bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
/
Romans 1
Romans 1
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 2 →
1
UPAULUSI, isicaka sika‐Yesu Kristu, obiziweyo ukuba ngumpostile, owahlulelwe evangelini katixo, —
2
leyo wayibekelayo ngedinga kwa pambili ngabaprofite bake eziba̔lweni ezingewele,
3
ngaye unyana wake, owazalwa ngenzalo ka‐Davide ngokwenyama,
4
owabonakaliswa ngamandla ukuba ngunyana katixo ngokwomoya wobungcwele ngokuvuka ekufeni, kwa u‐Yesu Kristu inkosi yetu;
5
esati ngaye samkela ufefe nobupostile, kube kukuva kwokolo pakati kwazo zonke intlanga, ngenxa yegama lake;
6
enipakati kwazo nani, ningababizwa baka‐Yesu Kristu:—
7
kubo bonke abase‐Roma, abatandiweyo ngutixo, ababiziweyo ukuba ngabangcwele: Ufefe malube kuni, noxolo, luvela kuye utixo ubawo wetu, nenkosi u‐Yesu Kristu.
8
Nditi ke ukuqala, ndibulela kutixo wam ngaye u‐Yesu Kristu ngenxa yenu nonke, ukuba inkolo yenu iyashunyayelwa kulo lonke ilizwe.
9
Ngokuba utixo elinqi̔na lam, endimkonzayo emoyeni wam kuyo ivangeli yonyana wake, lokokuba ndiyanikankanya ndingayeki,
10
ndikunga ngamaxesha onke emitandazweni yam, ukuba kungati kaloku ndoda ndivulelwe indlela ngentando katixo ukuza kuni.
11
Ngokuba ndilangazelela ukunibona, ukuze ndinabele isipiwo esibumoya, ukuba niqiniswe;
12
oko kukuti ke, ukuba ndonwatyiswe kunye nani pakati kwenu, ngalo ukolo olukuti ngabanye, kwa nolwenu nolwam.
13
Kodwa anditandi ukuba nibe ningazi, bazalwana! okokuba ndite futi ndacinga ukuza kuni, (kanti ndaxakwa kwada kwakaloku nje,) ukuze ndibe nezixakato napakati kwenu, njengapakati kwabo nabanye abaheyideni.
14
Ndingonetyala kwa kuwo ama‐Girike nakubo abangengama‐Girike, kwa kubo abalumkileyo nakubo ababudenge.
15
Kwa njalo okwam sendilungile ukushumayela ivangeli nakuni base‐Roma.
16
Ngokuba ndingenantloni ngayo ivangeli ka‐Kristu: ngokuba ingamandla katixo lube lusindiswa kubo bonke abakolwayo; kwa kuye um‐Juda ukuqala, nakuye um‐Girike.
17
Ngokuba ubulungisa bukatixo butyilwa kuyo ngokolo kude kube lukolo, njengokuba kuba̔liwe ukuti: Kodwa olungileyo uya kupila ngokolo.
18
NGOKUBA kutyilwa umsindo katixo ezulwini ngakuko konke ukungabedeshi nokungalungisi kwabantu, abayibambayo inyaniso kokungalungileyo;
19
ngokokuba oko okwazekayo ngotixo kubonakele pakati kwabo; ngokuba utixo wakubonakalisa kubo:
20
ngokuba izinto zake ezingabonekiyo ziqiqwa kwa sekudalweni kwelizwe, ziqondwa ngezinto ezenziweyo, kwa amandla ake angunapakade nobutixo bake; ukuze bangabi nakulandula;
21
ngokokuba, nangona bamaziyo utixo, abamdumisa njengokuba e ngutixo, ababulela kanjako; koko bamata ezicamangweni zabo, yati intliziyo yabo engenakuqonda yenziwa mnyama.
22
Besitsho ukuti bangabalumkileyo baba zizidenge,
23
bati ubungcwalisa bake utixo ongonakaliyo babuguqulela umfanekiso ofana nomntu owonakalayo, nentaka, nezilo ezinyawo zine, nezinto ezinambuzelayo.
24
Ngako oko kanjalo utixo wabayekelela kuzo inkanuko zentliziyo zabo ekunco̔leni, ukuba bahlazekise imizimba yabo pakati kwabo;
25
ekubeni inyaniso katixo bayiguqulela ubuxoki, nezidalwa bazibedesha bazikonza ngapezu kwomdali, odumisekayo kude kube ngunapakade: Amene.
26
Ngenxa yoku utixo wabayekelela emilweni ehlazekileyo: ngokuba kwa amankazana abo aguqula okwemvelo ukwenza kube kokungalungelene nemvelo:
27
kwa ngokunjalo namadoda, eyeka okwemvelo ukwenza kwinkazana, atsha ekunqweneleni kwawo enye ngakuyo enye, amadoda esenza namadoda okulihlazo, esamkela kwa kuwo ngokwawo impindezelo ebifanele ulahleko lwawo.
28
Kanjako njengokuba bebengatandi ukubamba utixo ekwazini kwabo, utixo wabayekelela eluveni olwaliwayo, ukwenza izinto ezingafanelekileyo;
29
bezalisiwe kuko konke okungalungileyo, ngumbulo, bubumenemene, bububawa, lulunya; bezele ngumona, lubulalo, lipike, yinkohliso, lulwavela;
30
bengabagquguli, abahlebi, abatiyi bakatixo, ababandezeli, abaner̔atshi, abazidlayo, abafumanisi bezinto ezikohlakeleyo, abangevayo abazali,
31
abangenakuqonda, abapuli bocebano, abangenalutando lwokuvela, abangaxoliseki, abangenazibele:
32
abati, nangona bawaziyo ummiso katixo, wokuba abo bazenza izinto ezinjalo bafanele ukufa, bangazenzi kwa zona kodwa, koko kanjalo batakazela abazenzayo.
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 2 →
All chapters:
1
2
3
4
5
6
7
8
9
10
11
12
13
14
15
16