bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
/
Acts 23
Acts 23
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
← Chapter 22
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 28
Chapter 24 →
1
Waqwalasela ke uPawulos entlanganisweni yamatyala, wathi, Madoda, bazalwana, mna ndahlala ngokwalowo ungowakwaThixo, ndinesazela esilungileyo, kwada kwayile mini.
2
Umbingeleli omkhulu uHananiya wayalela abo babemi ngakuye ukuba bambethe emlonyeni.
3
Wathi uPawulos kuye, Uza kukubetha uThixo, ludongandini luqatyiweyo;
4
Bathi ke abo babemi khona, Uyamthuka na umbingeleli omkhulu kaThixo?
5
Wathi uPawulos, Bendingazi, bazalwana, ukuba ungumbingeleli omkhulu; kuba kubhaliwe kwathiwa, Uze ungathethi kakubi ngomphathi wabantu bakowenu.
6
Ke kaloku uPawulos, esazi ukuba elinye icala lelabaSadusi, elinye ke lingabaFarisi, wadanduluka entlanganisweni yamatyala, wathi, Madoda, bazalwana, mna ndingumFarisi, unyana womFarisi; umbuzo.
7
Akuba etshilo, kwabakho impambano phakathi kwabaFarisi nabaSadusi, yahlulelana inkitha leyo.
8
Kuba okunene abaSadusi babesithi, akukho luvuko, nasingelosi, namoya; kodwa abaFarisi bazivuma zombini ezo ndawo.
9
Kwabakho ke unkqangazo olukhulu; besuka ababhali becala labaFarisi balwa kakhulu, besithi, Asifumani nanye into embi kulo mntu; ke ukuba kuthethe kuye umoya, nokuba sisithunywa sezulu, masingalwi noThixo.
10
Kuthe ke, yakuba nkulu impambano, wathi umthetheli-waka esoyikela ukuba uPawulos angaqwengwa ngabo, wathi mawuhle umkhosi, umxwile phakathi kwabo, umzise enqabeni yawo.
11
Ngobusuku obulandelayo iNkosi yema ngakuye, yathi, Yomelela, Pawulos; kuba njengokuba waqononondisa ngam eYerusalem, kwangokunjalo umelwe kukuthi ungqine naseRoma.
12
Kwathi kwakusa, amaYuda athile enza ibhunga, azibopha ngesiqalekiso, esithi akayi kudla, akayi kusela, ade ambulale uPawulos.
13
Baye ke bengaphezu kwamashumi omane ababefungele ukuyenza loo nto.
14
Afika ke kubabingeleli abakhulu nakumadoda amakhulu, athi, Sizibophe ngesiqalekiso esikhulu, ukuba singadli nto, side simbulale uPawulos.
15
Ngoku ke nina bhekisani kumthetheli-waka kunye nentlanganiso yamatyala, ukuba amhlise, eze naye kuni ngomso, ngokungathi niza kuziqiqa ngokukhona kucokisekileyo iindawo ezithethwa ngaye; sibe ke thina, engekasondeli, sesilungele ukumbulala.
16
Ke kaloku, akukuva unyana wodade boPawulos ukumlalela kwabo, wafika wangena enqabeni yomkhosi, wambikela uPawulos.
17
uPawulos ubizele ke kuye omnye wakubathetheli-khulu, wathi, Yisa le ndodana kumthetheli-waka; kuba inento eza kuyibika kuye.
18
Uyithabathile ke yena, wayizisa kumthetheli-waka, wathi, uPawulos, umbanjwa undibizele kuye, wacela ukuba ndizise le ndodana kuwe; inento eza kuyithetha kuwe.
19
Wayibamba ke ngesandla umthetheli-waka, waya nayo ngasese, wayibuza wathi, Unantoni na oza kuyibika kum?
20
Yathi ke, AmaYuda avumelene ukukucela ukuba umhlise uPawulos, umse ngomso entlanganisweni yamatyala, ngokungathi aza kubuza ngokukhona kucokisekileyo into ngaye.
21
Ke wena uze ungabayekeleli; kuba bamlalele kubo phezu kwawo amadoda angaphezu kwamashumi omane, awabophe ngesifungo ukuba akayi kudla, akayi kusela, ade ambulale; ukanti sewulungile, ukhangele; ngenxa yedinga elivela kuwe.
22
Umthetheli-waka wayindulula ke indodana leyo, wayithethela ngelithi, mayingaxeleli bani, ukuba izibonakalalisile kuye ezi zinto.
23
Ebizele kuye abathetheli-khulu ababini, wathi, Lungisani amasoldati abe makhulu mabini, ukuba aye eKesareya, nabamahashe babe mashumi asixhenxe, nababinzi babe makhulu mabini, ngelesithathu ilixa lobusuku;
24
nilungise namaqegu, ukuze bamkhwelise uPawulos, bamse kuFelikis irhuluneli, asindile.
25
Wabhala ke incwadi ngolu hlobo.
26
uKlawudiyo Lisiya uyabulisa kuFelikis irhuluneli edume kunene.
27
Le ndoda yayibanjwe ngamaYuda, iza kubulawa ngawo, koko ndathi gaxa kuwo ndinomkhosi, ndayihlangula, ndakuqonda ukuba ingumRoma.
28
Ndakuba ke ndingalazi ityala abeyimangalela ngalo, ndayihlisa, ndayisa entlanganisweni yawo yamatyala;
29
Ndayifumana imangalelwe ngeembuzwano zomthetho wawo, kodwa ingenalo nalinye ityala elilingene ukufa, nokufakwa iintambo.
30
Ke kaloku, kwakubon’ ukuba ndilihletyelwe iyelenqe ebeliza kwenziwa ngayo le ndoda ngamaYuda, ndithumele kuwe kwangelo lixa, ndathi nakubamangaleli bayo, mabazithethe kuwe iindawo abanazo ngakuyo. Sala kakuhle.
31
Aza amasoldati, njengoko abeyalelwe, amthabatha uPawulos, amzisa kwa-Antipatri ngobusuku.
32
Ngengomso abashiya abamahashe, ukuba bahambe naye, abuyela enqabeni yomkhosi;
33
abathi bona, bakufika eKesareya, bayinikela incwadi kwirhuluneli, bammisa noPawulos phambi kwayo.
34
Iyilesile ke irhuluneli, yabuza ukuba ungowabuphi na uburhulumente; Uthe ke akuqonda ukuba ungowaseKiliki;
35
Wathi ndokuva kakuhle, xa bathe bafika nabamangaleli bakho; wathi makagcinwe endlwini yerhuluneli kaHerode.
← Chapter 22
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 28
Chapter 24 →
All chapters:
1
2
3
4
5
6
7
8
9
10
11
12
13
14
15
16
17
18
19
20
21
22
23
24
25
26
27
28