bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
/
Acts 16
Acts 16
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
← Chapter 15
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 28
Chapter 17 →
1
Ke kaloku wafika eDerbhe naseListra. Kwabonakala kukho mfundi uthile apho, ugama linguTimoti, unyana wentokazi ethile engumYudakazi okholiweyo, kodwa uyise engumGrike; ke uyise yena engumGrike;
2
Ekungqinelwe kakuhle ngako ngabazalwana baseListra naseIkoniyo.
3
Lowo uPawulos wathanda ukuba aphume naye; wamthabatha wamalusa, ngenxa yamaYuda abekwezo ndawo; kuba bonke babemazi uyise ukuba ungumGrike.
4
Ke kaloku, xa babeyihamba imizi, babanikela imimiselo ukuba bayigcine, leyo ibimiswe ngabapostile namadoda amakhulu aseYerusalem.
5
Ayezimaseka ke ngoko amabandla elukholweni, esanda ngenani imihla ngemihla.
6
Ke kaloku, bakulityhutyha ilizwe laseFrigi nelaseGalati, balelwa nguMoya oyiNgcwele ukulithetha ilizwi kwelaseAsiya.
7
Bakuba befikile eMisiya, balinga ukuya eBhithiniya, kodwa akabavumelanga uMoya.
8
Badlula eMisiya behla baya eTrowa.
9
Kwabonakala umbono kuPawulos ebusuku. Indoda ethile yaseMakedoni yayimi imbongoza isithi, Welela ngapha kwelaseMakedoni, usincede.
10
Ke kaloku, akuwubona umbono lowo, saza ke sazabalazela ukuba siye kwelaseMakedoni, sigqibe kwelokuba iNkosi isibizele ukuba sibashumayeze iindaba ezilungileyo.
11
Sindulukile ngoko eTrowa, seza ngqo eSamotraki, sathi ngengomso seza eNeyapoli;
12
ukusuka apho, seza eFilipi, owona mzi wokuqala wecala elo lilelaseMakedoni, uyikoloni, salibala ke kuloo mzi.
13
NgoMhla wokuPhumla saphuma saya ngaphandle kwedolophu ngasemlanjeni, apho kuthandazwa khona; sahlala phantsi, sathetha kubafazi ababebuthelene khona.
14
Yasiva intokazi ethile egama linguLidiya, umthengisi weengubo ezibomvu, womzi weTiyatira, emhlonelayo uThixo, entliziyo yayivulayo iNkosi ukuba izinyamekele izinto ezazithethwa nguPawulos.
15
Ke kaloku, yakuba ibhaptiziwe nendlu yayo, yasibongoza isithi, Ukuba nithi ndikholiwe eNkosini, ngenani endlwini yam, nihlale khona. Wasinyanzela.
16
Ke kaloku kwathi, kwakubon’ ukuba siyaya endaweni yokuthandaza, sahlangatyezwa sisicakazana esithile, sinomoya wemilozi; sona besizizuzisa iinkosi zaso inzuzo enkulu ngokuvumisa.
17
Sona eso sithene mbende noPawulos nathi, samana sidanduluka sisithi, Aba bantu bangabakhonzi bakaThixo Osenyangweni, bona basazisayo indlela yosindiso.
18
Oko sakwenza sona imihla emininzi. Ebindekile ke uPawulos, wathi guququ, wathi kuwo umoya, Ndiyakuthethela egameni likaYesu Kristu ukuba uphume kuso. Waphuma kwangelo lixa.
19
Zithe ke iinkosi zayo, zakubona ukuba liphelile ithemba lenzuzo yawo, zabathabatha ooPawulos noSilas, zabarholela endaweni yembutho, phambi kwabaphathi;
20
Babazisa kubathetheli, besithi, Aba bantu bayawuphazamisa kakhulu umzi wethu, bengamaYuda;
21
Basifundisa amasiko ekungavumelekileyo ukuba siwamkele, nokuba siwenze, singamaRoma.
22
Isihlwele sabahlanganyela; nabathetheli bazithi qwenge iingubo zabo, bathi mababethwe ngeentswazi.
23
Bathi, bakuba bababethe imivumbo emininzi, babaphosa entolongweni, bamthethela umgcini wababanjwa ukuba abagcine ngokunqabileyo;
24
owathi, amkele umyalelo onjalo, wabaphosa kwengaphakathi intolongo, waziqinisa iinyawo zabo emithini.
25
Ke kaloku, ezinzulwini zobusuku uPawulos noSilas babethandaza, bedumisa uThixo; yaye amabanjwa abeva ke.
26
Kwabakho ke ngequbuliso unyikimo olukhulu lomhlaba, ngokokude zizanyazanyiswe iziseko zentolongo; zavuleka kwaoko iingcango zonke, athukululeka amakhamandela abo bonke.
27
Ethe tyithi ke ebuthongweni umgcini wababanjwa, ebona iingcango zentolongo zivulekile, warhola ikrele, eza kuzibulala, eba ababanjwa babalekile.
28
Wadanduluka ke uPawulos ngezwi elikhulu, esithi, Musa ukuzenzakalisi; kuba silapha sonke.
29
Uthe ngoko, ebize izibane, waxhumela phakathi, egubha, wawa phambi koPawulos noSilas.
30
Wabazisa phandle, wathi, Zinkosi, ndimelwe kukuthini na, ukuze ndisindiswe?
31
Bathi ke bona, Kholwa kuyo iNkosi uYesu Kristu, wosindiswa wena nendlu yakho.
32
Balithetha kuye ilizwi leNkosi, nakubo bonke ababesendlwini yakhe.
33
Wabathabatha ngelo lixa lobusuku, wayihlamba imivumbo yabo; babhaptizwa kwaoko, yena nabo bonke abakhe.
34
Kananjalo, ebanyuse wabasa endlwini yakhe, wabeka ukudla phambi kwabo, wagcoba nendlu yakhe yonke, kuba ekholwa kuThixo.
35
Kwakusa, abathetheli bathuma amadindala, besithi, Bakhulule abo bantu;
36
Uwaxelile ke umgcini wababanjwa la mazwi kuPawulos, wathi, Abathetheli bathumele ukuba nikhululwe; ke ngoko phumani, nihambe ngoxolo.
37
Uthe ke uPawulos kuwo, Basityabule ekuhleni singagwetywanga, sibantu bangamaRoma; basiphosa entolongweni; ngoku basikhupha ngasese na? hayi inene; mabeze bona ngokwabo, basikhuphe.
38
Awaxela ke la mazwi amadindala kubathetheli; boyika, bakuva ukuba bangamaRoma.
39
Beza bababongoza, babakhupha, babacela ukuba baphume kuwo umzi.
40
Bephumile ke entolongweni, baya kungena kwaLidiya; bathi, bebabonile abazalwana, babathuthuzela, bemka.
← Chapter 15
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 28
Chapter 17 →
All chapters:
1
2
3
4
5
6
7
8
9
10
11
12
13
14
15
16
17
18
19
20
21
22
23
24
25
26
27
28