bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
/
Acts 13
Acts 13
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
← Chapter 12
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 28
Chapter 14 →
1
Ke kaloku, kwa-Antiyokwe kwakukho abaprofeti nabafundisi abathile ebandleni, njengoBharnabhas, noSimon ekuthiwa nguNigere, noLukiyo waseKirene, noManayen owayondlwa noHerode umphathi wesahlulo sesine, noSawule.
2
Bakubon’ ukuba ke bayabusa eNkosini, bezila ukudla, wathi uMoya oyiNgcwele, Ndahluleleni ke uBharnabhas kwanoSawule, baye emsebenzini endibabizele kuwo.
3
Bathe ke, bakuba bezile ukudla, bathandaza, babeka nezandla phezu kwabo, babandulula.
4
Bona ke ngoko, bakuthunywa nguMoya oyiNgcwele, behla baya kwaSeluki; besuka khona apho ngomkhombe, baya eSipro.
5
Bathe bakufika eSalamis, balishumayela ilizwi likaThixo ezindlwini zesikhungu zamaJuda. BabenoYohane umlungiseleli wabo.
6
Besigqibile ke isiqhithi, bada beza kufika ePafo, bafumana siyazi uthile, ungumprofeti wobuxoki, umYuda ogama linguBhar-yesu,
7
owayehlala kwibamba uSergiyo Pawulos, indoda enokuqonda; owababizela kuye ooBharnabhas noSawule, efuna ukuliva ilizwi likaThixo.
8
Wamelana nabo ke uElima, usiyazi lowo (kuba litsho igama lakhe lakuthethwa ngentetho evakalayo), efuna ukulijika ibamba elukholweni.
9
Waza uSawule, okwabizwa ngokuba nguPawulos, ezele nguMoya oyiNgcwele, wamjongisa kuye,
10
wathi, Wena uzeleyo yiyo yonke inkohliso, nabubo bonke ubutshijolo, nyanandini woMtyholi, lutshabandini lobulungisa bonke, akuyi kupheza na ukuzijika iindlela ezithe tye zeNkosi?
11
Uyabona, uyabona, isandla seNkosi siphezu kwakho; ùya kuba yimfama, kube mzuzu ungaliboni ilanga. Kwaoko wawelwa yinkungu nobumnyama; wayejikeleza, efuna abangamrhola ngesandla.
12
Lithe ke ibamba, lakukubona oko kwenzekileyo, lakholwa, likhwankqisiwe yiyo imfundiso yeNkosi.
13
Ke kaloku, bakunduluka ePafo, benduluka uPawulos neqela lakhe, beza ePerga yasePamfili. Wemka ke kubo uYohane, wabuyela eYerusalem.
14
Bendulukile ke bona ePerga, batyhutyha beza kufika kwa-Antiyokwe kwelasePisidi. Bangena endlwini yesikhungo ngoMhla wokuPhumla, bahlala phantsi.
15
Ke kaloku, emva kokufundwa komthetho nabaprofeti, abaphathi bendlu yesikhungu bathumela kubo, besithi, Madoda, bazalwana, ukuba ninelizwi lovuselelo olu ebantwini, thethani.
16
Waphakama ke uPawulos, wawangawangisa ngesandla, wathi: “Madoda, maSirayeli, nani nimoyikayo uThixo, phulaphulani.
17
uThixo waba bantu bakwaSirayeli wabanyula oobawo bethu, wabaphakamisa abantu ekuphambukeleni kwabo ezweni laseYiputa, wabakhupha kulo ngengalo ephakamileyo.
18
Kwathi ngexesha eliyiminyaka engathi imashumi mane, wayithwala imikhwa yabo entlango.
19
Wathi akuwisa iintlanga ezisixhenxe emhlabeni wakwaKanan, wababela umhlaba wazo ngeqashiso.
20
Emva koko, iminyaka engathi imakhulu mane anamanci mahlanu, wabanika abagwebi, kwada kwakuSamuweli umprofeti.
21
Emva koko bacela ukumkani, uThixo wabanika uSawule, unyana kaKishe, indoda yesizwe sakwaBhenjamin, iminyaka emashumi mane.
22
Akuba ke emsusile, wabavelisela uDavide njengokumkani; awamngqinelayo kanjalo, wathi, Ndimfumene uDavide okaYese, indoda engantliziyo yam, eya kukwenza konke ukuthanda kwam.
23
Embewini yalo mntu uthe uThixo ngokwedinga wavelisela uSirayeli uMsindisi uYesu;
24
kwakubon’ ukuba uYohane uvakalise tanci, phambi kokungena kwakhe, ubhaptizo loguquko kubo bonke abantu bakwaSirayeli.
25
Xa ke uYohane ebesekulufezeni uhambo lwakhe, ubesithi, Nithi nina ndingubani na? Andinguye. Kodwa, yabonani, uyeza emva kwam, endingafanelekileyo mna ukuba ndizithukulule iimbadada ezinyaweni zakhe.
26
Madoda, bazalwana, nyana bomlibo wakwa-Abraham, nabo phakathi kwenu bamoyikayo uThixo, ilizwi lolu lusindiso lathunyelwa kuni.
27
Kuba abo bemiyo eYerusalem, nabaphathi babo, bengamazanga lowo, kwanamazwi abaprofeti aleswayo iisabatha ngeesabatha zonke, bawazalisa ngokumgweba;
28
bathi, bengafumananga nalinye ityala lokufa, bacela kuPilato ukuba asikwe.
29
Xa ke babezifezile zonke izinto ezibhaliweyo ngaye, bamthula emthini, bambeka engcwabeni.
30
Kodwa uThixo wamvusa kwabafileyo.
31
Yena lowo wabonwa imihla emininzi ngabo babenyuke naye, bevela kwelaseGalili besiya eYerusalem; ngabo ke abangamangqina akhe ebantwini.
32
Nathi ke sinishumayeza iindaba ezilungileyo zokuba idinga elo labakho koobawo,
33
zokokuba uThixo ulizalisile lona kuthi, bantwana babo, ngokumvusa uYesu; njengokuba nakwiNdumiso yesibini kubhaliwe kwathiwa, UnguNyana wam wena, Mna ndikuzele namhla.
34
Malunga ke nokumvusa kwakhe kwabafileyo, angabi sabuyela ekuboleni, uselethe ukuthetha, Ndiya kuninika iinceba eziqinisekileyo zikaDavide.
35
Kungoko athi nakwenye iNdumiso, Akuyi kumyekela oyiNgcwele wakho ukuba abone ukubola.
36
Kuba uDavide okunene, akuba elisebenzele kwesakhe isizukulwana icebo likaThixo, walala ubuthongo, wabekwa kooyise, wakubona ukubola;
37
Ke yena owavuswayo nguThixo, akabonanga kubola.
38
Makwazeke ngoko kuni, madoda, bazalwana, ukuba ngaye lowo kuxelwa kuni uxolelo lwezono;
39
nakuzo zonke izinto ebeningenako ukugwetyelwa nikhululeke kuzo ngomthetho kaMoses, bonke abakholwayo bayagwetyelwa ngaye yena lowo.
40
Lumkani ke, ningafikelwa koko kwathethwa ngako ebaprofetini.
41
Khangelani, nina badeli, nimangaliswe, nitshabalale; ngokuba mna ndisebenza umsebenzi ngemihla yenu, Umsebenzi eningasayi kukholwa kuwo, nokuba kukho othi anicacisele.
42
Ke kaloku, akubon’ ukuba ayaphuma amaYuda endlwini yesikhungu, babongoza abeentlanga, ukuba la mazwi athethwe kubo ngesabatha ezayo.
43
Sakubon’ ukuba ke sichithakele isikhungu, into eninzi yamaYuda neyabangene ebuYudeni, abamhlonelayo uThixo, yabalandela ooPawulos noBharnabhas;
44
Kuthe ke ngelandelayo isabatha, waphantsa ukuhlanganisana umzi wonke, ukuba ulive ilizwi likaThixo.
45
Athe ke amaYuda, akuzibona izihlwele, azala ngumona, aziphika izinto ezibe zithethwa nguPawulos, aphika enyelisa.
46
Bathetha ke ngokungafihlisiyo uPawulos noBharnabhas, bathi, Bekufanele ukuba lithethwe kuni kuqala ilizwi likaThixo; ekubeni ke nina nililahlile, nazigweba ukuba anibufanele ubomi obungunaphakade, niyabona, sibheka kuzo iintlanga.
47
Kuba isiwisele umthetho ngokunjalo iNkosi, yathi, Ndikubekile ukuba ube lukhanyiselo lweentlanga, ukuze ube ngowosindiso, kude kuse ekupheleni kwehlabathi.
48
Zakuva ke oko iintlanga, zavuya, zalizukisa ilizwi leNkosi, bakholwa bonke ababemiselwe ubomi obungunaphakade.
49
Laye ke ilizwi leNkosi lihanjiswa kulo lonke ilizwe elo.
50
Ke kaloku amaYuda abaxhokonxa abafazi ababehlonela uThixo, ababekekileyo, ababekekileyo, nabaninimzi; abaxhoxhela intshutshiso ooPawulos noBharnabhas, abakhupha emideni yawo.
51
Bathe ke bona bawavuthululela uthuli lweenyawo zabo, beza eIkoniyo.
52
Baye ke abafundi bezaliswe luvuyo nanguMoya oyiNgcwele.
← Chapter 12
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 28
Chapter 14 →
All chapters:
1
2
3
4
5
6
7
8
9
10
11
12
13
14
15
16
17
18
19
20
21
22
23
24
25
26
27
28