bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
/
Acts 1
Acts 1
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 28
Chapter 2 →
1
Umbhalo wokuqala ndawenza, Tiyofilo, ngazo zonke izinto awaqala ngazo uYesu ukuzenza kwanokuzifundisa,
2
kwada kwayimini awanyuswa ngayo, emveni kokuba ebawisele umthetho ngoMoya oyiNgcwele abapostile awabanyulayo;
3
awathi kanjalo, emveni kokuva kwakhe ubunzima, wazimisa ephila, ngobungqina obuninzi obungenasiphako, ebonakala kubo iintsuku ezimashumi mane, ethetha izinto ezingabo ubukumkani bukaThixo.
4
Kwathi, ehlanganisene nabo, wabathethela ngelithi, mabangaphumi eYerusalem, balilinde idinga likaBawo, enalivayo kum.
5
Kuba uYohane okunene wabhaptiza ngamanzi; kodwa niya kubhaptizwa ngoMoya oyiNgcwele, kungekabi kade emva kwezi ntsuku.
6
Bona ke ngoko, bebuthelene, babembuza besithi, Nkosi, wobubuyisela ngeli xesha na ubukumkani kuSirayeli?
7
Uthe ke kubo, Asikokwenu ukwazi amaxesha nokuba ngamathuba, awamise ngelakhe igunya uBawo.
8
Niya kwamkela ke amandla, akubon’ ukuba uMoya oyiNgcwele uhlile phezu kwenu; nibe ngamangqina am eYerusalem, kwanakulo lonke elakwaYuda, nelaseSamariya, kude kuse nasekupheleni komhlaba.
9
Ezithethile ezi zinto, bakubon’ ukuba bakhangele, wanyuswa; lathi ilifu lemka naye emehlweni abo.
10
Bakuba beqwalasele ezulwini, njengoko wayenyuka, kwabonakala kumi ngakubo amadoda amabini, eneengubo ezimhlophe;
11
ayesithi ke, Madoda, maGalili, nimeleni na, nijonge ezulwini? Lo Yesu unyusiweyo kuni wasiwa emazulwini, uya kuza ngolu hlobo nimbone esiya ngalo emazulwini.
12
Baza babuyela eYerusalem, bevela entabeni ekuthiwa yeyemiNquma, ekufuphi neYerusalem, uhambo lwesabatha.
13
Bakuba bengenile, banyukela kwigumbi eliphezulu, apho kwakuhlala uPetros, noYakobi, noYohane, noAndreya, uFilipu, noTomas, uBhartolomeyu, noMateyu, noYakobi ka-Alifeyu, noSimon Zelote, uYuda, umzalwana kaYakobi.
14
Aba bonke babezingisa ngamxhelo mnye ekuthandazeni nasekukhungeni, ndawonye nabafazi, noMariya unina kaYesu, kwandawonye naba zalwana bakhe.
15
Ngaloo mihla wema uPetros phakathi kwabafundi, wathi, (inani lamagama xa lihlangene lingathi lilikhulu elinamanci mabini);
16
Madoda, bazalwana, esi sibhalo simelwe kukuba sizaliseke, sathethwayo ngaphambili nguMoya oyiNgcwele ngomlomo kaDavide ngaye uYuda, owaba ngumkhokeli wabo bambambayo uYesu;
17
ngokuba wayebalelwe kuthi, wasizuza isabelo solu lungiselelo.
18
Lowo ke ngoko wazuza umhlaba ngomvuzo wokungalungisi; wawa ngobuso, wagqabhuka phakathi, zaphalala zonke izibilini zakhe.
19
Kwazeka oko kubo bonke abemi baseYerusalem; wada loo mhlaba ngeyabo intetho kuthiwe yiAkeldama, oko kukuthi, ngumhlaba wegazi.
20
Kuba kubhaliwe encwadini yeeNdumiso kwathiwa, Umzi wakhe mawube yintlango, Kungabikho umiyo kuwo; Buthi nobuveleli bakhe buthatyathwe ngomnye.
21
Kungoko athe, kula madoda abehamba nathi ngalo lonke ixesha, yakuba iNkosi uYesu ibingena iphuma phakathi kwethu,
22
iqalele elubhaptizweni lukaYohane, kwada kwayimini awanyuswa ngayo kuthi, kumele ukuba kubekho ongomnye, eya kuba lingqina lokuvuka kwakhe, kunye nathi.
23
Bamisa ababini, uYosefu ogama linguBharsabhas, ogama limbi linguYusto, noMatiya.
24
Bathandaza bathi, Wena, Nkosi, wena uzaziyo iintliziyo zabantu bonke, bonisa ukuba ngaba babini umnyulileyo;
25
ukuze asithabathe isabelo solu lungiselelo nobupostile, awaphambukayo kubo uYuda, ukuze aye kweyakhe indawo.
26
Bawisa amaqashiso abo; laphuma iqashiso noMatiya; wabalelwa kwabapostile abalishumi elinamnye.
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 28
Chapter 2 →
All chapters:
1
2
3
4
5
6
7
8
9
10
11
12
13
14
15
16
17
18
19
20
21
22
23
24
25
26
27
28