bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
/
Romans 11
Romans 11
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
← Chapter 10
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 12 →
1
NDITI ngako: Utixo wabalahla na abantu bake? Kwanga kungebe njalo! Ngokuba nam ndingum‐Sirayeli, kwinzalo ka‐Abrahame, kwisizwe sika‐Benjamine.
2
Utixo akabalahla abantu bake obebazi kwa pambili. Anikwazi na oko sikutsho isiba̔lo kuyo imbali ka‐Elija, — okokuba uyakalazela kutixo ngo‐Sirayeli, esiti:
3
Yehova! abaprofite bako bababulele, nezibingelo zako bazici̔tile; sendisele mna ndedwa, nobomi bam bayabufuna?
4
Noko iti nina kuye impendulo katixo? Ndizisalisele amadoda amawaka asixe̔nxe, lawo angagobanga dolo ku‐Bali.
5
Kwa njalo ke nakwelixesha lakaloku nje kuko isisalela ngokwoqasho lwofefe.
6
Kodwa ukuba kungofefe, akusengayo imisebenzi; okanye ufefe alubi selulo ufefe: kodwa ukuba kungayo imisebenzi, akuseko ufefe; okanye umsebenzi awusenguwo umsebenzi.
7
Yinina pofu? Oko bakufunayo o‐Sirayeli, oku abakuzuzanga; kodwa abaluqashwa bakuzuza; bati abaseleyo baba lukuni,
8
(njengokuba kuba̔liwe ukuti: Utixo wabanika umoya wokwozela, amehlo okuba bangaboni, nendlebe zokuba bangeva;) kwada kwayimini yanamhla.
9
Naye u‐Davide uti: Isitebe sabo masenziwe umgibe, nesibata, nesixakaniso, nempindezelo kubo:
10
amehlo abo makenziwe mnyama, baza bangaboni; nomhlana wabo uwugobe pantsi futi.
11
Nditi ngako: Baku̔beka na ukuze bawe? Kwanga kungebe njalo! koko ngesiposo sabo usindiso luze kubo abaheyideni, ize bavuselwe ubukwele.
12
Kodwa ukuba isiposo sabo sibubutyebi belizwe, n okuba ukuncipa kwabo kububutyebi babaheyideni, kwoba njalo kangakananina ngakumbi ukuzaliseka kwabo?
13
Ngokuba nditeta kuni bangabaheyideni: ngendawo yokuba ndingumpostile wabaheyideni, ubukonzi bam ndiyabudumisa;
14
ukuba kungati ndingabavusela ubukwele abayinyama yam, ndize ndisindise inxenye kubo.
15
Ngokuba ukulahlwa kwabo ukuba kukukuxoliswana kwelizwe, kwoba yinto nina ukwamkelwa kwabo, kupela bubomi buvuka ekufeni?
16
Kanjalo ukuba isiqalo sentlama singcwele, linjalo nesimba layo; nokuba ingcambo ingcwele, anjalo namasebe.
17
Kodwa ukuba inxenye yamasebe yapulwa, nawe, ungumnquma wasendle nje, wamiliselwa pakati kwawo, waza wabelwa kwingcambo nakukutyeba kwomnquma kunye nawo,
18
ungaqa̔yiseli amasebe. Kodwa ukuba uya wa qa̔yisela, asi nguwe oxasa ingcambo, yingcambo exasa wena.
19
Woti ngako: Amasebe apulwa, ukuze mna ndimiliselwe.
20
Kulungile ke: ngenxa yokungakolwa kwawo apulwa wona, nawe umi ngokukolwa kwako. Ungaqanqalazi, uti woyike:
21
ngokuba lawo angamasebe ngemvelo ukuba utixo akayekanga wona, lumka hleze kungati angayeki nawe.
22
Kangela ke ngoko ububele nobukali bukatixo: ngakubo abo bawayo, bubukali; kodwa ngakuwe, bububele, xeshekweni umana ukuma ebubeleni bake; okanye nawe wonqanyulwa.
23
Ewe nabo bona, ukuba bati bangamani ukuma ekungakolweni kwabo, baya kumiliselwa: ngokuba utixo enamandla ukubamilisela kanjako.
24
Ngokuba wena ukuba wabunqanyulwa kumnquma ongowasendle ngemvelo, waza wamiliselwa emnqunyeni olungileyo ngokungalungelene nemvelo; kwoba kangakananina ngakumbi abaya kuti aba, aba ngamasebe ngemvelo, bamiliselwe kowabo umnquma?
25
Ngokuba ndingatandi, bazalwana! ukuba nibe ningayazi imfihlakalo le, ukuze ningaziqa̔yiseli ngobulumko; yokokuba ubulukuni buhlele o‐Sirayeli ngenxenye, kude kungene ukuzaliseka kwabaheyideni;
26
kuze ngokunjalo bonke o‐Sirayeli basindiswe; njengokuba kuba̔liwe ukuti: Kuya kuvela kwi‐Ziyone lowo ungumkululi, waeya kusonga ukungabedeshi ku‐Yakobi;
27
kanjalo, olu lucebano nabo luvela kum, okuya ndizisusayo izono zabo.
28
Ngokwevangeli, bazintshaba ngenxa yenu; kodwa ngokwoqasho, bangabatandwa ngenxa yoyise:
29
ngokuba zingenakuguqulwa izipo zikatixo nobizo lwake.
30
Ngokuba njengokuba nani benifudula ningeva utixo, kodwa kaloku nje nifumene ububele ngokungeva kwabo aba;
31
kwa njalo naba kaloku nje abavanga, ukuze ngobubele obenzelwe nina bona nabo bafumane ububele.
32
Ngokuba utixo ebavalele ndawonye kwa bonke kuko ukungeva, ukuze abe nobubele ngakubo bonke.
33
Hai ukwendela kwobutyebi nobulumko nokwazi kukatixo! ukungapengululeki kwemigwebo yake, nokungalandeki kwendlela zake!
34
Ngokuba ngubanina owazileyo uluvo lukayehova? umhlaumbi ngubanina omnikileyo icebo?
35
umhlaumbi ngubanina ompangeleyo ngokupa, kuze kubuye kuvuzwe yena?
36
Kuba into zonke zivela kuye, zingaye, zingenxa yake: kwa kuye makubeko ubungcwalisa kude kube ngunapakade. Amene.
← Chapter 10
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 12 →
All chapters:
1
2
3
4
5
6
7
8
9
10
11
12
13
14
15
16