bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
/
Acts 25
Acts 25
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
← Chapter 24
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 28
Chapter 26 →
1
Uthe ngoko uFesto, akuba engene eburhulumenteni, wathi emva kweentsuku ezintathu, wenyuka waya eYerusalem, esuka eKesareya.
2
Umbingeleli omkhulu nabaphathi bamaYuda bammangalela uPawulos kuye, bambongoza,
3
becela ukuba abababale abe ebize eze eYerusalem, bemlalele ukuze bambulale endleleni.
4
Waphendula ke uFesto wathi, ugcinwe eKesareya uPawulos; naye ke ngokwakhe uza kuya kamsinya.
5
Wathi, Mabathi ngoko abanako phakathi kwenu, behle nam, baye kuyimangalela le ndoda, ukuba kukho bubi kuye.
6
Akuba ke elibele kubo iintsuku ezingaphezu kweshumi, wehla waya eKesareya; ngengomso, akuba ehleli esihlalweni sokugweba, wathi uPawulos makaziswe.
7
Akufika, amaYuda awayehle evela eYerusalem amngqonga, emtyhola ngezityholo ezininzi ezinzulu uPawulos, awayengenako ukuzingqina.
8
Uthe ke eziphendulela wathi, Kumthetho wamaYuda, nasetempileni, nakuKesare, andonanga nto.
9
Ke uFesto, ethanda ukukholisa amaYuda, wamphendula uPawulos wathi, Uyafuna na ukunyuka uye eYerusalem, lithethwe khona ityala lezi zinto phambi kwam?
10
Wathi ke uPawulos, Ndimi esihlalweni sokugweba sikaKesare, apho limele ukuthethwa khona ityala lam. AmaYuda andiwonanga nganto, njengokuba nawe usazi kakuhle.
11
Ke ukuba ndonile, nokuba ndenze into elingene ukufa, andali ukufa; kodwa ukuba akukho nanye yezo zinto bandimangalela ngazo aba, akukho namnye unako ukundinikela kubo. Ndibhenela kuKesare.
12
Waza uFesto, akuba ethethe nentlanganiso yamatyala, waphendula wathi, Ubhenele kuKesare; uya kuya kuKesare.
13
Kwakuba ntsuku, uAgripa, ukumkani, noBhernike beza eKesareya, besiza kubulisa uFesto.
14
Bakuba ke behleli khona imihla emininzi, uFesto wamcacisela ukumkani iindawo ezingoPawulos, esithi, Kukho ndoda ithile ishiyiweyo nguFelikis,
15
abathi, oko ndibe ndiseYerusalem, ababingeleli abakhulu namadoda amakhulu amaYuda bammangalela, befuna ukuba igwetywe.
16
Endathi kubo, Asilosiko lamaRoma ukumnikela umntu ekufeni, ngaphambi kokuba lowo umangalelweyo ajongane nabamangaleli, aze afumane ithuba lokuziphendulela ngalo ityala analo.
17
Bathe ke bakuba befikile apha, andizange ndilibazise, ngengomso ndahlala esihlalweni sokugweba, ndathi mayiziswe le ndoda.
18
Abamangaleli bakhe, bakuvela, abamisanga nalinye ityala lezo zinto bendizicingela mna;
19
Kodwa ke baye beneembuzwano ezithile naye ngokuhlonela kwabo izithixo, nangaYesu uthile ufileyo, abesithi yena uPawulos uhleli.
20
Ndakuthingaza ke mna ngawo umbuzo wale ndawo, ndathi, Unga ungaya eYerusalem na, lithethwe khona ityala lezi zinto?
21
Akubon’ ukuba ke uPawulos ubhenele ukuba agcinelwe isigwebo soMhlekazi, ndathi makagcinwe, ndide ndimthumele kuKesare.
22
Wathi ke uAgripa kuFesto, Bendinga nam ndingakhe ndimve umntu lowo. Wathi yena, Uya kumva ngomso.
23
Kwathi ngengomso, akufika uAgripa enoBhernike, benobukhazikhazikhazi obukhulu, bangene kwindawo yetyala, benabathetheli-waka namadoda amakhulu omzi, waziswa uPawulos ngokomlomo kaFesto.
24
Wathi ke uFesto, Agripa, kumkani, nani nonke madoda akhoyo apha kunye nathi, niyayibona le ndoda, ethe yonke inkitha yamaYuda yandenzela yona naseYerusalem nalapha, ibhomboloza isithi, akafanele kuphila, hayi kwaphela.
25
Kodwa ndithe ndakufumana ukuba akenzanga nto ilingene ukufa, nokuba yena ngokwakhe ubhenele kuMhlekazi, ndagqiba kwelokuba ndimthumele kuye,
26
endingenanto iyinyaniso ndingayibhalayo ngaye enkosini yam. Ngako oko ndimzise phambi kwenu, ngokukodwa phambi kwakho, kumkani Agripa, ukuze, kwakubon’ ukuba kunciniwe, ndibe nento endingayibhalayo;
27
Kum kubonakala ibubudenge, ukuba kuthunyelwe ikhonkxwa, lingaqondakaliswa netyala elinalo.
← Chapter 24
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 28
Chapter 26 →
All chapters:
1
2
3
4
5
6
7
8
9
10
11
12
13
14
15
16
17
18
19
20
21
22
23
24
25
26
27
28