bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
/
Romans 3
Romans 3
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
← Chapter 2
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 4 →
1
Kuyinto nina pofu ukudlulisela kwom‐Juda? umhlaumbi kuyinto nina ukunceda kwokwaluka?
2
Kuninzi ngendawo zonke: okona kukulu, kukuba kwabekelwa kubo amazwi katixo.
3
Ngokuba kuyinina ukuba abakolwa inxenye? ukungakolwa kwabo kuya kutshitshisa na inyaniseko katixo?
4
Kwanga kungebe njalo! makabe yinene utixo, nakuba bonke abantu bengamaxoki; njengokuba kuba̔liwe ukuti: Ukuze ube ugwetyelwa ezitetweni zako, weyise ekumenyweni kwako.
5
Kodwa ukungalungisi kwetu ukuba kuyabonakalisa ubulungisa bukatixo, soti nina ke? Ungongalungileyo na utixo ohlisayo umsindo wake? (Ndiyateta njengokwabantu.)
6
Kwanga kungebe njalo! ngokuba oko eya kuti nina ukugweba ilizwe?
7
Ngokuba inyaniso katixo ukuba ite ngobuxoki bam yakolisa ukwandela ubungcwalisa bake, yinina ukuba ndisamenywa nam njengomoni?
8
He, yinina ukuba singa ti, njengokuba kutetwa ngati ngokugxeka, nanjengokuba besitsho inxenye ukuba siti: Masenze okukohlakeleyo, ukuze kuvele okulungileyo? abakugwetywa kufanelekile.
9
Yinina pofu? si ba gqitisele na? Nakanye: ngokuba sise simisile ityala kwa kuma‐Juda nakuma‐Girike, lokuba onke apantsi kwesono;
10
njengokuba kuba̔liwe ukuti: Akuko olungileyo, hai namnye;
11
akuko oqondayo, akuko ofuna utixo.
12
Bapambukile bonke, bonakele kunye; akuko owenza okulungileyo, akuko noko amnye.
13
Ummizo wabo ulincw̔aba elivulekileyo; bate ngelwimi zabo benza inkohliso; ubuhlungu bamar̔amba bupantsi kwemilomo yabo:
14
abamlomo uzele kukuqalekisa nabubuṙaṙa:
15
inyawo zabo zinamendu ukuya kupalaza igazi;
16
uci̔takalo nosizi lusezindleleni zabo;
17
nendlela yoxolo abayazanga:
18
akuko ukwoyika utixo pambi kwamehlo abo.
19
Kekaloku siyazi ukuba zonke izinto uzitshoyo umteto, uyaziteta kwabo bapantsi kwomteto; ukuze yonke imilomo ivingcwe, nalo lonke ilizwe limelwe kukugweba kukatixo:
20
ngenxa yokuba kungayi kugwetyelwa namnye umntu ebusweni bake ngemisebenzi yomteto: ngokuba ngawo umteto kuko ukwaziwa kwesono.
21
KODWA kaloku ngapandle kwomteto ubulungisa bukatixo bubonakalisiwe, bunqi̔nelwa ngumteto nabaprofite;
22
kwa ubulungisa bukatixo ngalo ukolo luka‐Yesu Kristu ngakubo bonke napezu kwabo bonke abakolwayo; ngokuba kungeko ukwahluka:
23
ngokuba bonke bonile, bengafikeleli kubo ubungcwalisa bukatixo;
24
begwetyelwa ngesisa lufefe lwake ngalo ukululwa olukuye u‐Kristu Yesu;
25
ate utixo wambeka ngapambili ukuba sisihlaulelo ngalo ukolo egazini lake, kube kukubonakaliswa kwobulungisa bake, ngenxa yokuyekelwa kwezono ezibe zenziwe pambili, ekunyamezeleni kukatixo;
26
kuze kube kukubonakaliswa kwobulungisa bake kwelixesha lakaloku nje, ukuze abe elungile, nxa agwebelayo owaselukolweni luka‐Yesu.
27
Kupina pofu ukuqa̔yisa? Kuvalelwe pandle. Ngowanina umteto? ngowemisebenzi na? Nakanye; koko ngawo umteto wokolo.
28
Siyatelekelelisa ngoko, ukuba umntu uyagwetyelwa lukolo ngapandle kwemisebenzi yomteto.
29
Utixo ungowama‐Juda odwa na? akangowabaheyideni nabo na? Ewe, ngowabaheyideni nabo:
30
ekubeni ke utixo emnye, oya kugwebela abanokwaluka ngetuba lokolo, nabanokungaluki ngalo ukolo.
31
Umteto pofu siyawutshitshisa ngalo ukolo na? Kwanga kungebe njalo! koko siwumisayo umteto.
← Chapter 2
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 4 →
All chapters:
1
2
3
4
5
6
7
8
9
10
11
12
13
14
15
16