bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
/
Acts 9
Acts 9
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
← Chapter 8
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 28
Chapter 10 →
1
Ke kaloku uSawule, esabafuthela ngezigrogriso nokubabulala abafundi beNkosi, waya kumbingeleli omkhulu.
2
Wacela kuye iincwadi zokuya eDamasko ezindlwini zesikhungu, ukuze athi, ethe wafumana abathile bale Ndlela, amadoda kwanabafazi, abazise bekhonkxiwe eYerusalem.
3
Kuthe ke ekuhambeni kwakhe, wasondela eDamasko; waza ngesiquphe wabanekelwa ngeenxa zonke lukhanyiso oluvela ezulwini.
4
Wawa emhlabeni, weva ilizwi lisithi kuye, Sawule, Sawule, unditshutshiselani na?
5
Wathi ke yena, Ungubani na, Nkosi? Ithe ke iNkosi, Mna ndinguye uYesu omtshutshisayo wena; wenzakala ukuba ukhabe iimviko nje.
6
Waza egubha, eqhiphuke umbilini, wathi, Nkosi, ufuna ukuba ndenze ntoni na? Ithe ke iNkosi kuye, Vuka, uye kuwo umzi; woyixelelwa into omelwe kukuyenza.
7
Ke kaloku amadoda abehamba naye ema engenakuthetha, eliva okunene lona izwi, kodwa engaboni mntu.
8
Wavuka uSawule emhlabeni; Uthe ke avuleka amehlo, akabona mntu; bamrhola ke ngesandla, bamngenisa eDamasko.
9
Kwaba ntathu iintsuku engaboni, engadli, engaseli.
10
Ke kaloku bekukho mfundi uthile eDamasko, ugama linguHananiya; yathi iNkosi kuye embonweni, Hananiya! Wathi ke yena, Ndilapha, Nkosi.
11
Ithe ke iNkosi kuye, Phakama, uye esitratweni ekuthiwa sesithe Tye, ubuzise endlwini kaYuda lowo kuthiwa nguSawule, waseTarso; kuba nanko ethandaza;
12
Ubone embonweni indoda egama linguHananiya, ingena, imbeka isandla, ukuze abuye abone.
13
Waphendula ke uHananiya wathi, Nkosi, ndivile kwabaninzi ngale ndoda, ukuba zininzi kwazo izinto ezimbi ezenze kwabangcwele bakho eYerusalem;
14
Nalapha, inegunya kubabingeleli abakhulu lokukhonkxa bonke abo balinqulayo igama lakho.
15
Yathi ke kuye iNkosi, Hamba uhambe; ngokuba lowo usisitya esinyuliweyo kum, sokuphatha igama lam phambi kweentlanga, nookumkani, noonyana bakaSirayeli;
16
kuba mna ndiya kumbonisa ukuba zinkulu kwezinto ezinzima, amelwe kukubandezeleka ngazo ngenxa yegama lam.
17
Wemka ke uHananiya, waya kungena endlwini; Wabeka izandla phezu kwakhe, wathi, Sawule, mzalwana, indithumile iNkosi uYesu, ebonakeleyo kuwe endleleni oze ngayo, ukuze ubuye ubuye ubone, uzaliswe nguMoya oyiNgcwele.
18
Kwangoko kwawa emehlweni akhe okungamaxolo, wabuya wabona kwaoko, wavuka, wabhaptizwa.
19
Ekudleni kwakhe, womelela. Ke kaloku uSawule waba neentsuku ezithile nabafundi baseDamasko.
20
Waye kwaoko, ezindlwini zesikhungu, emvakalisa uYesu, ukuba lowo unguye uNyana kaThixo.
21
Bathi nqa ke bonke ababemva, bathi; Lo asinguye na owababhuqa eYerusalem abo babelinqula eli gama, weza nalapha ngenjongo, ukuba abase bekhonkxiwe kubabingeleli abakhulu?
22
Kwaba kukhona womelelayo uSawule; wabetha adubadubeka amaYuda abemi eDamasko, ebonakalalisa ukuba lo nguye uKristu.
23
Ke kaloku, kwakuzaliseka imihla eyaneleyo, abhunga amaYuda ukuba amsike.
24
Kodwa iyelenqe lawo laziwa nguSawule. Awagcina ke namasango imini nobusuku, ukuba amsike.
25
Bamthabatha ke abafundi ebusuku, bamhlisa ngodonga, bemthoba ngengobozi.
26
Ke kaloku, akufika uSawule eYerusalem, wamana elinga ukuzibandakanya nabafundi; kodwa bamoyika bonke, bengakholwa ukuba ungumfundi.
27
uBharnabhas ke wamthabatha wamsa kubapostile, wabacacisela ukuyibona kwakhe iNkosi endleleni, nokuba yathetha naye, nokuthetha kwakhe ngokungafihlisiyo eDamasko egameni likaYesu.
28
Waye enabo ke, engena ephuma eYerusalem.
29
Waza wathetha ngokungafihlisiyo egameni leNkosi uYesu, ephikisana namaYuda amaGrike. Babefuna ukumbulala.
30
Bekwazile ke oko abazalwana, bamhlisela eKesareya, bamthumela eTarso.
31
Laye ke ngoko ibandla kulo lonke elakwaYuda, nelaseGalili, nelaseSamariya, linoxolo, lisakheka. Baye behamba beyoyika iNkosi, besanda ngentuthuzelo yoMoya oyiNgcwele.
32
Ke kaloku, akuba uPetros etyhutyha iindawo zonke, wehla weza nakwabangcwele ababemi eLida.
33
Wafumana ke khona umntu othile, ogama linguEneya, eminyaka isibhozo elele elukhukweni enedumbe.
34
Wathi ke uPetros kuye, Eneya, uyakuphilisa uYesu Kristu; vuka, wandlule. Wavuka kwangoko.
35
Bambona bonke abemiyo eLida naseSaron, baguqukela eNkosini.
36
Ke kaloku, eYopa kwakukho mfundikazi uthile, ugama linguTabhita, ekuthiwa ngentetho evakalayo nguDorkas;
37
Kwathi ke ngaloo mihla, wahliwa sisifo, wafa; bathe ke bakuba bemhlambile, bambeka egumbini eliphezulu.
38
Ke kaloku iLida ibikufuphi nje neYopa; bathi abafundi, bevile ukuba uPetros ukhona, bathuma amadoda amabini kuye, bembongoza ukuba eze kubo, angalibali.
39
Wesuka ke uPetros wahamba nabo. Efikile, bamsa egumbini eliphezulu; bema ngakuye bonke abahlolokazi, belila, bembonisa iingubo zangaphantsi nezokwaleka abezenza uDorkas oko ebenabo.
40
uPetros wabakhuphela phandle bonke, waguqa wathandaza; wamjikela emzimbeni, wathi, Tabhita, vuka. Yawavula ke amehlo ayo, yathi yakumbona uPetros, yavuka yathi nkqo.
41
Waza wambamba ngesandla, wamphakamisa, wababiza abangcwele nabahlolokazi, wammisa phambi kwabo ehleli.
42
Kwazeka oko kuyo yonke iYopa; bakholwa eNkosini into eninzi.
43
Uthe ke wahlala imihla emininzi eYopa kunye noSimon uthile, umsuki wezikhumba.
← Chapter 8
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 28
Chapter 10 →
All chapters:
1
2
3
4
5
6
7
8
9
10
11
12
13
14
15
16
17
18
19
20
21
22
23
24
25
26
27
28