bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
/
Jeremiah 28
Jeremiah 28
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
← Chapter 27
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 28
Chapter 29
Chapter 30
Chapter 31
Chapter 32
Chapter 33
Chapter 34
Chapter 35
Chapter 36
Chapter 37
Chapter 38
Chapter 39
Chapter 40
Chapter 41
Chapter 42
Chapter 43
Chapter 44
Chapter 45
Chapter 46
Chapter 47
Chapter 48
Chapter 49
Chapter 50
Chapter 51
Chapter 52
Chapter 29 →
1
Kwangaloo nyaka, ngenyanga yesihlanu, kunyaka wesine elawula uZedekiya ukumkani wakwaJuda, uHananiya unyana ka-Azure waseGibheyon wathi kum, sisendlwini *kaNdikhoyo, ngaphambi kwababingeleli nabantu bonke:
2
“Utsho uNdikhoyo onguSomandla-onke, uThixo kaSirayeli, ukuthi: ‘Ndiyaphule idyokhwe kakumkani waseBhabheli ephezu kwenu.
3
Ngeminyaka emibini ndiza kuyibuyisela kule ndawo yonke impahla yendlu kaNdikhoyo eyathathwa yasiwa eBhabheli ngukumkani waseBhabheli uNebhukadenezare.
4
Ndiza kubabuyisela apha ooJekoniya unyana kaJoyakim ukumkani wakwaJuda, nabo bonke abathinjwa bakwaJuda abasiwa eBhabheli.’ Lowo ngumlomo kaNdikhoyo. Ewe, uthi: ‘Ndiyaphule idyokhwe yokumkani waseBhabheli ephezu kwenu.’ ”
5
UJeremiya umshumayeli wamphendula umshumayeli uHananiya apho ngaphambi kwababingeleli nabantu bonke ababelapho endlwini kaNdikhoyo,
6
wenjenje: “Amen! Akwaba ngenene uNdikhoyo la mazwi entshumayelo yakho ebeya kuwafezekisa, ayibuyisele kule ndawo impahla yendlu yakhe, kunye nabo bonke abathinjwa abaseBhabheli!
7
Kambe ke, khawuve le nto ndiza kuyithetha apha phambi kwakho nangaphambi kwabo bonke aba bantu.
8
Abashumayeli bamandulo, ababekho ngaphambi kwethu, babeshumayela ngemfazwe nendlala nobhubhani, bethetha ngezizwe ezikude nezikumkani ezinamandla.
9
Umshumayeli ke obevakalisa uxolo ebecaca ukuba ungothunywe nguNdikhoyo ngenene xa izinto azishumayelayo zisenzeka.”
10
UHananiya wayixhiwula loo dyokhwe yayisentanyeni yomshumayeli uJeremiya, wayaphula,
11
wathetha apho ngaphambi kwabantu, wathi: “Utsho uNdikhoyo ukuthi yena uza kwenjenje ukuyaphula idyokhwe ukumkani uNebhukadenezare ayithwalise izizwe zonke. Iza kwenzeka kwiminyaka emibini loo nto.” Umshumayeli uJeremiya ke usuke wemka.
12
Emva kokuba umshumayeli uHananiya eyaphule idyokhwe eyayisentanyeni yomshumayeli uJeremiya, lavakala ilizwi likaNdikhoyo kuJeremiya lisithi:
13
“Hamba uye kuthi kuHananiya: Utsho uNdikhoyo ukuthi: ‘Ewe, uyaphule idyokhwe eyenziwe ngomthi, kodwa uza kufakwa eyentsimbi.’
14
Utsho uNdikhoyo onguSomandla-onke, uThixo kaSirayeli, ukuthi: ‘Zonke ezi zizwe ndiza kuzithwalisa idyokhwe yentsimbi, zaye ziza kuba zizicaka zikakumkani uNebhukadenezare waseBhabheli. Ewe, uza kuthotyelwa nazizilwanyana zasendle uNebhukadenezare.’ ”
15
Emva koko umshumayeli uJeremiya wathi kumshumayeli uHananiya: “Jong' apha, Hananiya, akuthunywanga nguNdikhoyo konke wena, yaye aba bantu ubenza babambelele ebuxokini.
16
Utsho ke kuwe uNdikhoyo ukuthi: ‘Uyabona, ndiza kukususa wena phezu komhlaba. Ungekapheli lo nyaka, uza kufa wena, kuba ufundisa abantu ukukreqa kuNdikhoyo.’ ”
17
Wabhubha ngenyanga yesixhenxe kwakuloo nyaka umshumayeli uHananiya.
← Chapter 27
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 28
Chapter 29
Chapter 30
Chapter 31
Chapter 32
Chapter 33
Chapter 34
Chapter 35
Chapter 36
Chapter 37
Chapter 38
Chapter 39
Chapter 40
Chapter 41
Chapter 42
Chapter 43
Chapter 44
Chapter 45
Chapter 46
Chapter 47
Chapter 48
Chapter 49
Chapter 50
Chapter 51
Chapter 52
Chapter 29 →
All chapters:
1
2
3
4
5
6
7
8
9
10
11
12
13
14
15
16
17
18
19
20
21
22
23
24
25
26
27
28
29
30
31
32
33
34
35
36
37
38
39
40
41
42
43
44
45
46
47
48
49
50
51
52