bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
/
Acts 3
Acts 3
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
← Chapter 2
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 28
Chapter 4 →
1
Ke kaloku, uPetros, noYohane babenyuka bendawonye, besiya etempileni ngexesha lomthandazo, ililixa lesithoba.
2
Kwaye ke kuthwelwe ndoda ithile, ibisisiqhwala kwasekuzalweni kwayo, ababeyibeka imihla ngemihla emnyango wetempile, lowo kuthiwa Mhle, ukuba icele amalizo kwabangenayo etempileni;
3
eyathi, yakubona uPetros noYohane beza kungena etempileni, yacela ukuba bayilize.
4
Uthe ke uPetros, enoYohane, eqwalasele kuyo wathi, Khangela kuthi apha.
5
Wabagqala ke, elindele ukwamkela into kubo.
6
Uthe ke uPetros, Isilivere negolide andinayo; kodwa endinako ndikunika kona: Egameni likaYesu Kristu umNazarete, vuka uhambe.
7
Wayibamba ngesandla sokunene, wayiphakamisa; zomelezeka kwaoko iinyawo zayo namaqatha ayo.
8
Yesuka umtsi, yema, yahambahamba, yangena nabo etempileni, ihambahamba itsiba, imdumisa uThixo.
9
Baza bonke abantu bayibona ihambahamba, idumisa uThixo;
10
Babeqonda kakuhle, ukuba ingulowa ubehlalela amalizo ngasemnyango oMhle wetempile, bathi qhiphu umbilini, bathi nqa yiloo nto ihlileyo kuye.
11
Ke kaloku, sakubon’ ukuba isisiqhwala sibambe ooPetros noYohane, abantu babalekela kubo evarandeni ekuthiwa yekaSolomon, bemangalisiwe kakhulu.
12
Akukubona ke oko uPetros, waphendula wathi kubo abantu, Madoda, maSirayeli, yini na ukuba nimangaliswe yile nto? Kanjalo yini na ukuba nisijonge, ngathi senze ukuba lo mntu ahambe ngawethu amandla, nangobungcwele bethu?
13
uThixo ka-Abraham, kaIsake, kaYakobi, uThixo woobawo bethu, umzukisile uYesu uNyana wakhe; enamnikelayo, namkhanyela phambi koPilato, ekubeni yena ugqibe kwelokuba amkhulule.
14
Ke nina namkhanyela oyiNgcwele, oliLungisa, nacela ukuba ninikwe indoda engumbulali.
15
Ke yona iMbangi yobomi nayibulala, awayivusayo uThixo kwabafileyo; esingamangqina ako oko.
16
Nangenxa yokukholwa kwigama layo, lo nimbonayo, nimaziyo, limomelezile igama layo; lwathi ukholo olungayo lwamnika oku kuphila kupheleleyo phambi kwenu nonke.
17
Nangoku, bazalwana, ndiyazi ukuba nenze ngokungazi, njengabo nabo abaphathi benu.
18
Ke zona izinto uThixo, awazixelayo ngenxa engaphambili ngomlomo wabo bonke abaprofeti bakhe, ukuba uKristu wayeza kuva ubunzima, wenjenjalo ukuzalisekisa oko.
19
Guqukani ke ngoko, nijike, ukuze zicinywe izono zenu;
20
ithume uYesu Kristu, owavakaliswayo kuni ngenxa engaphambili;
21
elimelwe kukumamkela izulu, kude kufike amaxesha okubuyiswa kweento zonke, awawathethayo uThixo ngomlomo wabo bonke abaprofeti bakhe abangcwele, kususela kunaphakade.
22
Kaloku uMosis wathi koobawo: “iNkosi uThixo wenu iya kunivelisela umprofeti kubazalwana benu onjengam nje; ize nimve yena kuzo zonke izinto asukuba eya kuzithetha kuni.
23
Yothi ke yonke imiphefumlo engathanga imve loo mprofeti, itshatyalaliswe, ingabikho phakathi kwabantu.
24
Nabo bonke abaprofeti, ukususela kuSamuweli nabalandelayo, bonke abo bathethayo, baprofeta ngokunjalo ngale mihla.
25
Nina ningoonyana babo abaprofeti, nabomnqophiso awanqophisana ngawo noobawo bethu uThixo, esithi kuAbraham, Yaye ke iya kusikeleleka embewini yakho yonke imizalwane yehlabathi.
26
uThixo ke, akuba emvusile uNyana wakhe uYesu, wamthuma kuni kuqala, ukuba anisikelele ngokuniguqula nonke ngabanye kwiinkohlakalo zenu.
← Chapter 2
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 28
Chapter 4 →
All chapters:
1
2
3
4
5
6
7
8
9
10
11
12
13
14
15
16
17
18
19
20
21
22
23
24
25
26
27
28