bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
/
Acts 26
Acts 26
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
← Chapter 25
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 28
Chapter 27 →
1
Wathi ke uAgripa kuPawulos, Uvunyelwe ukuba uziphendulele. Wasolula ke isandla uPawulos, waziphendulela;
2
Ndiba onoyolo, kumkani Agripa, ngokuba ndiza kuziphendulela namhlanje phambi kwakho, ngazo zonke iindawo endimangalelwe ngazo ngamaYuda;
3
ngokukodwa ekubeni unolwazi ngawo onke amasiko neembuzwano zamaYuda. Kungoko ndiyakubongoza ukuba undive, undinyamezele.
4
Indlela endandiphila ngayo kwasebuncinaneni bam, eyayikho ekuqaleni kohlanga lwakowethu eYerusalem, ayawazi onke amaYuda.
5
Endaziyo kwasekuqalekeni, ukuba angathanda ukungqina, ukuba, ngelona licokisekileyo ihlelo lonqulo lwakowethu, ndahlala ndingumFarisi.
6
Ngoku ke ndimi ndigwetyiwe, ngenxa yethemba ledinga elenziwa nguThixo koobawo;
7
ezithembe ukufika kulo izizwe zakowethu ezilishumi elinazibini, zimkhonza nje uThixo ngenyameko imini nobusuku; Elo themba elo ndimangalelwe ngamaYuda, kumkani Agripa.
8
Yini na ukuba nithi, yinto eningenakukholwa yiyo, ukuba uThixo uyabavusa abafileyo?
9
Mna okunene ke bendiba nam ngokwam, ndimelwe kukukwenza izinto ezininzi ezichasene negama likaYesu waseNazarete.
10
Endakwenzayo ke oko eYerusalem; nento eninzi yabangcwele ndayitshixela ezintolongweni, ndakuba ndamkele igunya kubabingeleli abakhulu; kwaye xa bebulawa, ndakhupha ilizwi lam ngokuchasene nabo.
11
Nakuzo zonke izindlu zesikhungu ndibe ndibohlwaya futhi, ndibanyanzela ukuba banyelise; ndathi, ndibagezela ngokuncamisileyo, ndabatshutshisa, ndada ndesa kwimizi engaphandle.
12
Endathi ke, xa ndisiya eDamasko, ndinegunya nomyalelo kubabingeleli abakhulu;
13
Emini enkulu endleleni, kumkani, ndabona ukukhanya kuvela ezulwini, okungaphezu kokuqaqamba kwelanga, kundibanekela ngeenxa zonke, nabo babehamba nam.
14
Sakubon’ ukuba siwile sonke emhlabeni, ndeva izwi lithetha nam ngentetho yesiHebhere, lisithi, Sawule, Sawule, unditshutshiselani na? wenzakala, ukhaba iimviko nje.
15
Ndathi ke mna, Ungubani na, Nkosi? Wathi ke yena, Mna ndinguYesu omtshutshisayo wena.
16
Kodwa sukuma, ume ngeenyawo; kuba ndibonakele kuwe ngenxa yoku, ukuze ndikwenze umlungiseleli nengqina lezi zinto uzibonileyo, nendiya kubonakala kuwe ngazo;
17
ndikuhlangula ebantwini nasezintlangeni, endikuthumela kuzo ngoku;
18
ukuba uvule amehlo abo, ukuze babuye ebumnyameni, beze ebumhlotsheni; babuye egunyeni likaSathana, beze kuThixo; ukuze bamkele uxolelo lwezono, nelifa phakathi kwabangcwalisiweyo, ngokukholwa kum.
19
Kuthe ngoko, kumkani Agripa, andibanga ngongawuthobeliyo umbono wasemazulwini;
20
ndesuka ndababikela abaseDamasko kuqala, nabaseYerusalem, nakulo lonke ilizwe lakwaYuda, nakuzo iintlanga, ukuba baguquke babuyele kuThixo, benze imisebenzi efanele inguquko.
21
Ngenxa yezi zinto amaYuda andibamba etempileni, azamela ukundibulala.
22
Ngoko ndizuze uncedo kuThixo nje, ndihleli kwada kwayile mini, ndingqina kwabancinane kwanabakhulu, ndingathethi nanye into ngaphandle kwezo, bathi abaprofeti noMoses ziya kubakho;
23
zokuba uKristu ubeza kuva iintlungu, nokuba ubeza kuthi, engowokuqala eluvukweni lwabafileyo, azise ukukhanya ebantwini nasezintlangeni.
24
Ke kaloku, akubon’ ukuba uyaziphendulela ngokunjalo, uFesto wathi ngezwi elikhulu, Uyageza, Pawulos; imfundo eninzi iyakugezisa.
25
Wathi ke yena, Andigezi, Festo odumileyo; kodwa ndithetha amazwi enyaniso nawengqondo ephilileyo.
26
Kuba ezo ndawo uyazazi kakuhle ukumkani, endithetha kuye ngokungafihlisiyo; kuba ndikholosekile kukuba akukho nanye yezi zinto ifihlakeleyo kuye; kuba le nto ibingenzelwanga egumbini.
27
Uyakholwa na, kumkani Agripa, ngabaprofeti? Ndiyazi ukuba uyakholwa.
28
Wathi ke uAgripa kuPawulos, Ngokuncinane undeyisela ukuba ndibe ngumKristu.
29
Wathi uPawulos, Ndithandaza kuThixo, ukuba ingabi nguwe wedwa, ibe ngabo bonke abandivayo namhlanje, abaya kuthi, nangokuncinane nangokukhulu, babe njengam nje, ngaphandle kwezi ntambo.
30
Akuba etshilo, besuka ukumkani, nerhuluneli, noBhernike, kwanababehleli nabo;
31
beshenxile, bathetha bodwa besithi, Lo mntu akenze nanye into elingene ukufa neentambo.
32
Wathi ke uAgripa kuFesto, Lo mntu ange enokukhululwa, ukuba ubengabhenele kuKesare.
← Chapter 25
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 28
Chapter 27 →
All chapters:
1
2
3
4
5
6
7
8
9
10
11
12
13
14
15
16
17
18
19
20
21
22
23
24
25
26
27
28