bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
/
Acts 12
Acts 12
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
← Chapter 11
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 28
Chapter 13 →
1
Ke kaloku, ngelo xesha uHerode ukumkani wabesa izandla abathile balo ibandla, ukuba abaphathe kakubi;
2
Wambulala ke uYakobi, umzalwana kaYohane, ngekrele.
3
Uthe ke akubona ukuba oko kuwakholisile amaYuda, waqokela ngokubamba noPetros. Loo mihla yayiyimihla yezonka ezingenagwele.
4
Akuba ke embambile, wamfaka entolongweni, wamnikela kumaqela amane amasoldati angamane, ukuba amgcine; engxamele ukumzisa ebantwini emva kwepasika.
5
uPetros wayegcinwa entolongweni, kodwa ibandla laqhubeka limthandazela kuThixo.
6
Xa ke uHerode wayeza kumkhupha, uPetros ngobo busuku wayelele phakathi kwamasoldati amabini, ekhonkxiwe ngemixokelelwane emibini; baye nabalindi beyigcinile intolongo phambi kwesango.
7
Naso isithunywa seNkosi, sisithi gaga phezu kwakhe, kwakhanya nokukhanya entolongweni, sambetha ecaleni uPetros, samvusa, sisithi, Phakama ngokukhawuleza. Yawa imixokelelwane yakhe ezandleni zakhe.
8
Sathi kuye isithunywa, Bhinqa, unxibe iimbadada zakho. Wenjenjalo ke. Athi kuye, Yambathisa ingubo yakho, undilandele.
9
Waphuma ke, wamlandela; ebengazi ukuba iyinene le nto yenziweyo ngesithunywa sezulu; ebeba ke ubone umbono.
10
Begqithile ke kwelokuqala nakwelesibini iqela labalindi, bafika esangweni lentsimbi elibhekisa kuwo umzi; eyabavulela yona ngoku iphumayo, baphuma ke, bahamba isitrato sasinye; semka kwaoko isithunywa eso kuye.
11
Wathi uPetros akuziqonda, wathi, Ngoku ndiyazi okwenyaniso, ukuba iNkosi ithume isithunywa sayo, yandihlangula esandleni sikaHerode, nakuko konke ulindelo lwabantu bamaYuda.
12
Eyibonile ke loo nto, waya kungena endlwini kaMariya, unina kaYohane, ogama limbi linguMarko, apho kwakuhlanganisene khona into eninzi ithandaza.
13
Akubon’ ukuba ke unkqonkqozile uPetros elucangweni lwesango, kweza kuphulaphula isicakazana esigama linguRoda.
14
Elazisile ilizwi likaPetros, akalivula isango, ngenxa yovuyo;
15
Bathi ke kuye, Uyageza. Kodwa wayesoloko eqinisekisa ukuba kunjalo. Bathi ke bona, Sisithunywa sakhe.
16
Uthe ke uPetros wamana enkqonkqoza; bathi ke bakuluvula bambona, bathi nqa.
17
Uwangawangisile ke ngesandla kubo, ukuba bathi cwaka, wabacacisela ukumkhupha kwayo iNkosi entolongweni. Wathi ke, Babikeleni ooYakobi nabazalwana ezi zinto. Waphuma waya kwenye indawo.
18
Ke kaloku, kwakusa, ayibanga ncinane inkathazeko phakathi kwamasoldati, yokuba angaba utheni na uPetros.
19
Uthe ke uHerode, akuba emfuna engamfumani, wabancina abalindi, wathi makumkiwe nabo, baye kubulawa. Wehla kwelakwaYuda, waya eKesareya, wahlala khona.
20
Ke kaloku uHerode wayebaqumbele kakhulu abaseTire nabaseTsidon. Beza ke kuye bemxhelo mnye, bathi, bemthomalalisile uBlasto, obephethe igumbi lokulala ukumkani, bazicelela uxolo; ngokuba ilizwe labo belisondliwa lilizwe lokumkani.
21
Ke kaloku uHerode, ngemini emisiweyo, ambethe ingubo yobukumkani, wahlala etroneni yakhe, wawisa ukuthetha kwakhe kubo.
22
Baduma ke abantu, besithi, Lilizwi lothixo elo, asilamntu.
23
Samthi qwaka ke kwaoko isithunywa seNkosi, ngenxa enokuba engamzukisanga uThixo; wadliwa ziimpethu, waphuma umphefumlo.
24
Laye ke likhula, lisanda ilizwi likaThixo.
25
Ke kaloku uBharnabhas noSawule babuya eYerusalem, belufezile ulungiselelo olo, bethabathe nabo uYohane, ogama limbi linguMarko.
← Chapter 11
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 28
Chapter 13 →
All chapters:
1
2
3
4
5
6
7
8
9
10
11
12
13
14
15
16
17
18
19
20
21
22
23
24
25
26
27
28