kaNdikhoyo. “Bathetha ubuxoki egameni lam. Ngoko ke ndonigxotha, nitshabalale kunye nâbo bashumayeli banishumayeze ubuxoki.”
16
Ke ndithe kubabingeleli nakubantu bonke: “Utsho uNdikhoyo ukuthi: Ze ningawaphulaphuli amazwi abashumayeli abathi: ‘Iimpahla zendlu kaNdikhoyo ziza kubuya kwakamsinyane eBhabheli.’ Banishumayeza ubuxoki.
17
Ze ningabaphulaphuli. Ze nithobele ukumkani waseBhabheli xa nifuna ukuphila. Ngani ukuba esi sixeko sibe ngamabhodlo?
18
Ukuba bangabashumayeli – ukuba likho kubo ilizwi likaNdikhoyo – mabambongoze uNdikhoyo uSomandla-onke, khon' ukuze impahla eseleyo yendlu yakhe, neyasebhotwe lokumkani wakwaJuda, neyabantu baseJerusalem, ingathinjwa isiwe eBhabheli.” (
19
Xa ukumkani uNebhukadenezare wayebamba ukumkani wakwaJuda uJekoniya, unyana kaJoyakim, kunye neziphathamandla zakwaJuda naseJerusalem, ebasa eBhabheli, wazishiya iintsika kunye netanki yobhedu, neenqwelwana, kunye nezinye izinto ezashiywayo endlwini kaThixo.)
21
Ngokubhekisele kwimpahla eseleyo endlwini kaNdikhoyo, nasebhotwe lokumkani, naseJerusalem, utsho uNdikhoyo uSomandla-onke uThixo kaSirayeli ukuthi:
22
“Iya kusiwa eBhabheli, ihlale apho ndide mna ndibuye ndiyilande ngokwam,” lowo ngumlomo kaNdikhoyo, “ndiyibuyisele kwakule ndawo.”
← Chapter 26
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 28
Chapter 29
Chapter 30
Chapter 31
Chapter 32
Chapter 33
Chapter 34
Chapter 35
Chapter 36
Chapter 37
Chapter 38
Chapter 39
Chapter 40
Chapter 41
Chapter 42
Chapter 43
Chapter 44
Chapter 45
Chapter 46
Chapter 47
Chapter 48
Chapter 49
Chapter 50
Chapter 51
Chapter 52
Chapter 28 →
All chapters:
1
2
3
4
5
6
7
8
9
10
11
12
13
14
15
16
17
18
19
20
21
22
23
24
25
26
27
28
29
30
31
32
33
34
35
36
37
38
39
40
41
42
43
44
45
46
47
48
49
50
51
52