bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
/
Acts 28
Acts 28
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
← Chapter 27
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 28
1
Bakuba besindile, baqala ukuqonda ukuba isiqhithi eso kuthiwa yiMelita.
2
Amabharbhari ke lawo asenzela ububele obungasincinane; kuba aphemba umlilo, asamkela sonke ngenxa yemvula esifikeleyo, nangenxa yokubanda.
3
Ke kaloku, akubon’ ukuba uPawulos utheze inyanda yeentsasa, wayibeka phezu komlilo, kwaphuma inyoka ebushushwini obo, yanamathela esandleni sakhe.
4
Athe ke amabharbhari, akulibona irhamncwa lijinga esandleni sakhe, athi omnye komnye, Kanene lo mntu ungumbulali, nakuba esindile elwandle, impindezelo ayimvumeli ukuba adle ubomi.
5
Lalivuthululela emlilweni irhamncwa, akeva kwenzakala.
6
Ke bona babelinde ukuba uza kudumba, mhlawumbi athi qwaka, afe. Bakulinda ke umzuzwana, bakubona ukuba akahliwa nto, bajika bathi unguthixo.
7
Ke kaloku, kuloo mmandla bekukho imihlaba yomntu omkhulu wesiqithi, ogama linguPubliyo; owasamkela ngobubele, wasenza undwendwe lwakhe iintsuku zantathu.
8
Ke kaloku kwathi, uyise kaPubliyo wayelele phantsi ebanjwe yicesina nokuphalaza igazi; awathi uPawulos wangena kuye, wathandaza, wabeka izandla phezu kwakhe, wamphilisa.
9
Kwakuba kusenzeka oko, beza nabanye ababenezifo esiqithini apho, baphiliswa;
10
bathi bona basenzela iimbeko ezininzi; sanduluka, basithwalisa ngezinto esizisweleyo.
11
Ke kaloku, emva kweenyanga ezintathu, sanduluka ngomkhombe wakwa-Alesandire, obudlulise ubusika esiqithini, ogama linguCastor noPoluks.
12
Sathi sakufika eSirakusi, sahlala khona iintsuku zantathu.
13
Sisuka khona sajikeleza, safika eRegiyo; kwakuba ntsuku mnye, kwavuthuza umoya wasezantsi, safika ngengomso ePotiyoli;
14
Safumana abazalwana apho, basibongoza ukuba sihlale nabo iintsuku zibe sixhenxe; seza ngokunjalo eRoma.
15
Bathe, bakukuva oko abazalwana, beza kusikhawulela, bada beza kufika kwintlanganiso ka-Apiyo naseTavene-Ntathu; awathi uPawulos, akubabona, wambulela uThixo, womelela.
16
Ke kaloku, sakufika eRoma, umthetheli-khulu wabanikela ababanjwa kumthetheli-mkhosi, kodwa uPawulos wavunyelwa ukuba ahlale yedwa, nesoldati elimgcinayo.
17
Ke kaloku kwathi, emva kweentsuku ezintathu, uPawulos wababizela ndawonye abaziintloko bamaYuda, ababebuthelene, wathi kubo, Madoda, bazalwana, nakuba ndingenzanga nto ichasene nabantu, namasiko awobawo, noko ndesuka ndaba ngumbanjwa eYerusalem, ndanikelwa ezandleni zamaRoma.
18
Athe wona akundincina, afuna ukundikhulula, ngenxa yokuba kungekho tyala lakufa kum.
19
Athe ke amaYuda akuphika, ndanyanzeleka ukuba ndibhenele kuKesare; kungengakuba ndibe ndibe ndilumangalela ngako uhlanga lwakowethu.
20
Ndinibongoze ke ngenxa yeso sizathu ukuba nize, ndinibone, ndithethe nani, kuba ngenxa yethemba lakwaSirayeli ndikhonkxiwe ngalo mxokelelwane.
21
Bathe ke bona kuye, Thina asizuzanga zincwadi zithetha ngawe, zivele kwelakwaYuda; kananjalo akufikanga bani wakubazalwana, owabika, wathetha nto ikhohlakeleyo ngawe.
22
Sithanda ukuva ngawe, ukuba ucinga ntoni na; kuba ngalo eli hlelo siyazi ukuba lichasiwe ezindaweni zonke.
23
Ke kaloku, bakummisela imini, kweza kuye into eninzi endlwini abehlala kuyo, wabatyhilela; awabacaciselayo, ebungqinela ubukumkani bukaThixo, ebebeyisela kokungoYesu, ethabatha emthethweni kaMoses kwanakubaprofeti, ethabathela kusasa kwada kwahlwa.
24
Inxenye ke yakholwa zizo zinto, yaza inxenye ingakholwa.
25
Bakuba bengavumelananga bodwa, bemka, akuba uPawulos ethethe ilizwi lalinye, wathi, uMoya oyiNgcwele wathetha kakuhle ngoIsaya umprofeti, koobawo bethu,
26
esithi, Hamba uye kwaba bantu, uthi, Ukuva oku niya kuva, ningaqondi; nokubona niya kubona, ningaqiqi;
27
Kuba intliziyo yaba bantu ithe fithi kukutyeba, Beva ngeendlebe ezithe nkqi, Bayawacima namehlo abo; hleze babone ngamehlo, beve ngeendlebe, baqonde ngentliziyo, bajike, ndibaphilise.
28
Makwazeke ngoko kuni, ukuba usindiso lukaThixo luthunyelwe kuzo iintlanga; ziya kuluva zona.
29
Akuba ezithethile ezi zinto, emka amaYuda, eneempikiswano ezinkulu phakathi kwawo.
30
uPawulos wahlala iminyaka emibini iphela kweyakhe indlu ayiqeshileyo, wabamkela bonke ababesiza kuye,
31
ebuvakalisa ubukumkani bukaThixo, efundisa iindawo ezingeNkosi uYesu Kristu ngako konke ukungafihlisi, engalelwa bani.
← Chapter 27
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 28
All chapters:
1
2
3
4
5
6
7
8
9
10
11
12
13
14
15
16
17
18
19
20
21
22
23
24
25
26
27
28