bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
/
Jeremiah 31
Jeremiah 31
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
← Chapter 30
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 28
Chapter 29
Chapter 30
Chapter 31
Chapter 32
Chapter 33
Chapter 34
Chapter 35
Chapter 36
Chapter 37
Chapter 38
Chapter 39
Chapter 40
Chapter 41
Chapter 42
Chapter 43
Chapter 44
Chapter 45
Chapter 46
Chapter 47
Chapter 48
Chapter 49
Chapter 50
Chapter 51
Chapter 52
Chapter 32 →
1
Nguwo lo umlomo *kaNdikhoyo: “Ngelo xesha ndoba nguThixo wazo zonke izizwe zakwaSirayeli, zona zibe ngabantu bam.”
2
Ewe, utsho uNdikhoyo ukuthi: “Abantu abasinde kulo ikrele ndobenzela inceba entlango, ndiwanike ukuphumla amaSirayeli.”
3
UNdikhoyo wabonakala kwamandulo, wathi: “Sirayeli, ndikuthanda ngothando olungapheliyo; ndahlala ndikwenzela izibele.
4
Ndiza kubuya ndikuvuse, utsho wakheke, ntombindini Sirayeli! Uza kubuya ugaxele amagubu, ungenelele kumxhentso wabavuyayo.
5
Wobuya ulime iidiliya kweziya ntili zaseSamariya, olimayo axhamle iziqhamo zazo.
6
Kuza imini abaya kuthi abalindi bamemeze bekwiinduli zakwaEfrayim, bathi: ‘Yizani sinyukele kwintaba iZiyon, siye kuNdikhoyo uThixo wethu.’ ”
7
Utsho uNdikhoyo ukuthi: “Dandulukani nivuye ngenxa kaYakobi; memelelani ngenxa yenjinga yezizwe, nitsholoze nithi: ‘Basindise abantu bakho, Ndikhoyo, nditsho amasalela akwaSirayeli.’
8
Nâbo ndibakhupha emantla, ndibaqokelela eziphelweni zehlabathi! Zilapho iimfama neziqhwala, abakhulelweyo nasebesindeka. Yoba nguMbo nomXesibe ukujong' ekhaya.
9
Bobuya belila begixa, ndibakhokele betarhuzisa, bahambe ngakwimilambo empompozayo, kwiindlela ezithe tye, bangabi sakhubeka. Suka ndanguyise kuSirayeli; uEfrayim wayinkulu yam!
10
“Liveni ilizwi likaNdikhoyo, nina zintlanga; libhengezeni nakwiziqithi ezikude, nithi: ‘Lowo wawachitha-chithayo amaSirayeli wobuya awaqokelele, awaluse oku komalusi elind' umhlambi.’
11
Kaloku uNdikhoyo womkhulula uYakobi; amhlangule kwiintlanga ezinamandla kunaye.
12
Bobuya batsho ngentsholo ezindulini zeZiyon, bevuyiswa bububele bukaNdikhoyo; ewe, nditsho ingqolowa, newayini entsha, namafutha omnquma, neenkomo neegusha abaphe zona. Bochuma oku komhlaba onkcenkceshelwayo, bangabi saphinda baxhwaleke.
13
Iintombi zongqungqa, zigcobe, benjenjalo abafana kwanamadoda. Usizi lwabo ndoluguqula lube luvuyo; ndobathuthuzela bagcobe, bangabuyi babe buhlungu.
14
Ababingeleli bodikwa sisabelo sabo, abantu bam bahluthe yindyebo yezinto zam.” Lowo ngumlomo kaNdikhoyo.
15
Utsho *uNdikhoyo ukuthi: “Kuvakala isikhalo esikrakra eRama. URakeli ulilela abantwana bakhe, engavumi ukuthuthuzeleka, kuba bengasekho.”
16
Utsho ke uNdikhoyo ukuthi: “Ngxe, yeka ukulila! Musa ukuba nyembezana. Inkxamleko yakho iza kuvuzwa.” Lowo ngumlomo kaNdikhoyo. “Abantwana bakho bobuya kwilizwe lotshaba.
17
Likho ithemba ngekamva lakho,” lowo ngumlomo kaNdikhoyo, “kuba abantwana bakho baza kubuyela kwelokuzalwa.
18
Ewe, ndimvile encwina uEfrayim, esithi: ‘Undiqeqeshile ndatsho ndanjengethole eliqhelisiweyo. Ndibuyise, khon' ukuze ndibuyele kuwe, kuba nguwe, Ndikhoyo, uThixo wam.
19
Ndakuba ndikreqile, ndibuye ndazohlwaya; ndakuba ndiziqondile, ndizive ndidanile. Ndineentloni, ndihlazekile ngenxa yokusindwa ngamahlazo obutsha bam.’
20
Ngaba uEfrayim asingonyana wam oyintandane, umntwana endinebhongo ngaye? Okukhona ndimkhalimelayo kokukhona ndimkhumbulelayo. Ndisikwa yimfesane ngenxa yakhe; inene, ndomthi jize ngenceba.” Lowo ngumlomo kaNdikhoyo.
21
“Misa izalatha-ndlela, ugxumeke izalathiso. Qwalasela indlela owohamba ngayo. Goduka, ntombindini Sirayeli; buyela kwiidolophu zakowenu.
22
Koda kube nini uthingaza, ntombindini ingathembekanga? UNdikhoyo udale into entsha emhlabeni: umfazi ekhusela indoda.”
23
Utsho uSomandla-onke, *uNdikhoyo, uThixo kaSirayeli, ukuthi: “Xa sele ndibahlangule ekuthinjweni, ndababuyisela kundalashe, baya kubuya bathethe la mazwi emhlabeni wakwaJuda nakwiidolophu zawo, bathi: ‘Mzindini wobulungisa, ntabandini engcwele, uNdikhoyo makakusikelele.’
24
Baya kuma ndawonye abantu bakwaJuda needolophu zakhona, belapho abalimi nabafuyi ababesoloko bejikeleza nempahla.
25
Ndobahlaziya abatyhafileyo, ndibondle abafa yindlala,
26
batsho bathi: ‘Khangela, besilele, savuka sihlaziyekile.’”
27
UNdikhoyo uthi: “Iyeza imihla yokuba isizwe sikaSirayeli nesikaJuda ndisitsho sinyakazele yinzala yabantu neyemfuyo.
28
Kanye njengoko ndingaphazamanga ukubancothula nokubadiliza nokubabhuqa nokubatshabalalisa nokubahlisela ishwangusha, ewe, ndiya kwenjenjalo ukwakha nokutyala.” Lowo ngumlomo kaNdikhoyo.
29
“Ngaloo mihla abakubuya bathi abantu: ‘Ooyise bâtya iidiliya ezikrwada, suka kwabuthelezi amazinyo abantwana.’
30
Umntu ngamnye uya kufa ngenxa yobugwenxa bakhe. Kuya kuthi lowo utya iidiliya ezimuncu, kube buthelezi awakhe amazinyo.”
31
Nguwo lo umlomo kaNdikhoyo: “Ewe, iyeza imihla yokuba ndenze umnqophiso omtsha nesizwe sakwaSirayeli nesakwaJuda.
32
Lo wona umnqophiso awuyi kufana nalowa ndawenzayo nookhokho babo mhla ndabathi chu ngesandla ndibakhupha eJiputa, mnqophiso lowo bangawugcinanga naxa ndandiyinkosi yabo.” Lowo ngumlomo kaNdikhoyo.
33
“Nguwo lo umnqophiso endiza kuwenza nesizwe sikaSirayeli kwimihla ezayo,” lowo ngumlomo kaNdikhoyo: “Imiyalelo yam ndiya kuyimilisela ngaphakathi kwabo, ndiyishicilele ezintliziyweni zabo, mna ndibe nguThixo wabo, babe ngabantu bam bona.
34
Abayi kuba safundisana ngam elowo umntakwabo, elowo ummelwane wakhe, besithi: ‘Mazini uNdikhoyo;’ kuba bonke baya kundazi ukususela koyena mncinane kuse koyena mkhulu. Ndobuxolela ubugwenxa babo, ndingabuye ndikukhumbule ukona kwabo.” Lowo ngumlomo kaNdikhoyo.
35
NguNdikhoyo omisele ilanga ukuba likhanyise emini, ngokunjalo inyanga neenkwenkwezi ukuba zikhanyise ebusuku; ulozamazamisa ulwandle, agqume amaza; kuthiwa nguNdikhoyo uSomandla-onke igama lakhe.
36
Nguwo lo umlomo kaNdikhoyo: “Xa ingatshitshayo le mimiselo ndingabi sayibona, nesizukulwana sikaSirayeli singanqamka singabi saba ngabantu bam.”
37
Ewe, utsho uNdikhoyo ukuthi: “Mhla isibhakabhaka phezulu saba nokulinyaziswa, neziseko zomhlaba ngaphantsi zaba nokugocagocwa, kungelo thuba kuphela endingathi ndisibukule isizukulwana sikaSirayeli xa sisonke.”
38
Lo ngumlomo kaNdikhoyo: “Iyeza imihla yokuba esi sixeko sakhelwe uNdikhoyo ukusuka kwinqaba kaHananeli kuse kwiSango leKona.
39
Umda waso uya kusuka apho uye kuthi ga ngenduli iGarebhe, ujikele wenjenjeya ukuya eGowa.
40
Yonke loo ntili kulahlwa kuyo izinto ezifileyo namabibi, nawo onke amasimi angasentla kwentlambo iKedron, kuye kutsho kwikona yeSango lamaHashe ngasempuma, iya kuba yekhethelwe uNdikhoyo. Esi sixeko asiyi kubuye sidilizwe, sibhukuqwe.”
← Chapter 30
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 28
Chapter 29
Chapter 30
Chapter 31
Chapter 32
Chapter 33
Chapter 34
Chapter 35
Chapter 36
Chapter 37
Chapter 38
Chapter 39
Chapter 40
Chapter 41
Chapter 42
Chapter 43
Chapter 44
Chapter 45
Chapter 46
Chapter 47
Chapter 48
Chapter 49
Chapter 50
Chapter 51
Chapter 52
Chapter 32 →
All chapters:
1
2
3
4
5
6
7
8
9
10
11
12
13
14
15
16
17
18
19
20
21
22
23
24
25
26
27
28
29
30
31
32
33
34
35
36
37
38
39
40
41
42
43
44
45
46
47
48
49
50
51
52