bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
/
Romans 9
Romans 9
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
← Chapter 8
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 10 →
1
NDIYATETA inyaniso ku‐Kristu, andixoki, isazeliso sam sinqi̔nelana nam kumoya oyingcwele,
2
ukuba ndinosizi olukulu, nendandateko engapeliyo entliziyweni yam:
3
ngokuba bendinganqwenayo ukuba mna ngokwam bendiyinto eyahlukanisiweyo no‐Kristu ngenxa yabo abazalwana bam, izalamane zam ngokwenyama:
4
abangama‐Sirayeli; ekukokwabo ubunyana, nobungcwalisa, nengcebano, nokunikwa kwomteto, nesikonzo, namadinga;
5
abangababooyise, nokuvela kubo u‐Kristu ngokwenyama, ongutixo pezu kwonke, edumisekile ngonapakade. Amene.
6
Kungenjengokungati ilizwi likatixo litshitshile. Ngokuba kungengabo bonke abavela ku‐Sirayeli, abango‐Sirayeli:
7
kanjako, abalusapo bonke, ukuba beyinzalo ka‐Abrahame; koko kusitwa: Ku‐Yisake iya kubizwa inzalo yako.
8
Oko kukuti, asi ngabalusapo lwenyama, abalusapo lukatixo; koko ngabalusapo lwedinga ababalelwa ukuba yinzalo.
9
Ngokuba ilizwi ledinga leli lokuti: Ekutwaseni kwelixesha ndiya kuza, waeya kuti u‐Sara abe nonyana.
10
Kunge njalo ke kodwa; koko kanjako nxa u‐Rebeka ebekaulile ngomnye, ngo‐Yisake ubawo wetu;
11
ngokuba, abantwana bengekazalwanga, bengenzanga nto elungileyo nekohlakeleyo kanjalo, ukuze imvume katixo ngokwoqasho ibe nokuma, ingengemisebenzi, koko ingalowo ubizayo;
12
bekutiwa kuye: Omkulu wokonza komncinane.
13
Kwa njengokuba kuba̔liwe ukuti: u‐Yakobi ndamtanda, no‐Esau ndamtiya.
14
Soti nina pofu? Kuko ukungalungisi kutixo na? Kwanga kungebe njalo!
15
Ngokuba esiti ku‐Mosesi: Ndoba netaṙu kosukuba endinetaṙu kuye, ndandiya kuba nenceba kosukuba endinenceba kuye.
16
Ngako ke, asi kokwotandayo, asi kokwobalekayo kanjalo, koko kuko kukatixo owenza ngetaṙu.
17
Ngokuba isiba̔lo sisiti ku‐Faro: Ndakuvusela kwa kona oku, ukuba kuwe ndibonakalise amandla am, nokuba igama lam lishunyayelwe emhlabeni wonke.
18
Ngako ke, lowo atandayo, unetaṙu kuye; nalowo atandayo, uyamenza lukuni.
19
Pofu wena woti kum: Usagungqela nina? ngokuba ngubanina omelana nentando yake?
20
Hai gxebe, mntundini! ungubanina wena opind’ ukupendula kutixo? Into edaliweyo iya kutsho na koyidalileyo ukuti: Yinina ukuba wandenza ngokunjalo?
21
Umbumbi akanamandla pezu kwodongwe na, ukuba ati ngesimba elikwa linye enze enye impahla ibe yenokubekwa, nenye ibe yengenakubekwa?
22
Kodwa soti nina, ukuba utixo, etanda ukubonakalisa umsindo wake, nokuwazisa amandla ake, wazinyamezela ngokuzeka kade okukulu impahla zomsindo sezilungele intshabalalo:
23
ukuze kanjalo abazise ubutyebi bobungcwalisa bake pezu kwempahla zetaṙu, abete kwa pambili wazilungisela ubungcwalisa,
24
ate kanjako wazibiza, kwa tina, bekungekuwo ama‐Juda odwa, bekukubo abaheyideni nabo?
25
Njengokuba kanjalo esiti kweka‐Hosheha: Ndiya kubiza ngabantu bam, abo bebengengabantu bam; nalowo ngotandiweyo, obengengotandiweyo:
26
kwakuya kuti, endaweni apo bekutiwa kubo: Aningabo abantu bam; kwa kona baya kubizwa ngosapo lwotixo ohleliyo.
27
Kanjako u‐Yisaya uyadanduluka ngo‐Sirayeli ukuti: Nangona inani losapo luka‐Sirayeli lingangentlabati yolwandle, sisisalela esiya kusindiswa:
28
ngokuba esigqibela isibuzo, esifinyeza ebulungiseni; ngokuba isibuzo esifinyezekileyo eya kusenza uyehova emhlabeni.
29
Nanjengokuba u‐Yisaya etshilo pambili ukuti: Ukuba uyehova wemikosi ubengasishiyelanga inzalo, ngesibe sinjenge‐Sodome, ngesibe sifaniswa ne‐Gomora.
30
Soti nina ngoko? Siti abaheyideni, abebengaputumi ubulungisa, bafumana ubulungisa, kwa ubulungisa obungokolo.
31
Kodwa o‐Sirayeli, beputuma umteto wobulungisa, abafikelela umteto wobungcwalisa.
32
Nganina? Ngokokuba bekungengokolo, bekunjengokungati kungemisebenzi yomteto bebebuputuma: ngokuba baku̔bekayo ngakulo ilitye lokuku̔bekisa;
33
njengokuba kuba̔liwe ukuti: Bona ke, ndiyabeka e‐Ziyone ilitye lokuku̔bekisa, nolwalwa lwokuwisa: kanjalo osukuba ekolwa kulo akayi kudaniswa.
← Chapter 8
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 10 →
All chapters:
1
2
3
4
5
6
7
8
9
10
11
12
13
14
15
16