bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
/
Romans 7
Romans 7
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
← Chapter 6
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 8 →
1
ANAZI na, bazalwana! (ngokuba nditeta kwabawaziyo umteto,) okokuba umteto unobukosi pezu kwomntu lonke ixesha asahlala ngalo?
2
Ngokuba umfazi opantsi kwendoda ebotshiwe ngumteto kwindoda yake nxa isahleliyo; kodwa xeshekweni indoda ifileyo, ukululwe kuwo umteto wendoda.
3
Ngako ke, ukuba uba ngowenye indoda, nxa isahleli indoda yake, uya kubizwa ngokuba liṙexezakazi: kodwa xeshekweni indoda yake ifileyo, ukululekile kuwo umteto lowo; ukuze angabi lilo iṙexezakazi, nakuba aba ngowenye indoda.
4
Kwa njalo ke, bazalwana bam! nani nenzwa nifile ngakuwo umteto ngawo umzimba ka‐Kristu; ukuba nina nibe ngabo abomnye, kwa abalowo ubevuswa ekufeni, ukuze nivelisele utixo izixakato.
5
Ngokuba okuya sibe sisenyameni, imilo yezono, ebi vuka ngawo umteto, ibisebenza emalungwini etu, kuze kuveliselwe ukufa izixakato.
6
Kodwa kaloku sikululwe emtetweni, sifile nje ngakuko oko esasibanjelwe kuko; ukuze sibe sikonza ngobutsha bomoya, kungabi ngobudala begama.
7
Soti nina pofu? Umteto usisono na? Kwanga kungebe njalo! Noko, isono bendingasazanga, kupela ngawo umteto: ngokuba unqwenelo ngendingalwazanga, ukuba umteto ubungatsho ukuti: Akuyi kunqwenela.
8
Kodwa isono, sizuzile ituba nje ngawo umyalelo senza kum lwonke unqwenelo. Ngokuba ngapandle kwomteto isono sifile.
9
Nam bendifudula ndipilile ngapandle kwomteto: kodwa kwakufika umyalelo, sabuya sapila isono, ndafa ke mna;
10
nomyalelo, obungowobomi, wona lo wafunyanwa ndim ukuba ngowokufa.
11
Ngokuba isono sizuzile ituba nje ngawo umyalelo sandilukuhla, sati kwa ngawo sa ndi bulala.
12
Kwa njalo ke umteto ungcwele, nomyalelo ungcwele, unobulungisa, ulungile.
13
Pofu oko kulungileyo kwaba kukufa na kum? Kwanga kungebe njalo! koko isono saba kukufa kum, ukuze sibonakale ukuba sisono, sindenzela ukufa ngako okulungileyo; ukuze isono ngawo umyalelo sibe sibubono ngento egqitisileyo.
14
Ngokuba sisazi ukuba umteto ubumoya: kodwa mna ndibunyama, nditengiselwe ngapantsi kwesono.
15
Ngokuba oko ndikwenzayo ndingakwazi: ngokuba oko ndikutandayo, oku ndingakwenzi; koko oko ndikutiyayo, oku ndikwenza.
16
Kodwa ukuba oko ndingakutandiyo, oku ndiyakwenza, ndiyavumela umteto ukuba ulungile.
17
Kuze kaloku kungabi sendim okwe nzayo kona, kusisono esimiyo kum.
18
Ngokuba ndisazi ukuba akumi kum, oko kukuti enyameni yam, into elungileyo: ngokuba ukutanda kuko ngakum; kodwa ukufeza oko kulungileyo andikufumani.
19
Ngokuba okulungileyo endikutandayo ndingakwenzi; koko okukohlakeleyo endingakutandiyo, oku ndikwenza.
20
Kodwa ukuba oko ndingakutandiyo mna, oku ndiyakwenza, akusendim okwenzayo kona, kusisono esimiyo kum.
21
Ndiyafumana ngoko lomteto, wokuba, nxa nditandayo ukwenza oko kulungileyo, oko kukohlakeleyo kuko ngakum.
22
Ngokuba ndigcoba emtetweni katixo ngokwowapakati umntu:
23
kodwa ndiyabona umteto wumbi emalungwini am, usilwa nomteto woluvo lwam, unditimbela emtetweni wesono osemalungwini am.
24
Hai umntu olusizi endinguye! ngubanina oya kundihlangula emzimbeni wokukufa?
25
Ndiyabulela kutixo ngaye u‐Yesu Kristu inkosi yetu. Ngako ke mna ngokwam nditi ngoluvo ndikonze emtetweni katixo, kodwa ngenyama, emtetweni wesono.
← Chapter 6
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 8 →
All chapters:
1
2
3
4
5
6
7
8
9
10
11
12
13
14
15
16