bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
/
Jeremiah 41
Jeremiah 41
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
← Chapter 40
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 28
Chapter 29
Chapter 30
Chapter 31
Chapter 32
Chapter 33
Chapter 34
Chapter 35
Chapter 36
Chapter 37
Chapter 38
Chapter 39
Chapter 40
Chapter 41
Chapter 42
Chapter 43
Chapter 44
Chapter 45
Chapter 46
Chapter 47
Chapter 48
Chapter 49
Chapter 50
Chapter 51
Chapter 52
Chapter 42 →
1
Kwathi ngenyanga yesixhenxe uIshmayeli unyana kaNetaniya unyana kaElishama, owayengumntwana wegazi ekwayingqwayi-ngqwayi kakumkani, waya eMizpa kuGedaliya unyana ka-Ahikam, ehamba neshumi lamadoda, baza batya kunye. Kwathi ke besahleli etafileni apho
2
suka uIshmayeli unyana kaNetaniya kunye nelo shumi lamadoda ayehamba naye baphakama bamxabela ngekrele uGedaliya, unyana ka-Ahikam ongumzukulwana kaShafan. Ngeso senzo bamgwinta owayengumphathiswa welo lizwe omiselwe ngukumkani waseBhabheli.
3
Bawabulala namanye amaJuda onke awayeseMizpa kunye noGedaliya, kwakunye namajoni angamaKaledi awayelapho.
4
Ngomhla wesibini olandela ukugwintwa kukaGedaliya, ingekaziwa loo nto,
5
kwafika amashumi asibhozo amadoda, evela eShekem naseShilo naseSamariya. Ayezichebile iindevu, ezikrazule izambatho, imizimba eyicentile. Ayephethe iminikelo yeenkozo kunye nentlaka yesiqhumiso, ezizisa endlwini *kaNdikhoyo.
6
UIshmayeli unyana kaNetaniya wasuka eMizpa, wawahlangabeza ehamba elila. Ufikile kubo, wathi: “Yizani kuGedaliya unyana ka-Ahikam.”
7
Kodwa athi nje akuthi cakatha phakathi esixekweni, uIshmayeli nabo babehamba naye bawatyakatya loo madoda, bawaphosa emhadini.
8
Ishumi laloo madoda lona lathi kuIshamayeli: “Musa ukusibulala thina; sinokutya esikufihlileyo endle: ingqolowa, neoyile yomnquma, nobusi.” Wawayeka ke lawo amadoda akawabulala njengamanye.
9
Umhadi okwaphoswa kuwo izidumbu zamadoda abulawa nguIshmayeli kwakunye nesikaGedaliya wenziwa ngukumkani uAsa xa wayehlaselwa ngukumkani uBhasha wakwaSirayeli. Ke uIshmayeli unyana kaNetaniya wawuzalisa loo mhadi zizidumbu zabagwintiweyo.
10
UIshmayeli wathimba bonke abantu abâsaláyo eMizpa, iintombi zokumkani nabanye bonke abasala ngexesha uNebhuzaradan umphathi-balindi bakomkhulu waphathisa uGedaliya unyana ka-Ahikam. Wahamba nabo wawelela kwelaseAmon.
11
Kwathi bakuvakala kuYohanan unyana kaKareya kunye nabaphathi-mabutho bonke ububi obenziwe nguIshmayeli unyana kaNetaniya,
12
banduluka nawo onke amadoda amabutho abo, baya kuhlasela uIshmayeli. Bamfumana emise ngakwelaa chibi likhulu laseGibheyon.
13
Bavuya abantu ababehamba noIshmayeli bakubona uYohanan esiza nabaphathi-mabutho,
14
bajika bonke abo babethinjwe nguIshmayeli eMizpa, bangenela kuYohanan unyana kaKareya.
15
Waphuncuka kodwa yena uIshmayeli unyana kaNetaniya namadoda asibhozo, baya kutsho kwelama-Amon.
16
UJohanan unyana kaKareya, ekunye nabaphathi-mabutho, bajika namasalela abantu abaqweqwediswa nguIshmayeli unyana kaNetaniya owagwinta uGedaliya unyana ka-Ahikam esuka nabo eMizpa. Yayingamadoda axhobileyo, abafazi nabantwana, namagosa asebhotwe awayevela nawo eGibheyon.
17
Banduluka bemisa eGerute-kimham ngaseBhetelehem kwindlela yabo esinga eJiputa,
18
bephepha amaKaledi. Babesoyika kuba uIshmayeli unyana kaNetaniya wagwinta uGedaliya unyana ka-Ahikam owemiswa ngukumkani waseBhabheli ukuba abe ngumphathiswa welo lizwe.
← Chapter 40
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 28
Chapter 29
Chapter 30
Chapter 31
Chapter 32
Chapter 33
Chapter 34
Chapter 35
Chapter 36
Chapter 37
Chapter 38
Chapter 39
Chapter 40
Chapter 41
Chapter 42
Chapter 43
Chapter 44
Chapter 45
Chapter 46
Chapter 47
Chapter 48
Chapter 49
Chapter 50
Chapter 51
Chapter 52
Chapter 42 →
All chapters:
1
2
3
4
5
6
7
8
9
10
11
12
13
14
15
16
17
18
19
20
21
22
23
24
25
26
27
28
29
30
31
32
33
34
35
36
37
38
39
40
41
42
43
44
45
46
47
48
49
50
51
52