bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
/
Acts 18
Acts 18
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
← Chapter 17
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 28
Chapter 19 →
1
Ke kaloku, emva kwezi zinto, wahlukana uPawulos neAtene, weza eKorinte.
2
Wafumana umYuda othile wasePonto ngokuzalwa, ogama linguAkwila, esandula ukuvela eItali, noPrisila umkakhe, weza kubo; (ngenxa yokuba uKlawudiyo ebemise ukuthi, makahlukane neRoma onke amaYuda); weza kubo.
3
Kuthe ke, ngenxa yokuba belilinye ishishini labo, waselehlala nabo esebenza, kuba babengabenzi beentente, ishishini labo.
4
Wayexoxa ke endlwini yesikhungu iisabatha ngeesabatha zonke, ezamela ukweyisa amaYuda namaGrike.
5
Ke kaloku, bakuhla bevela eMakedoni ooSilas noTimoti, uPawulos waxinwa ngumoya, waqononondisa kumaYuda ukuba uYesu lo nguye uKristu.
6
Uthe ke, akuchasa, akunyelisa, wavuthulula iingubo zakhe, wathi kuwo, Igazi lenu malibe phezu kwentloko yenu; mna ndihlambulukile; kuthabathela kweli xesha, ndiya kuya kuzo iintlanga.
7
Esukile ke apho, waya kungena endlwini yothile, ogama linguYusto, umhlonelayo uThixo, ondlu yakhe ibikufuphi nendlu yesikhungu.
8
Ke kaloku uKrispo, umphathi wendlu yesikhungu, wakholwa yiNkosi, nendlu yakhe yonke; nento eninzi yamaKorinte yakuva yakholwa, yabhaptizwa.
9
Yathi ke iNkosi ngombono ebusuku kuPawulos, Musa ukoyika, thetha, ungathi tu;
10
kuba mna ndinawe, kanjalo akukho namnye uya kukusa sandla, akuphathe kakubi; ngokuba ndinabantu abaninzi kulo mzi.
11
Wahlala khona ke unyaka oneenyanga ezintandathu, efundisa ilizwi likaThixo phakathi kwabo.
12
Ke kaloku, akubon’ ukuba uGaliyo wayelibamba kwelaseAkaya, amaYuda amvukela ngamxhelo mnye uPawulos, amzisa esihlalweni sokugweba,
13
besithi, Lo ukweyisa abantu ukuba bamnqule uThixo ngokunxamnye nomthetho.
14
Ke kaloku, xa uPawulos aza kuvula umlomo, wathi uGaliyo kumaYuda, Ukuba ibiyinto yentswela-bulungisa, nokuba ibiyinto yobutshinga, nokuba ibiyeyobutshijolo, maYuda, ngekungene kuni;
15
Kodwa ukuba yimbuzwano ngelizwi, namagama, nomthetho wenu, zikhangeleleni nina; kuba mna andiyi kuba ngumgwebi wezinto ezinjalo.
16
Waza wabagxotha esihlalweni sokugweba.
17
Ambamba ke onke amaGrike uSostene, umphathi wendlu yesikhungu, ambetha phambi kwesihlalo sokugweba. Ke yena uGaliyo akakhathalelanga nanye yezo zinto.
18
Ke kaloku uPawulos ukhe wahlala imihla eyaneleyo. Waza, ebabulisile abazalwana, wemka ngomkhombe waya kwelaseSiriya, enoPrisila noAkwila; eyichebile intloko eKenkreya, kuba waye enesibambiso.
19
Wehla ke wafika e-Efese, wabashiya apho, wangena endlwini yesikhungo, waxoxa namaYuda.
20
Uthe ke, akumcela ukuba akhe ahlale umzuzu kuwo, akavuma;
21
Wababulisa ke esithi, Nokuba kutheni, ndimelwe kukuwenzela eYerusalem umthendeleko ozayo; kodwa ndobuya ndibuyele kuni, ukuba uThixo uyavuma. Waza wemka ngomkhombe e-Efese.
22
Wehla eKesareya, wenyuka waya kubulisa ibandla, wehla waya kwa-Antiyokwe.
23
Enze ixesha elithile khona, wemka, walityhutyha ilizwe laseGalati, nelaseFrigi, ebomeleza bonke abafundi.
24
Ke kaloku umYuda othile ogama linguApolo, owazalelwa eAleksandriya, indoda eliciko, enobunkunkqele ezibhalweni, weza e-Efese.
25
Lo mntu wayeyifundisiwe ngomlomo indlela yeNkosi; waye evutha ngumoya wathetha, efundisa ngokucokisekileyo izinto zeNkosi, esazi kakuhle ubhaptizo lukaYohane lodwa.
26
Waza yena wathetha ngokungafihlisiyo endlwini yesikhungu. Bathe ke bakumva ooAkwila noPrisila, bamthabathela kubo, bamtyhilela ngokucokisekileyo ngakumbi indlela kaThixo.
27
Ke kaloku, akubon’ ukuba ungadlula aye kwelaseAkaya, abazalwana babhala, bababongoza abafundi ukuba bamamkele; owathi akufika, wabanceda kakhulu abo bakholwayo ngalo ubabalo;
28
kuba waweyisa, wawancamisa ekuhleni amaYuda, ebonakalalisa ngazo izibhalo ukuba uYesu lo unguye uKristu.
← Chapter 17
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 28
Chapter 19 →
All chapters:
1
2
3
4
5
6
7
8
9
10
11
12
13
14
15
16
17
18
19
20
21
22
23
24
25
26
27
28