bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
/
Acts 4
Acts 4
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
← Chapter 3
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 28
Chapter 5 →
1
Ke kaloku, bakubon’ ukuba bayathetha kubo abantu, bafika ababingeleli, nomphathi wetempile, nabaSadusi;
2
bebindekile ngenxa yokuba befundisa abantu, bekuxela ukuvuka kubo abafileyo ngoku kukaYesu ukuvuka.
3
Babasa izandla, babafaka entolongweni, kwada kwaba ngengomso; kuba bekuse kuhlwile.
4
Ke into eninzi yabo babelivile ilizwi, yakholwa; lathi inani lamadoda lingathi kumawaka amahlanu.
5
Ke kaloku kwathi ngengomso, abaphathi babo, namadoda amakhulu, nababhali, bathi,
6
Kwahlanganisana eYerusalem uAnas umbingeleli omkhulu, noKayafa, noYohane, noAlesandire, kwanabanye bemizalwane yombingeleli omkhulu;
7
Bakuba bebamise phakathi, bababuza besithi, Le nto nina niyenze ngamandla mani na, nangagama lini na?
8
Wathi ke uPetros, ezele nguMoya oyiNgcwele, wathi kubo, Nina baphathi babantu, nani madoda makhulu akwaSirayeli,
9
ukuba thina namhlanje siyacikideka ngomsebenzi omhle owenziweyo lowo ungenamandla, ukuba ungáphiliswa njani na;
10
Makwazeke kuni nonke, nakubo bonke abantu bakwaSirayeli, ukuba kusegameni likaYesu Kristu waseNazarete, enambethelelayo emnqamlezweni nina, athe uThixo wamvusa kwabafileyo; kungaye lowo, ukuba lo mntu eme apha phambi kwenu ephilile.
11
Lo ngulo ilitye elenziwa into engento nini bakhi, elisuke laba yintloko yembombo.
12
Kananjalo usindiso alukho kuwumbi; kuba akukho gama limbi phantsi kwezulu, linikiweyo phakathi kwabantu, esimele ukusindiswa ngalo.
13
Ke kaloku, bakubona ukungafihlisikuthetha koPetros noYohane, beqiqa nokuba ngabantu abangenamfundo, abangenakwazi, bamangaliswa; babaqonda ukuba babenaye uYesu.
14
Bakumbona ke umntu emi nabo, yena lowo uphilisiweyo, ababanga nandawo yakuphika.
15
Bakuba bethe mabaphume entlanganisweni yamatyala, bacebisana bodwa,
16
besithi, Siya kubathini na aba bantu? Kuba okunene, ukuba kuhle ngabo umqondiso owazekayo, oyinto ebonakalayo kubo bonke abemi eYerusalem, kwaye asinakuyikhanyela loo nto.
17
Ukuze ke loo nto ingahlakazeki ngakumbi ebantwini, masise sibasongela ngelokuba bangabi sathetha mntwini ngeli gama.
18
Bebabizile, babathethela ngelithi, mabangabi sakhankanya nakanye, bangafundisi nokufundisa ngegama likaYesu.
19
Ke kaloku uPetros noYohane baphendula, bathi kubo, Yahlulani nina, ukuba bubulungisa na emehlweni kaThixo ukuva nina, kunokuva uThixo;
20
Kaloku thina asinakuyeka ukuthetha ngezinto esizibonileyo nesizivileyo.
21
Bathe ke bona, beqokele ngokubasongela, babandulula, bengafumani sizathu bangababetha ngaso, ngenxa yabantu; ngokuba bonke babemzukisa uThixo ngoko kwakuhlile.
22
Kuba umntu owathi waphiliswa phezu kwakhe lo mqondiso wokuphiliswa wayeneminyaka engaphezu kwamashumi amane.
23
Bakuba ke bekhululwe, baya kowabo, bababikela zonke izinto ababezithethile kubo ababingeleli abakhulu namadoda amakhulu.
24
Bona ke, bakukuva oko, baphakamisa izwi kuThixo ngamxhelo mnye, bathi, Nkosi, wena unguThixo owalenzayo izulu nomhlaba nolwandle, neento zonke ezikwezo nto;
25
owatshoyo ngomlomo kaDavide umkhonzi wakho, ukuthi, Yini na ukuba iintlanga zenze imbuthumbuthu, nabantu bacamange into engeyakonto?
26
Bazimisa ookumkani behlabathi, Nabaphathi bahlanganisana ndawonye Ngokuyichasa iNkosi, naye uKristu wayo.
27
Kuba okunene uHerode, kwanoPontiyo Pilato, ndawonye neentlanga nabantu bakwaSirayeli, babuthelana ndawonye nxamnye noNyana wakho ongcwele uYesu, owamthambisayo,
28
ukuba benze izinto zonke ezamiswayo ngenxa engaphambili sisandla sakho nalicebo lakho, ukuba zibekho.
29
Ngoku ke, Nkosi, zikhangele izisongelo zabo, ubanike abakhonzi bakho ukuba balithethe ilizwi lakho ngako konke ukungafihlisi.
30
Ngokusolula isandla sakho uphilise; nokuba kwenzeke imiqondiso nezimanga ngegama loMkhonzi wakho ongcwele, uYesu.
31
Bakubon’ ukuba bakhungile, yazanyazanyiswa indawo ababehlanganisene kuyo; Bazaliswa bonke nguMoya oyiNgcwele, balithetha ilizwi likaThixo ngokungafihlisiyo.
32
Ke kaloku inkitha yababekholiwe yayintliziyo-nye, imphefumlo mnye; kwaye kungekho namnye ubesithi kukho nto iyeyakhe empahleni yakhe; baye badlelana zonke izinto.
33
Baye abapostile bekungqinela ngamandla amakhulu ukuvuka kweNkosi uYesu; kwaye kukho ukubabalwa okukhulu kubo bonke.
34
Kwakungekho namnye phakathi kwabo, wayeswele; kuba bonke ababenemihlaba, nokuba zizindlu, babethengisa ngazo, baze bazise amaxabiso ezinto ezithengisiweyo,
35
bawabeke ezinyaweni zabapostile; waye ke elowo esabelwa njengoko ebesukuba eswele ngako.
36
noYose, owathiywa ngabapostile ukuba nguBharnabhas, (oko kukuthi ngentetho evakalayo, unyana wentuthuzelo), umLevi waseSipro,
37
Enomhlaba, wathengisa ngawo, wayizisa imali leyo, wayibeka ezinyaweni zabapostile.
← Chapter 3
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 28
Chapter 5 →
All chapters:
1
2
3
4
5
6
7
8
9
10
11
12
13
14
15
16
17
18
19
20
21
22
23
24
25
26
27
28