bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
/
Acts 15
Acts 15
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
← Chapter 14
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 28
Chapter 16 →
1
Kwehla abathile bevela kwelakwaYuda, babafundisa abazalwana, besithi, Ukuba anithanga naluswe ngokwesiko likaMoses, aninako ukusindiswa.
2
Kuthe ngoko, kwakubon’ ukuba uPawulos noBharnabhas baba nempikiswano nembuzwano engencinane nabo, kwagqitywa kwelokuba uPawulos noBharnabhas, nabanye abathile kubo, mabenyuke baye kubapostile namadoda amakhulu eYerusalem, ngawo lo mbuzo.
3
Bathi ke, bephelekelelwe libandla, balityhutyha elaseFenike nelaseSamariya, bexela ukuguquka kwazo iintlanga; babanga uvuyo olukhulu kubo bonke abazalwana.
4
Befikile ke eYerusalem, bamkelwa libandla nangabapostile nangamadoda amakhulu; kananjalo babika ukuba zinkulu kwazo izinto awazenzayo uThixo enabo.
5
Kodwa kwesuka kwavuka amakholwa athile ehlelo labaFarisi, besithi, Mabaluke, nokuba bathethelwe ngelithi, mabawugcine umthetho kaMoses.
6
Bahlanganisana ke abapostile namadoda amakhulu, ukuba bayikhangele loo ndawo.
7
Ke kaloku, kwakubon’ ukuba kubekho imbuzwano enkulu, wesuka uPetros wathi kubo, Madoda, bazalwana, niyazi nina, ukuba uThixo kwangemihla yakudala wanyula phakathi kwethu, ukuba iintlanga zilive ngomlomo wam ilizwi leendaba ezilungileyo ezi, zihambe ngomlomo wam, kholwani.
8
uThixo umazi-ntliziyo wazingqinela, ezinika uMoya oyiNgcwele kwanjengathi;
9
akacalula phakathi kwethu nazo, ezihlambulule iintliziyo zazo ngokholo.
10
Ngoku ke nimlingelani na uThixo, ngokubeka idyokhwe entanyeni yabafundi, esibe singenamandla okuyithwala, thina kwanoobawo bethu?
11
Ke ngalo ubabalo lweNkosi uYesu Kristu, siyakholwa ukuba sosindiswa kwangohlobo ezisindiswa ngalo nazo.
12
Yathi cwaka ke yonke inkitha yabantu, yaphulaphula ooBharnabhas noPawulos, becacisa oko yayingako imiqondiso nezimanga, awazenzayo uThixo phakathi kwazo iintlanga ngabo.
13
Ke kaloku, emva kokuthi cwaka kwabo, waphendula uYakobi wathi, Madoda, bazalwana, ndiphulaphuleni.
14
uSimon lo ukucacisile ukuba wathini na ekuqaleni uThixo ukuzivelela iintlanga, ukuba kuzo alinyulele abantu elakhe igama.
15
Ayavumelana nako oko amazwi abaprofeti; njengoko kubhaliwe kwathiwa,
16
Emva koko ndiya kubuya ndize ndibuye ndiwakhe umnquba owileyo kaDavide, ndiya kubuya ndiwakhe amanxuwa ayo, ndiyimise;
17
Okokuze amaqongqolo abantu ayifune iNkosi, Kwaneentlanga zonke ezibizwe ngalo igama lam; Itsho iNkosi, leyo izenzayo zonke ezi zinto.
18
Iyaziwa ke nguThixo kuselokwaphakade yonke imisebenzi yakhe.
19
Ngoko ke mna ndithi, masingabakhathazi abo baphuma ezintlangeni babuyela kuThixo;
20
kodwa masibabhalele ukuba bazikhwebule kwizingcoliso zezithixo, nombulo, nento ekrwitshiweyo, negazi.
21
Kuba uMosis kwakudala unabamvakalisayo kwimizi ngemizi, eleswa ezindlwini zesikhungu ezi iisabatha ngeesabatha.
22
Kwalunga ke abapostile namadoda amakhulu, kunye nebandla liphela, ukuba banyule amadoda phakathi kwabo, ukuba baye kwa-Antiyokwe kunye noPawulos noBharnabhas; noYuda ogama limbi linguBharsabhas, noSilas, amadoda aziintloko phakathi kwabazalwana.
23
Babhala ke iincwadi ngesandla ngabo; Abapostile namadoda amakhulu nabazalwana bayabulisa kubo abazalwana basezintlangeni, kwa-Antiyokwe, naseSiriya, naseKiliki;
24
Ngenxa yokuba sivile ukuba abathile baphuma kuthi banikhathaza ngamazwi, beyiqweqwedisa imiphefumlo yenu, besithi, Naluke, niwugcine umthetho, thina singabawiselanga mthetho unjalo.
25
Kwabonakala kulungile kuthi, simxhelo mnye, ukuba sinyule amadoda kuni, kunye neentanda zethu, uBharnabhas noPawulos;
26
abantu ababuncamileyo ubomi babo ngenxa yegama leNkosi yethu uYesu Kristu.
27
Sibathumile ngoko ooYuda noSilas, abothi nabo banibikele ezi ndawo ngomlomo.
28
Kuba kwabonakala kulungile kuye uMoya oyiNgcwele, nakuthi, ukuba kungabekwa phezu kwenu mthwalo ungaphezu kwezo zifunekayo;
29
zokuba nizile izinto ezibingelelwe kwizithixo, negazi, nento ekrwitshiweyo, nombulo; enothi nakuzigcina kuzo, nibe niyalungisa, nihambe kakuhle.
30
Ke kaloku, bakubon’ ukuba bayenduluka ke, beza kwa-Antiyokwe;
31
Bathe ke bona bakuba balesa, bavuya ngenxa yothuthuzeleko olo.
32
Ke kaloku ooYuda noSilas, bengabaprofeti nabo, babakhuthaza abazalwana ngokuthetha okukhulu, babomeleza.
33
Bakuba ke benze ixesha, banduluka bexolile kubazalwana, baya kubapostile.
34
Kodwa kuSilas kwabonakala kulungile ukuba akhe ahlale khona.
35
Balibala ke ooPawulos noBharnabhas kwa-Antiyokwe, befundisa, beshumayela iindaba ezilungileyo zelizwi leNkosi, kwanabanye abaninzi.
36
Ke kaloku emva kwemihla ethile, wathi uPawulos kuBharnabhas, Makhe sibuye siye kuvelela abazalwana bethu kuyo yonke imizi esalazisa kuyo ilizwi leNkosi, sibone ukuba banjani na.
37
Ke kaloku uBharnabhas wangxamela ukuba bathabathe nabo uYohane, ogama limbi linguMarko;
38
kodwa uPawulos wathi akufanelekile ukumthabatha, ahambe nabo, lowo wemkayo kubo kwelasePamfili, akaya nabo emsebenzini.
39
Kwabakho ingxabano enkulu phakathi kwabo, ngokokude bahlukane; uBharnabhas wamthabatha ke uMarko, wemka ngomkhombe, waya eSipro.
40
uPawulos wanyula uSilas, wemka, enikelwe kubabalo lukaThixo ngabazalwana.
41
Walityhutyha ke elaseSiriya nelaseKiliki, ewomeleza amabandla.
← Chapter 14
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 28
Chapter 16 →
All chapters:
1
2
3
4
5
6
7
8
9
10
11
12
13
14
15
16
17
18
19
20
21
22
23
24
25
26
27
28