bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
/
Romans 5
Romans 5
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
← Chapter 4
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 6 →
1
NGAKO sigwetyelwe ngokolo nje, sinalo uxolo kutixo ngayo inkosi yetu u‐Yesu Kristu;
2
esite ngayo kanjalo sanokungeniswa ngokolo kolufefe simi kulo; sivuyelela ngetemba lobungcwalisa bukatixo.
3
Kunge njalo ke kodwa, koko kanjako sivuyelela ezimbandezelweni; sisazi ukuba imbandezelo iyazuzisa umonde,
4
nomonde isazelo, nesazelo itemba;
5
liti ke itemba lingadanisi, ngokokuba utando lukatixo lugalelwe ezintliziyweni zetu ngumoya oyingcwele owanikwa kuti.
6
Ngokuba u‐Kristu, nxa sibe sisaswele amandla tina, ngexesha elifanelekileyo wafela abangabedeshiyo.
7
Ngokuba cebetshu kukohlwa kubako oya kufela olungileyo: noko kungati umhlaumbi kuko okwa nokukalipa ukufela lowo obubele.
8
Kodwa utixo uyabonakalisa olwake utando ngakuti, ngokokuba, nxa sibe sisengaboni tina, u‐Kristu wasifela.
9
Siya kuti kakulu ngakumbi ngoko, sigwetyelwe nje kaloku ngegazi lake, sisindiswe ngaye emsindweni ozayo.
10
Ngokuba, sizintshaba nje, ukuba saxoliswana notixo ngako ukufa kwonyana wake, siya kuti kakulu ngakumbi, sixoliswene nje, sisindiswe ngobomi bake.
11
Kunge njalo ke kodwa, koko kanjako sivuyelela kutixo ngayo inkosi yetu u‐Yesu Kristu, esite ngayo kaloku samkela uxoliswano.
12
Ngenxa yoku, njengokuba isono sangena elizweni ngaye umntu emnye, nokufa ngaso isono; kwaza ngokunjalo ukufa kwacandela kubo bonke abantu, ngokokuba bonke bebonile:—
13
Ngokuba kude kwabako umteto bekuko isono elizweni: kodwa isono asibalelwa, nxa kungekoyo umteto.
14
Noko ukufa kwapata ubukosi kwa ku‐Adame kwada kwaku‐Mosesi, kwa pezu kwabo babengonanga ngesigqito esifana nesika‐Adame, ongumfanekiselo walowo obeza kuza.
15
Koko kungenjengokuba sinjalo isiposo, ukuba sinjalo nesipo sofefe. Ngokuba, ukuba ngesiposo somnye bafa abaninzi, kukakulu ngakumbi lute ufefe lukatixo nolupo lwake lwakolisa ukwandela abaninzi ngofefe olulolwomnye umntu engu‐Yesu Kristu.
16
Kanjako akunjengokuba kunjalo ngaye omnye owonayo, ukuba sinjalo isipiwo: ngokuba umgwebo unge siposo sinye kube kukugwetywa, kodwa isipo sofefe singeziposo ezininzi kube kukugwetyelwa.
17
Ngokuba, ukuba ngesiposo somnye ukufa kwapata ubukosi ngaye omnye lowo, kukakulu ngakumbi baya kuti abo babamkelayo ubuninzi bofefe nopiwo lwobulungisa bapate ubukosi ebomini ngaye omnye ongu‐Yesu Kristu. —
18
Ngako ke, njengokuba umgwebo ngaso isiposo sinye ubufik ela bonke abantu kube kukugwetywa, kwa njalo n esipo sofefe ngesenzo esilungileyo sinye safik ela bonke abantu kube kukugwetyelwa okunobomi.
19
Ngokuba, njengokuba ngako ukungeva kwomntu emnye abaninzi benzwa aboni, kwa njalo nangako ukuva kwomnye abaninzi baya kwenzwa abalungileyo.
20
Kekaloku umteto wangena nawo, ukuze isiposo sandiswe. Kodwa apo sandiswa kona isono, lwakolisa ukwanda kakulu ngakumbi ufefe:
21
ukuze ke, njengokuba isono sapata ubukosi ekufeni, luti kwa njalo nofefe lupate ubukosi ngabo ubulungisa bube bubomi obungunapakade, ngaye u‐Yesu Kristu inkosi yetu.
← Chapter 4
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 6 →
All chapters:
1
2
3
4
5
6
7
8
9
10
11
12
13
14
15
16