bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
/
Acts 19
Acts 19
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
← Chapter 18
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 28
Chapter 20 →
1
Ke kaloku kwathi, xa uApolo eseKorinte, uPawulos ewatyhutyhile amacala asentla, weza e-Efese;
2
Wathi kubo, uMoya oyiNgcwele namamkela na, nakholwayo nje? Bathe ke bona kuye, Asizanga sive nokuva ukuba kukho uMoya oyiNgcwele.
3
Wathi kubo, Nabhaptizelwa ngantoni na phofu? Bathe ke bona, Elubhaptizweni lukaYohane.
4
Wathi uPawulos, uYohane okunene wabhaptiza ngobhaptizo lwenguquko, esithi ebantwini, mabakholwe kulowo uzayo emva kwakhe, oko kukuthi, kuKristu Yesu.
5
Bathe ke bona bakukuva oko, babhaptizwa egameni leNkosi uYesu.
6
Akuba uPawulos ebabeke izandla, wehla uMoya oyiNgcwele phezu kwabo; Baye bethetha ngeelwimi, beprofeta.
7
Aye onke amadoda engathi alishumi elinababini.
8
Ke kaloku, wangena endlwini yesikhungu, wathetha ngokungafihlisiyo iinyanga zantathu, exoxa nabantu, ebeyisela kwizinto ezingabo ubukumkani bukaThixo.
9
Kodwa abanye bakuba beqaqadekile, bengakholwa, bethetha kakubi ngayo iNdlela leyo phambi kwesihlwele, wemka kubo, wabahlula abafundi bakhe, exoxa imihla ngemihla esikolweni sikaTirano.
10
Loo nto ke yenzeka iminyaka emibini; ngokokude bonke abemiyo kwelaseAsiya balive ilizwi leNkosi, amaYuda kwanamaGrike.
11
uThixo ke wenza imisebenzi yamandla ebalulekileyo ngesandla sikaPawulos.
12
Kaloku iiqhiya neefaskoti ziphuma emzimbeni wakhe, zisiwe kwabagulayo, zisuke kubo izifo, bathi noomoya abakhohlakeleyo baphume kubo.
13
Ke kaloku abathile bakumaYuda abhadulayo, angabafungisi, bazamela ukulibiza igama leNkosi uYesu phezu kwabanoomoya abakhohlakeleyo, besithi, Sinifungisa uYesu lowo uvakaliswayo nguPawulos.
14
Kwaye kukho ke nyana bathile basixhenxe bakaSkeva, umYuda, umbingeleli omkhulu, ababekwenza oko.
15
Waphendula ke umoya okhohlakeleyo, wathi, uYesu ndiyamazi, noPawulos ndiyamazi kakuhle; Ningoobani na ke?
16
Wesuka umntu obukuye umoya okhohlakeleyo, wabatsibela, wabagagamela, wabeyisa, ngokokude babaleke baphume kuloo ndlu bengxwelerhiwe, beze.
17
Kwathi ke oko kwazeka kuwo onke amaYuda, kwanakumaGrike amiyo e-Efese; bawelwa kukoyika bonke, lenziwa likhulu igama leNkosi uYesu.
18
Yaye into eninzi yabakholiweyo isiza, izivuma izixela izenzo zabo.
19
Yathi ke nento eyaneleyo yabasebenza izenzo zobugqi, yazizisa ndaweni-nye iincwadi zayo, bawayazitshisa phambi kwabo bonke; bawabala amaxabiso azo, bafumana engamawaka amashumi mahlanu esilivere.
20
Lenjenjalo ke ilizwi leNkosi ukwanda ngamandla nokweyisa.
21
Ke kaloku, zakuzaliseka ezi zinto, wamisa emoyeni wakhe uPawulos ukuba athi, elityhutyhile elaseMakedoni nelaseAkaya, aye eYerusalem, esithi, Emveni kokuba ndithe ndakhona, ndimelwe kukuba ndibone neRoma.
22
Ke ngoko wathumela eMakedoni bababini kwabalungiselelayo, ooTimoti noErasto; yena ke ukhe wahlala umzuzu kwelaseAsiya.
23
Ke kaloku kwabakho ngelo xesha inkathazeko engencinane ngayo iNdlela le.
24
Kuba uthile, ogama linguDemetriyo, umkhandi wesilivere, obesenza iitempile zesilivere zika-Artemis, wayezizuzisa iingcibi inzuzo enkulu.
25
Waziqukela ndawonye, kwanabasebenzi bezinto ezinjalo, wathi, Madoda, niyazi kakuhle ukuba buphuma kule nzuzo ubutyebi bethu.
26
Kananjalo niyabona, niyeva, ukuba akuse-Efese kodwa, kuphantse ukuba kulo lonke elaseAsiya, athe lo Pawulos waphambukisa isihlwele esaneleyo, ngokusoyisa ngokusoyisa, esithi, asingoothixo abo benziwa ngezandla.
27
Ngoko ke asiyiyo lo msebenzi wethu wodwa osisichengeni sokungabi nanto; kwanetempile yothixokazi omkhulu uArtemis ibe yinto engento, butshabalale nobungangamela bakhe, oqubuda kulo lonke elaseAsiya nelimiweyo.
28
Bakukuva ke oko, bazala ngumsindo, badanduluka, besithi, Mkhulu uArtemis wabase-Efese!
29
Wazala umzi uphela sisidubedube; besuka indulumbane ngamxhelo mnye endaweni yokubonela, bamthi hlasi uGayo noAristarko, abelaseMakedoni, ababehamba noPawulos.
30
Ke kaloku, akubon’ ukuba uPawulos angangena esihlweleni, abamvumela abafundi.
31
Abathile ke bakubaphathi belaseAsiya, benobuhlobo kuye, bathumela kuye, bambongoza ukuba angazinikeli endaweni yokubonela.
32
Abanye ke ngoko babenkqangaza enye into, abanye yimbi, kuba ibandla labe lidubadubekile; baye abaninzi bengazi ukuba babuthelene ngenxa yantoni na.
33
Baza bamrholela uAlesandire esihlweleni, amaYuda emtyhalela phambili. Uwangawangisile ke uAlesandire ngesandla, wafuna ukuziphendulela ebantwini.
34
Kodwa bakuqonda ukuba ungumYuda, benza inzwinini enye bonke bephela, benkqangaza umzuzu omaxa amabini, besithi, Mkhulu uArtemis wabase-Efese!
35
Esizolisile ke umbhali isihlwele, wathi, Madoda ase-Efese, nguwuphi na umntu ongaziyo, ukuba umzi wase-Efese ungumkhonzi wothixokazi omkhulu uArtemis, nowomfanekiselo owawa kuZeyus?
36
Ekubeni ngoko ezi zinto zingenakuphikiswa, nifanele ukuthi cwaka, ningenzi nto ngokungxama.
37
Kuba niwazise apha la madoda, engebaphangi bamabandla kaThixo, nabanyelisi bothixokazi wenu.
38
Ukuba ke ngoko uDemetriyo neengcibi ezinaye banendawo emntwini, zikho iimini zamatyala, akho namabamba; mabamangalelane.
39
Ke ukuba nifuna into nganto zimbi, yoconjululwa kwesesikweni intlanganiso.
40
Kuba sisesichengeni sokumangalelwa ngenxa yesaqunge sanamhlanje, kungekho sizathu sakuziphendulela ngale ngxokolo.
41
Akutsho, wayindulula intlanganiso.
← Chapter 18
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 28
Chapter 20 →
All chapters:
1
2
3
4
5
6
7
8
9
10
11
12
13
14
15
16
17
18
19
20
21
22
23
24
25
26
27
28