bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
/
Jeremiah 23
Jeremiah 23
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
← Chapter 22
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 28
Chapter 29
Chapter 30
Chapter 31
Chapter 32
Chapter 33
Chapter 34
Chapter 35
Chapter 36
Chapter 37
Chapter 38
Chapter 39
Chapter 40
Chapter 41
Chapter 42
Chapter 43
Chapter 44
Chapter 45
Chapter 46
Chapter 47
Chapter 48
Chapter 49
Chapter 50
Chapter 51
Chapter 52
Chapter 24 →
1
“Mawoo kubo abelusi abatshabalalisa imihlambi yedlelo lam!” Lowo ngumlomo kaNdikhoyo.
2
Utsho ke ngoko uNdikhoyo onguThixo kaSirayeli kwabo belusi ukuthi: “Ngenxa yokuba imihlambi yam niyichithe nayithi saa, anayikhathalela, ndiza kunohlwaya ngenxa yobubi enibenzileyo.” Lowo ngumlomo kaNdikhoyo.
3
“Amasalela omhlambi wam ndiya kuwaqokelela emazweni onke endawachitha-chithela kuwo, ndiwabuyisele edlelweni lawo, aqhame ande.
4
Abantu bam ndiza kubanika abelusi abaza kubalondoloza. Abayi kube babe naxhala nalunxunguphalo, kungayi kube sabakho bani ulahlekayo kwakhona.” Lowo ngumlomo kaNdikhoyo.
5
“Iyeza imihla,” lowo ngumlomo kaNdikhoyo, “yokuba uDavide ndimvelisele kumnombo wakhe ihlumelo elililungisa: ukumkani oya kuphatha ngobulumko, enze okulungileyo nobulungisa kulo mhlaba.
6
Ngemihla yakhe baya kuhlala bengabasindileyo abantu bakwaJuda, nakwaSirayeli bahlale bekhuselekile. Igama aya kubizwa ngalo lelithi: ‘UNdikhoyo ububulungisa bethu.’ ”
7
Ngoko ke nguwo lo umlomo kaNdikhoyo: “Niyabona, kuza imihla apho abantu bangayi kubuya bathi xa befunga: ‘Ekho nje uNdikhoyo owakhulula amaSirayeli eJiputa.’
8
Ngaloo mihla baya kuthi: ‘Ekho nje uNdikhoyo owakhulula inzala yamaSirayeli kwilizwe langasentla nakuwo onke amazwe awabachitha-chitha kuwo, ukuze ahlale kwelakowawo ilizwe.’ ”
9
Nalu udaba malunga *nabashumayeli: Intliziyo yam ikhathazekile; amathambo am anengevane. Ngenxa *kaNdikhoyo namazwi akhe angcwele ndifana nomntu onxilileyo oyotywe butywala.
10
Lizele ngabantu abakrexezayo ilizwe, libharhile ilizwe ngenxa yesiqalekiso sikaNdikhoyo, amadlelo asentlango axwebile. Bahamba iindlela ezigwenxa; bangamagorha okwenza okungalunganga.
11
“Kwa-abashumayeli nababingeleli abamhloneli uThixo; nasendlwini yam ndibhaqa amanyundululu.” Lowo ngumlomo kaNdikhoyo.
12
“Ngoko loo ndlela yabo iza kuba mtyibilizi, balahleke bawe emnyameni. Ndiza kubahlisela ishwangusha ngethuba lokohlwaywa kwabo.” Lowo ngumlomo kaNdikhoyo.
13
“Kubashumayeli baseSamariya ndibone into emanyumnyezi: ndibone beshumayela ngoBhali, belahlekisa abantu bam amaSirayeli.
14
Kubashumayeli baseJerusalem ndibone eligqithileyo isikizi; bona ngabakrexezi abaphila ngokuxoka. Bakhuthaza abantu ekwenzeni ububi, kungabikho namnye uguqukayo kwinkohlakalo yakhe. Xa bebonke kum bafana nabantu baseSodom; abemi balapho bafana nabaseGomora.”
15
Ke naku akuthethayo uSomandla-onke uNdikhoyo ngokusingisele kubashumayeli baseJerusalem: “Ndiza kubanika ukutya okukrakrayo, ndibaseze amanzi anetyhefu, kuba abashumayeli baseJerusalem basasaze ukudela uThixo kulo lonke ilizwe.”
16
Utsho uNdikhoyo uSomandla-onke ukuthi: “Ze ningayiphulaphuli into ethethwa kuni ngaba bashumayeli; banithembisa ilize. Banixelela ngemibono yeentliziyo zabo, benganazisi okuphuma emlonyeni kaNdikhoyo.
17
Kwabalidelayo ilizwi lam basoloko besithi: ‘Makube luxolo kuni.’ Kwabo baqaqadekileyo bathi: ‘Anisoze nihlelwe bububi.’ ”
18
Ngubani na kubo olilungu legqugula likaNdikhoyo? Ingubani oluvayo noluqondayo udaba lwakhe? Ngaba ukho owakha waluphulaphula waluthathela ingqalelo?
19
Niyabona, kuphuma kuNdikhoyo ulophu, nditsho isaqhwithi esoyikekayo esivuthuza phezu kweentloko zabangendawo.
20
Lo msindo kaNdikhoyo awuyi kujika ade abe ukufezekisile oko akucebileyo entliziyweni yakhe. Kwimihla ezayo niya kuyiqonda kakuhle le ndawo.
21
Abathunywanga ndim aba bashumayeli, kodwa noko basuke bagijima. Zange ndithethe nabo, kodwa bona basuke bashumayela.
22
Ukuba bebekho kwigqugula lam ngebewavakalisa amazwi am endiwabhekisa ebantwini bam. Ngebebajikile kwiindlela zabo ezimbi nakwizenzo zabo ezikhohlakeleyo.
23
“NdinguThixo wakufuphi na?” utsho umlomo kaNdikhoyo, “ndingabi nguThixo wakude na?
24
Ikhona na indawo efihlakeleyo apho umntu angazimela khona ukuze ndingamboni?” Lowo ngumlomo kaNdikhoyo. “Asindim na lowo ukho ngokupheleleyo ezulwini nasemhlabeni?” Lowo ngumlomo kaNdikhoyo.
25
“Ndiyivile into ethethwa ngâbo bashumayeli bashumayela ubuxoki egameni lam. Bathi: ‘Ndiphuphe iphupha! Ndiphuphe iphupha!’
26
Koda kube nini na iqhubeka le nto eyenziwa ngabashumayeli abashumayela ubuxoki, bevakalisa inkohliso yeengcinga zabo?
27
Bacinga ukuba la maphupha bawachazayo aya kwenza ukuba bandilibale abantu bam, baxele ooyise-mkhulu abândilibalayo banqula uBhali.
28
Umshumayeli ongumchazi-maphupha makatsho ukuba uchaza nje iphupha, kodwa lowo ushumayela evakalisa amazwi am makenjenjalo ngentembeko. Ufunani umququ engqoloweni?” Lowo ngumlomo kaNdikhoyo.
29
“Alinjengomlilo na ilizwi lam, lingenjengehamile na eyaphula ilitye lenyengane?” Lowo ngumlomo kaNdikhoyo.
30
Nguwo lo ke umlomo kaNdikhoyo: “Ndibachasile abo bashumayeli abeba omnye komnye amazwi angathi ngawam.
31
Ndibachasile kwanabo bashumayeli bashumayela ngobabo ubuciko, suka bathi: ‘Utsho uNdikhoyo.’ ”
32
Nguwo lo umlomo kaNdikhoyo: “Niyabona, ndibachasile abo bashumayela ubuxoki bamaphupha abo. Bayawachaza, baze balahlekise abantu bam ngokuzigwagwisa kwabo. Abathunywanga ndim, yaye bengagunyaziswanga ndim. Futhi akukho nto konke babanceda ngayo aba bantu.” Lowo ngumlomo kaNdikhoyo.
33
“Xa aba bantu bekubuzayo, nokuba *ngumshumayeli nokuba ngumbingeleli, besithi: ‘Udaba olundilisekileyo *lukaNdikhoyo luthini?’ uze uthi: ‘Ungumthwalo wena kuNdikhoyo; ibe uza kukothula.’ ” Lowo ngumlomo kaNdikhoyo.
34
“Xa kukho umntu, nokuba ngumshumayeli, nokuba ngumbingeleli, othi xa ethetha: ‘Nalu udaba lukaNdikhoyo,’ loo mntu uya kohlwaywa kunye nentsapho yakhe.
35
“Nisoloko nibuza kubahlobo nakwizizalwane nisithi: ‘Impendulo kaNdikhoyo ithini? Uthini uNdikhoyo?’
36
Kambe maningabi sawasebenzisa amazwi athi: ‘Nalu udaba olundilisekileyo lukaNdikhoyo,’ kuba ilizwi lomntu ngamnye losuka libe ludaba olundilisekileyo lukaNdikhoyo kuye, abe ewagqwetha amazwi kaThixo onguThixo wethu ophilayo, uNdikhoyo uSomandla-onke.
37
Nibuza kubashumayeli nisithi: ‘Itheni impendulo kaNdikhoyo? Utheni uNdikhoyo?’
38
Ukuba nithi: ‘Nalu udaba olundilisekileyo lukaNdikhoyo,’ ndibe mna bendithe ze ningabi sawathetha amazwi athi: ‘Nalu udaba lukaNdikhoyo,’
39
ngako oko, niyabona, ndiza kunithatha ndiniphose kude lee kunye neso sixeko senu ndasinika ookhokho benu.
40
Ndonihlisela ihlazo elingenasiphelo nokuphoxeka okungasokuze kulibaleke.”
← Chapter 22
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 28
Chapter 29
Chapter 30
Chapter 31
Chapter 32
Chapter 33
Chapter 34
Chapter 35
Chapter 36
Chapter 37
Chapter 38
Chapter 39
Chapter 40
Chapter 41
Chapter 42
Chapter 43
Chapter 44
Chapter 45
Chapter 46
Chapter 47
Chapter 48
Chapter 49
Chapter 50
Chapter 51
Chapter 52
Chapter 24 →
All chapters:
1
2
3
4
5
6
7
8
9
10
11
12
13
14
15
16
17
18
19
20
21
22
23
24
25
26
27
28
29
30
31
32
33
34
35
36
37
38
39
40
41
42
43
44
45
46
47
48
49
50
51
52