bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
/
Acts 24
Acts 24
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
← Chapter 23
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 28
Chapter 25 →
1
Ke kaloku, emva kweentsuku ezintlanu, wehla umbingeleli omkhulu, uHananiya, enamadoda amakhulu, neciko elithile elinguTertulo, bona bengabamangaleli bakaPawulos kwirhuluneli.
2
Ke kaloku, akubizelwa ndawonye, waqala uTertulo ukummangalela, esithi, Sizola kakhulu ngawe, nokuthi lusenzelwa olu hlanga imisebenzi emihle kakhulu, ngolungiselelo lwakho;
3
Sikwamkela oko, nasezindaweni zonke, Felikis odume kunene, sinombulelo.
4
Ke ukuze ndingabi sakubambezela ngakumbi, ndiyakubongoza ukuba ukhe usive kancinane ngokuthantamisa kwakho.
5
Kuba siyifumene le ndoda isisitshididi, umphambanisi kuwo onke amaYuda akwelimiweyo, ingumkhokeli walo ihlelo lamaNazarete;
6
owazama ukuhlambela itempile, esathi samthabatha, safuna ukubagweba ngomthetho wethu.
7
Kodwa umthetheli-waka uLisiya wafika phezu kwethu, wamhlutha esandleni sethu ngogonyamelo olukhulu;
8
ebathethela ngelithi, mabeze kuwe abamangaleli bakhe, wothi wena ngokwakho, wakuzincina zonke iindawo, ube nako ukuziqonda kuye ezo siyimangalela ngazo thina.
9
Avumelana nawo ke amaYuda, esithi zinjalo ezo zinto.
10
Waphendula ke uPawulos, yakunqwala kuye irhuluneli ukuba athethe, waphendula wathi, Ndisazi nje, ukuba sekuyiminyaka emininzi ungumgwebi kolu hlanga, kokukhona ndiziphendulela ngomxhelo owonwabileyo.
11
Kungokuba uqonde, ukuba ziselishumi elinambini iintsuku, ndenyuka ndaya kunqula eYerusalem;
12
nasetempileni abandifumananga ndixoxa namntu, ndisenza nasiphendu, nasezindlwini zesikhungu, naphi phakathi komzi;
13
Kananjalo abanako ukuzimisa izinto abandimangalela ngazo ngoku.
14
Ke ndiyakuvuma oku kuwe, ukuba ngeNdlela abathi bona sisiphambusa, ndenjenjalo ukumnqula uThixo woobawo, ndikholwa zizinto zonke ezibhaliweyo emthethweni nasebaprofetini;
15
ndinethemba kuThixo, into ke abayilindileyo nabo ngokwabo, ukuba kuza kubakho uvuko lwabafileyo, lwamalungisa kwanolwabangemalungisa.
16
Ke kaloku, kule nto nam ngokwam ndiyazama, ukuba ngamaxesha onke ndingabi nasazela sikhubekisa nganto ngakuThixo nangakubantu.
17
Emva kweminyaka emininzi, ndafika ndizisa amalizo neminikelo kuhlanga lwakowethu.
18
Kwezo nto andifumana etempileni ndenziwe nyulu, ndingenzi siphendu, ndingenzi nasiphithiphithi amaYuda athile elaseAsiya;
19
abemelwe kukubakho apha phambi kwakho, andimangalele, ukuba angaba anendawo ngakum;
20
okanye mabathi aba balapha, ukuba kukho nto imbi bayifumene kum, bakubon’ ukuba ndimi entlanganisweni yamatyala;
21
ingelilo elo lizwi linye, ndadandulukayo ngalo ndimi phakathi kwabo, lokuthi, Kungalo uvuko lwabafileyo endimangalelwayo mna nini namhla.
22
Ke kaloku, akuziva ezi zinto uFelikis, ezazi ngokhona kucokisekileyo iindawo zaloo Ndlela, wabalibazisa, wathi, Xa athe wehla uLisiya umthetheli-waka, ndoziqiqa kakuhle iindawo zenu.
23
Wamisela umthetheli-khulu, ukuba agcinwe uPawulos, abe nokuyekelelwa, kungalelwa nabani wakowabo ukumnceda, nokuba eze kuye.
24
Ke kaloku, emva kwemihla ethile, wafika uFelikis enoDrusila umkakhe, umYudakazi, wathumela ukuba kubizwe uPawulos, wamva ethetha ngokukholwa kuKristu.
25
Ethetha ngobulungisa, nokuzeyisa, nangogwebo oluza kubakho, wangenwa kukoyika uFelikis, waphendula wathi, Hamba okwakalokunje; ndakuba ndinethuba, ndokubiza uze.
26
Kunye ke noko, wayethembe ukuba wonikwa imali nguPawulos, ukuze amkhulule; ngako oko kwaba kukhona ambiza futhi, ukuba eze axoxe naye.
27
Ke kaloku, kwakubon’ ukuba kudlule iminyaka emibini, kwangena uFelikis uPorkiyo Festo;
← Chapter 23
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 28
Chapter 25 →
All chapters:
1
2
3
4
5
6
7
8
9
10
11
12
13
14
15
16
17
18
19
20
21
22
23
24
25
26
27
28