bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
/
Romans 16
Romans 16
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
← Chapter 15
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
1
NDIYAMAZISA kuni u‐Fibi udade wetu, ongumkonzikazi waseṙementeni ese‐Kenkriya:
2
ukuze nimamkele enkosini ngokufanele abangcwele, nokuba nimncede emcimbini asukuba efuna ukunceda kwenu kuwo: ngokuba yena naye ebengumsizi wabaninzi, nowam kanjalo.
3
Bulisani u‐Pirisila no‐Akwila, abasebenzisi bam ku‐Kristu Yesu:
4
abati ngenxa yobomi bam bazibeka pantsi ezabo intamo: ekungendim ndedwa obulelayo kubo, zizo zonke iṙemente zabaheyideni nazo.
5
Kanjako bulisani iṙemente esendlwini yabo. Bulisani u‐Epenetusi umtandwa wam, osisandulelo sase‐Akaiya kuye u‐Kristu.
6
Bulisani u‐Mariya, owasisebenzela kakulu.
7
Bulisani u‐Andronike no‐Juniyasi, izalamane zam, namabanjwa kunye nam, abadumileyo pakati kwabapostile, aba?-?beku‐Kristu pambili kum kanjalo.
8
Bulisani u‐Ampiliya umtandwa wam enkosini.
9
Bulisani u‐Uribane umsebenzisi wetu ku‐Kristu, no‐Sitaku umtandwa wam.
10
Bulisani u‐Apelesi, obukiweyo ku‐Kristu. Bulisani abakwa‐Aristobulo.
11
Bulisani u‐Herodiyone isalamane sam. Bulisani abakwa‐Narakiso aba senkosini.
12
Bulisani u‐Tirifena no‐Tirifosa, abasebenzayo enkosini. Bulisani u‐Perisi otandiweyo, owasebenzayo kakulu enkosini.
13
Bulisani u‐Rufusi oqashiweyo enkosini, na lowo u ngunina wake nowam.
14
Bulisani u‐Sinkirito, u‐Filegoni, u‐Heremasi, u‐Pateroba, u‐Heremisi, nabazalwana abanabo.
15
Bulisani u‐Filologe no‐Juliya, u‐Nereyusi nodade wake, no‐Limpasi, nabo bonke abangcwele abanabo.
16
Bulisanani ngokwanga okungcwele. Iṙemente zika‐Kristu ziyanibulisa.
17
Kekaloku ndiyanikunga, bazalwana! ukuba nigqale abo bazenzayo imbambaniso nezixakaniso, ngokungalungelene nofundiso enilufundileyo; nize nibapepe.
18
Ngokuba abanjalo bengakonzi inkosi yetu u‐Yesu Kristu, koko bekonza isisu sabo; bati kanjalo ngamazwi amnandi nangeziteto ezibongayo bazilukuhle intliziyo zabangenamamenemene.
19
Ngokuba ukuva kwenu kuvakele kubo bonke abantu. Ndiyavuya ngoko pezu kwenu: kodwa ndinga ningaba ngabalumkileyo ngakuko okulungileyo, nabangenamaqokolo ngakuko okukohlakeleyo.
20
Waeya kuti utixo woxolo ahle atyumze u‐Satane ngapantsi kwenyawo zenu. Ufefe lwenkosi yetu u‐Yesu Kristu malube nani. Amene.
21
U‐Timote umsebenzisi wam, no‐Lukusi, no‐Yasone, no‐Sosipatere, izalamane zam, bayanibulisa.
22
Mna Teretusi, owaba̔la le ncwadi, ndiyanibulisa enkosini.
23
U‐Gayusi, umbuki wam noweṙemente yonke, uyanibulisa. U‐Erastusi igosa lesixeko uyanibulisa, no‐Kwarito umzalwana wetu.
24
Ufefe lwenkosi yetu u‐Yesu Kristu malube nani nonke. Amene.
25
Kekaloku kulowo unamandla okuniqinisa njengokwevangeli yam nokushunyayelwa kuka‐Yesu Kristu, njengokwokutyilwa kwemfihlakalo, ebitiwe cwaka emaxesheni akudala,
26
ete kodwa yabonakaliswa kaloku nje, yaziswa ngazo iziba̔lo zabaprofite, njengokwomyolelo wake utixo ongunapakade, kuzo zonke intlanga kube kukuva kwokolo:
27
kutixo okupela kwolumkileyo, ngaye u‐Yesu Kristu, okuye makubeko ubungcwalisa kude kube ngunapakade. Amene.
← Chapter 15
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
All chapters:
1
2
3
4
5
6
7
8
9
10
11
12
13
14
15
16