bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
/
Jeremiah 2
Jeremiah 2
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
← Chapter 1
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 28
Chapter 29
Chapter 30
Chapter 31
Chapter 32
Chapter 33
Chapter 34
Chapter 35
Chapter 36
Chapter 37
Chapter 38
Chapter 39
Chapter 40
Chapter 41
Chapter 42
Chapter 43
Chapter 44
Chapter 45
Chapter 46
Chapter 47
Chapter 48
Chapter 49
Chapter 50
Chapter 51
Chapter 52
Chapter 3 →
1
Lavakala ilizwi *likaNdikhoyo lisithi kum:
2
“Hamba uluvakalise olu daba ezindlebeni zeJerusalem, uthi uNdikhoyo uthi: “ ‘Ndikhumbula ukuzimisela kwakho ebutsheni bakho, ukundithanda kwakho usengumtshakazi, ukundilandela kwakho entlango, kumhlaba ongumqwebedu.
3
Ewe, uSirayeli wayengokaNdikhoyo ncakasana, efana nolibo lwesivuno – abaludlayo badla ityala, intlekele ibafikele.’ ” Lowo ngumlomo kaNdikhoyo.
4
Libekeleni iindlebe ilizwi *likaNdikhoyo, mzi kaYakobi, nani nonke zizwe zakwaSirayeli.
5
Utsho uNdikhoyo ukuthi: “Bubi buni abâbubonáyo kum ooyihlo bade bandityeshele nje belandela *oothixo abangento, bade nabo babe zizinto ezingento?
6
Abazange babuze bathi: ‘Uphi na lo Ndikhoyo owasikhupha kumhlaba waseJiputa, wasihambisa entlango kwilizwe elingumqwebedu lemiwewe; kwilizwe lembalela nesithokothoko sobumnyama, ilizwe ekungahambi bani kulo, kungekho namntu umiyo kulo?’
7
Ndanisa kumhlaba wendyebo, ukuze nixhamle iziqhamo nentlutha yawo. Koko nina nithe nakufika nawuxabhela umhlaba wam, nalitsho lanezothe ilifa endininike lona.
8
Ababingeleli ababuzanga bathi: ‘Uphi na uNdikhoyo?’ Abaphathiswa-mthetho abandazanga, abelusi bandivukela, nabashumayeli bashumayela benefuthe likaBhali, balandela *oothixo abangancedi lutho.”
9
“Ngoko ke ndisanimangalela,” utsho umlomo *kaNdikhoyo. “Ndiya kumangalela kwanezizukulwana zenu.
10
Khanikhe niwele niye kwiziqithi zamaKiti, okanye nithumele iintlola eKedare, ziye kuqinisekisa ukuba yakha yakho na into enjengale.
11
Lwakha lwakho phi na uhlanga olwananisa ngoothixo balo, noba bengengoothixo ngenene? Kodwa bona abantu bam balananisile iqhayiya labo ngenxa yezinto ezingenaluncedo!
12
Yothukani, mazulu, yile nto, nigubhe luloyiko, nithi khumnqa!” Lowo ngumlomo kaNdikhoyo.
13
“Kaloku lintlantlu mbini ityala labantu bam: bandishiyile mna, mthombo wamanzi ampompozayo, bazimbela awabo amaqula – amaqula avuzayo ziintanda.”
14
“Ngaba uSirayeli likhoboka? Ngaba wazalelwa ebukhobokeni na? Ngani ukuba abe lixhoba?
15
Iingonyama ziyagquma, ziyamgragramela. Seziwuqwenga-qwengile umhlaba wakhe, zazitsho zaba ngamabhodlo angahlali bani izixeko zakwaSirayeli.
16
Ewe, abantu baseMemfisi naseTapanese sebekugugule ukhakhayi.
17
Nguwe ngokwakho ozenzileyo, kuba umfulathele *uNdikhoyo uThixo wakho akuba ebekukhokela endleleni.
18
Khawutsho ke, kungani ukuba uye kusela amanzi aseNayile eJiputa? Kungani uye kusela amanzi aseYifrate eAsiriya?
19
Uza kuqeqeshwa bubugwenxa bakho; uza kululekwa kukukreqa kwakho; uza kubuqonda ubukrakra nobubi bokundifulathela nokungankwantyi phambi kwam, mna Ndikhoyo, Thixo wakho.” Lowo ngumlomo wengangalala uNdikhoyo onamandla onke.
20
“Kudala, Sirayeli, wayaphulayo idyokhwe, waziqhawula izitrophu zakho, usithi: ‘Andiyi kukukhonza.’ Ewe, ubuhamba ulala ezinkalweni zonke nangaphantsi kwemithi yonke, uziqhekeza uxela ihenyukazi.
21
Kanti ke mna ndakutyala; ungumdiliya omhle othenjiweyo. Kutheni ngoku sewajika waba ngumdiliya wasendle nje?
22
Nditsho nokuba ungade uzihlambe ngesoda, uziguxe ngeyodwa isepha, awusayi kusuka wona umdintsi wesono sakho.” Lowo ngumlomo weNkosi *uNdikhoyo.
23
“Ungathini ukuthi: ‘Andizenyelisanga; andikhange ndimlandele uBhali’? Khangela umkhondo wakho entilini, uzigqale izenzo zakho. Ubufana nqwa nethokazi lenkamela lirhaqaza entlango,
24
nqwa nemazi yeqwarha lasentlango edumbileyo ehamba isezela umoya, ifuna inkunzi. Ngubani ongayithintelayo xa injalo? Akukho nkunzi izixhamla ngayo kuloo meko – isuka iyifumane lula ngelo xesha.
25
Sirayeli, musa ukuzityabula iinyawo ude nomqala wakho utshe kukusukelana nezithixo. Kambe ke uthi: ‘Akusancedi nto; sendithandana noothixo basemzini; andinakungabalandeli.’ ”
26
*UNdikhoyo uthi: “Kanye njengoko lidana linyoshoze xa libhaqiwe isela, koba njalo ukuhlazeka kukaSirayeli nookumkani bakhe, neziphathamandla, ababingeleli, kunye nabashumayeli.
27
Bona bathi emthini: ‘Ungubawo wena.’ Elityeni bathi: ‘Nguwe ondizeleyo.’ Kaloku aba bantu beze ngenqentsu kum; abezanga ngabuso. Kodwa ngexesha leenkxwaleko ikwangabo abathi: ‘Phakama, usincede!’
28
Baphi kakade abo thixo bakho uzenzeleyo? Mabavuke kaloku, bakuhlangule ngexesha lengxakeko. Baninzi kangangeedolophu zakho oothixo bakho, Juda!
29
Nina ke, ningandibeka tyala lini, inini nje xa ninonke abakreqileyo kum?” Lowo ngumlomo kaNdikhoyo.
30
“Naxa ndabohlwayayo abantwana benu, abazanga baqeqesheke. Suka nababulala ngekrele *abashumayeli, banga baqwengwe ziingonyama.
31
Phulaphulani izwi likaNdikhoyo, nina besi sizukulwana! Ndiyintlango na kuni, maSirayeli, umhlaba osithokothoko sobumnyama? Ke kutheni ukuba abantu bam bathi: ‘Siza kuhamba ngesiyibonayo. Siyabhadula; soze siphinde size kuwe!’
32
Ikhe izilibale iintsimbi zayo intombi? Yena umtshakazi ukhe awulibale umbhinqo wakhe? Kodwa bona abantu bam sele kukade bandilibalayo.
33
Hayi ke indlela orhaqaza ngayo uleqeka emva kwezithandwa zakho! Sele unako ukufundisa nabafazi abangoongantweni.
34
Izambatho zakho zilijaja ligazi leendwayi nabantu abamsulwa, ingelilo kambe elezikrelemnqa ozibhaqe ziqhekeza.
35
Naxa kunjalo usathi: ‘Ndimsulwa; uNdikhoyo akasenawo umsindo ngakum.’ Kodwa ke mna Ndikhoyo ndiza kukohlwaya naxa usithi akwenzanga sono.
36
Yini na ukuba urhaqaze kangaka, uzijika-jike iindlela zakho? IJiputa iza kukuphoxa kanye ngalaa ndlela yaniphoxa ngayo neAsiriya.
37
Uya kuyishiya iJiputa unyoshoza ludano. Mna Ndikhoyo ndibalahlile abo uthembele kubo; akukho nto baya kukuphumelelisa kuyo.
← Chapter 1
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 28
Chapter 29
Chapter 30
Chapter 31
Chapter 32
Chapter 33
Chapter 34
Chapter 35
Chapter 36
Chapter 37
Chapter 38
Chapter 39
Chapter 40
Chapter 41
Chapter 42
Chapter 43
Chapter 44
Chapter 45
Chapter 46
Chapter 47
Chapter 48
Chapter 49
Chapter 50
Chapter 51
Chapter 52
Chapter 3 →
All chapters:
1
2
3
4
5
6
7
8
9
10
11
12
13
14
15
16
17
18
19
20
21
22
23
24
25
26
27
28
29
30
31
32
33
34
35
36
37
38
39
40
41
42
43
44
45
46
47
48
49
50
51
52