bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
/
Jeremiah 16
Jeremiah 16
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
← Chapter 15
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 28
Chapter 29
Chapter 30
Chapter 31
Chapter 32
Chapter 33
Chapter 34
Chapter 35
Chapter 36
Chapter 37
Chapter 38
Chapter 39
Chapter 40
Chapter 41
Chapter 42
Chapter 43
Chapter 44
Chapter 45
Chapter 46
Chapter 47
Chapter 48
Chapter 49
Chapter 50
Chapter 51
Chapter 52
Chapter 17 →
1
Lavakala kum ilizwi *likaNdikhoyo lisithi:
2
“Uze ungakhe uzeke mfazi, uzale oonyana neentombi kule ndawo.
3
Ngokusingisele koonyana neentombi zalapha, kunye noonina nooyise babo, utsho uNdikhoyo ukuthi:
4
‘Baza kufa zizifo ezibulalayo, bangazilelwa, bangangcwatywa nokungcwatywa. Izidumbu zabo ziya kudunduluza emadlelweni okwamalongwe. Baza kufa likrele okanye yindlala, baxholwe ziintaka, badliwe nangamarhamncwa.’ ”
5
Ewe, utsho uNdikhoyo kum ukuthi: “Ungaze ungene kumzi apho kuqhutywa isiko lokuzila. Ungazileli okanye ukhuze namnye umntu. Kaloku ndilususile kwaba bantu uxolo lwam; andisayi kuba nanceba nabubele kubo.” Lowo ngumlomo kaNdikhoyo.
6
“Abaphakamileyo nabaphantsi baza kufa ngokufanayo. Abayi kulilelwa, bengazi kungcwatywa nokungcwatywa. Akukho mntu uya kuziqaphula noya kucheba intloko ngenxa yabo.
7
Akukho bani oya kumnika ukutya evelana naye oswelekelweyo, nditsho nokuba selebhujelwe ngunina okanye uyise. Ewe, akayi kusezwa nethontsi eli.
8
“Uze ungangeni kumzi onesidlo, ungahlali phantsi utye usele kunye nabo.”
9
Kaloku utsho uNdikhoyo onamandla onke, uThixo kaSirayeli, ukuthi: “Ndiza kuyiphelisa loo ntswahla yemigcobo neziyolo, nditsho ilizwi lomtshakazi nelomyeni. Oko nokubona ngawenu amehlo kule mihla yenu.
10
“Wakuba uwavakalisile onke la mazwi, abantu baza kubhekisa kuwe besithi: ‘Kungani na ukuba uNdikhoyo asimisele intlekele engaka? Buyini na ubugwenxa bethu? Siyini na isono sethu esimone ngaso uNdikhoyo uThixo wethu?’
11
Uze wena ubaphendule uthi: ‘Kungenxa yokuba ooyihlo-mkhulu bandishiya, balandela oothixo basemzini, babakhonza, baqubuda kubo. Mna bandifulathela, abawuthobela umyalelo wam.’ Lowo ngumlomo kaNdikhoyo.
12
‘Kodwa nina niziphethe kakubi nabadlula ookhokho benu: nako elowo elandela ukuqaqadeka kwentliziyo yakhe ekhohlakeleyo endaweni yokuba andiphulaphule mna.
13
Ndiza kunikhupha kulo mhlaba, ndinise kwilizwe eningalaziyo nina kunye nooyihlo. Apho nonqula *thixo bambi imini nobusuku, kuba andiyi kunisizela konke mna.’ ”
14
Nguwo lo umlomo *kaNdikhoyo: “Inene, iyeza imihla ekungayi kuba safungwa kuthiwe: ‘Ekho nje uNdikhoyo owakhulula amaSirayeli eJiputa.’
15
Koko baza kuthi: ‘Ekho nje uNdikhoyo owakhulula amaSirayeli kumhlaba wangasentla nakwamanye amazwe awayewagxothele kuwo.’ Ndiza kuwabuyisela kowawo umhlaba endawunika ooyise-mkhulu.”
16
Nguwo lo umlomo *kaNdikhoyo: “Niyabona, ndiza kuthumela abalobi beentlanzi abaninzi, baze kubambisa aba bantu, emva koko ndithumele abazingeli abaninzi babazingele kuzo zonke iinduli nakuzo zonke iintaba, nasezimfanteni zamawa.
17
Ndiyayibona into abayenzayo; akukho nto isitheleyo kum; ndiyabubona bonke ubugwenxa babo.
18
Kuqala ndobabuyekeza ngokuphinda-phindiweyo ngenxa yobugwenxa babo nesono sabo, kuba baxabhele umhlaba olilifa lam ngoonomgogwana bezithixo zabo ezingamasikizi alizothe.”
19
*Ndikhoyo, mandla am, nqaba yam, mkhuseli wam ngamaxesha eembandezelo, ziya kuza kuwe iintlanga, zivela eziphelweni zehlabathi, zifike zithi: “Inene, oobawo babebambelele kwizinto zobuxoki, bekhonza oothixo abangamampunge, abangancedi lutho.”
20
Kakade umntu angazenzela uthixo? Hayi bo! Into enjalo ayinakuze ibe nguThixo.
21
Ke ngoko uNdikhoyo uthi: “Niyabona, ngesi sihlandlo ndiza kubafundisa, ndibazise amandla am nokomelela kwam, bandazi ukuba ndinguNdikhoyo igama lam.”
← Chapter 15
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 28
Chapter 29
Chapter 30
Chapter 31
Chapter 32
Chapter 33
Chapter 34
Chapter 35
Chapter 36
Chapter 37
Chapter 38
Chapter 39
Chapter 40
Chapter 41
Chapter 42
Chapter 43
Chapter 44
Chapter 45
Chapter 46
Chapter 47
Chapter 48
Chapter 49
Chapter 50
Chapter 51
Chapter 52
Chapter 17 →
All chapters:
1
2
3
4
5
6
7
8
9
10
11
12
13
14
15
16
17
18
19
20
21
22
23
24
25
26
27
28
29
30
31
32
33
34
35
36
37
38
39
40
41
42
43
44
45
46
47
48
49
50
51
52