bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
/
Romans 10
Romans 10
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
← Chapter 9
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 11 →
1
BAZALWANA! ukukanuka kwentliziyo yam nokukunga kwam kutixo ngenxa yo‐Sirayeli, kokwokuba basindiswe.
2
Ngokuba ndibanqi̔nela ukuba banokuzondelela utixo, koko kungengokuqonda.
3
Ngokuba ubulungisa bukatixo bengabazi nje, nobabo ubulungisa befuna ukubumisa, abalulamelanga kubo ubulungisa bukatixo.
4
Ngokuba u‐Kristu esisipelo somteto bube bubulungisa kubo bonke abakolwayo.
5
Ngokuba u‐Mosesi ebalisa ubulungisa obungawo umteto, esiti: Umntu ozenze zona uya kupila ngazo.
6
Kodwa ubulungisa obungokolo buyateta ngokuti: Ungatsho entliziyweni yako ukuti: Ngubanina oya kunyukela ezulwini? (oko kukuti, ukuhla no‐Kristu:)
7
umhlaumbi: Ngubanina oya kuhlela ehadesi? (oko kukuti, ukunyuka no‐Kristu kwabafileyo.)
8
Koko buti nina? Ilizwi likufupi kuwe, emlonyeni wako, nasentliziyweni yako: oko kukuti, ilizwi lokolo esilishumayelayo;
9
lokokuba, xeshekweni uti uxele ngomlomo wako inkosi u‐Yesu, ukolwe entliziyweni yako ukuba utixo wamvusa kwabafileyo, uya kusindiswa.
10
Ngokuba ngentliziyo kukolwa kube bubulungisa, nangomlomo kuxelwa kube lusindiswa.
11
Ngokuba isiba̔lo sisiti: Osukuba ekolwa kuye akayi kudaniswa.
12
Ngokuba kungeko ukwahluka pakati kwom‐Juda nom‐Girike; ngokuba ikwa nye inkosi yabo bonke, ibutyebi ngakubo bonke ababizayo kuyo:
13
ngokuba bonke abasukuba bebiza egameni likayehova beya kusindiswa.
14
Pofu boti nina ukubiza kulowo bangakolwanga kuye? boti nina nokukolwa kulowo abangamvanga? boti nina nokuva bengenamshumayeli?
15
Kanjako boti nina ukushumayela, xeshekweni bangatunywayo? njengokuba kuba̔liwe ukuti: Hai ukuba ntle kwazo inyawo zabo abashumayelayo indaba ezimnandi zoxolo, abashumayelayo indaba ezimnandi zezinto ezilungileyo!
16
Kuloko bebengapulapuli bonke kwindaba ezimnandi ezo. Ngokuba u‐Yisaya esiti: Yehova! ngubanina okoliweyo yintshumayelo yetu?
17
Kukona ukolo luvela ngokuva, nokuva ngalo ilizwi likatixo.
18
Koko ndisiti: Abeva na? Hai gxebe: Intlokoma yabo yapumela kuwo wonke umhlaba, namazwi abo kwa sezipelweni zelizwe.
19
Koko ndisiti: Abazi na o‐Sirayeli? Ukuqala u‐Mosesi uti: Ndonivusela ikwele pezu kwolungelulo uhlanga; pezu kwohlanga olungenakuqonda ndoniqumbisa.
20
Kodwa u‐Yisaya uyakalipa kakulu ati: Ndafunyanwa ngabo babengandifuni; ndabonakaliswa kwabo babengandibuzi.
21
Kodwa ngo‐Sirayeli uti: Yonke imini ndazitwabulula izandla zam ngasebantwini abangevayo nabapikayo.
← Chapter 9
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 11 →
All chapters:
1
2
3
4
5
6
7
8
9
10
11
12
13
14
15
16